Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 49—Intsilelo Ekuqhubeleni Phambhili

    UHLAZIYO aluzange luphele, ngoLuther njengokuba abanye becinga. Luza kuqhutywa kude kube sekuphelisweni kwebali lelihlabathi. U-Luther waye nomsebenzi omkhulu amakawenze wokunikela ukukhanya uThixo awaye buvumele ukuba buthi chapha phezu kwakhe; kanti noko akazange akufumane konke ukukhanya okwakuza kunikelwa ehlabathini. Ukususela kwelo xesha ukuza kweli, kusoloko kwabakho ukukhanya okutsha okuthe chapha phezu kweziBhalo, neenyaniso ezintsha zisoloko zicombhuluka.IL 317.1

    U-Luther nabasebenzisani naye bamenzela uThixo umsebenzi omkhulu; kodwa, njengokuba babephuma kwiBandla laseRoma, bekholelwa nabo bezivakalisa iimfundiso zalo, kwa kungalindelwe ukuba baya kuziphaula zonke ezimposiso. Umsebenzi wabo wawu kukuqhaula imixokelelwane yaseRoma bayinikele iBaibile ehlabathini; kodwa ke kwa kukho iinyaniso ezibalulekileyo abasilelayo ukuzivumbhulula, neemposiso ezinkulu abasilelayo ukuzilahla. Inkoliso yabo yaphikela ukuyigcina iCawa kunye nezinye izikhumbhuzo zobu-popi. Enyanisweni, babengayithathi ukuba inegunya likaThixo, kodwa bekholwa ukuba mayigcinwe njengomhla owamkeleke jikelele wonqulo. Kwa kukho abathile phakathi kwabo, kodwa, ababe hlonele iSabata yomthetho wesine. Phakathi kwabahlaziyi bebandla kufanele ukuba kubekho indawo yembheko enikwa kwaabo bayimelayo inyaniso eyayingakhathalelwe jikelele, ingakhathalelwe nangamaProtestante — aabo bakugcina ukuxabiseka komthetho wesine nokufaneleka kweSabata yeBaibile. Lwakuba uHlaziyo lubutshayele ubumnyama obabuthe zinzi phezu kobuKristu, abagcini-Sabata bavela kumazwe amaninzi.IL 317.2

    Aabo bazamkelayo iintsikelelo ezinkulu zoHlaziyo abahambhelanga phambhili endleleni eyangenwa ngokubukeka kangaka nguLuther. Amadoda ambalwa athembhekileyo avuka amaxesha ngamaxesha ukuvakalisa inyaniso ethile entsha ahlaze imposiso egciniweyo ithuba elide, kodwa uninzi, kwa njengamaJuda exesha likaKristu, okanye abalandeli bobu-popi ngexesha likaLuther, babe saneliswa kukukholwa koko ooyise babe kholelwa kuko, nokuhlala ngendlela ababehleli ngayo. Ngenxa yoko ke unqulo kwakhona lonakala lwaba yinto nje elisiko; zaza iimposiso neenkolo enge zashenxiswa ukuba ibandla lalizingise ngokuhambha ekukhanyeni kweiiZwi likaThixo, zagcinwa zondliwa. Ngalendlela ke umoya owawuphenjelelwe luhlaziyo waya usifa, kwada kwaphantse ukuba kufuneke uhlaziyo olukhulu kumabandla obuProtestante olungangokuba lwalufuneka kwiBandla laseRoma ngexesha likaLuther. Kwa kukho kwa okuya kulala kwasemoyeni, nokuya kuxabisa izimvo zabantu, kwa nalaa moya wokuthanda ihlabathi, nokuya kumisela iimfundiso zabantu endaweni yeemfundiso zeliZwi likaThixo. Ikratshi nogabadelo zaphenjelelwa ezizinto phantsi kwengubo yonqulo. Amabandla onakala ngokuzimanya ne hlabathi. Zathotywa ngalendlela ke iziseko ezikhulu uLuther nabasebenzi kunye naye abeenza bathwala kukhulu kangaka ngenxa yazo.IL 317.3

    Njengokuba uSatana wabonayo ukuba woyiswa kukuyicima inyaniso ngentshutshiso, wabhenela kwakhona kwicebo lokukhaulelana okwakhokelela kukreqo olukhulu nasekumisweni kwebandla laseRoma. Wawacengela amaKristu ukuba azalamanise, kungabi ngoku nabahedeni, kodwa kube naabo bathi ngokunqula kwabo uThixo welihlabathi, bazibonakalalisa ngokucacileyo ukuba bangabanquli bezithixo.IL 318.1

    U-Satana waye ngasenako ukuyibandeza iBaibile ebantwini; yayi sondezwe ukuba ifikelelwe ngabo bonke. Kodwa wakhokelela amawaka ukuba amkele intyilelo ezibubuxoki neemfundiso ezingezizo, ngaphandle kokuziphengulula iziBhalo ukuba bazifundele inyaniso ngokwabo. Waye zifiphaza iimfundiso zeBaibile, zaye izithethe ezaziza konakalisa izigidi zimila nzulu. Ibandla lalixhasa likhusela ezizithethe, endaweni yokuluzamela ukholo abalunikelwa kwaakanye abangcwele. Laza lathi logama lalingayazi mpela imeko elikuyo kwanomngcipheko elikuwo, ibandla ne- hlabathi laya lisondela ngokukhauleza kwelona xesha lindilekileyo nelona lixabiseke kakhulu ebalini lehlabathi — ixesha ke lokutyhilwa koNyana womntu.IL 318.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents