Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 50—Isigidimi seNgelosi Yokuqala

    ISIPROFETO sesigidimi sengelosi yokuqala esiveliswe kwese 14 kwisiTyhilelo, sayifumana inzaliseko yaso kwintshukumo yokuza kukaYesu ka 1840-1844. Kwe laseEurope nelaseAmerica, amadoda okholo nawokuthandaza achukumiseka kakhulu yakuba ingqalelo yawo itsalelwe eziprofetweni, aza, akuba eyilandile iNgxelo ePhefumlelweyo, abubona ubunqhina obanelisayo bokuba isiphelo sezinto zonke sisondele. UMoya kaThixo wabaqhuba abakhonzi bakhe ukuba basinike esi siyalo. Kude nabanzi sasasazeka isigidimi seendaba ezilungileyo, esithi, “Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe.” IsiTyhilelo 14: 7.IL 319.1

    Naphina apho abafundisi bangena khona, zathunyelwa ezindaba zovuyo zokubuya okumsinya kukaKristu. Kumazwe ngamazwe kwafunyanwa amaqelana awodwa amaKristu, awathi, nje kuphela ngokuqwalasela iziBhalo, afikelela enkolweni yokuba ukubuya komSindisi kukufuphi kakhulu. Kwezinye izithili zaseEurope, apho imithetho yayicinezela ngangokuba ikwalele ukushunyayelwa kwemfundiso yokubuya kweNkosi, abantwana abancinane baqhutywa ukuba bakuvakalise, baza babaninzi abasiphula-phulayo esi sigidimi sindilekileyo.IL 319.2

    Ku-William Miller nabasebenzisani kunye naye kwanikelwa ukushunyayelwa kwesisigidimi eAmerica, kwaza ukukhanya okuphenjwe kukusebenza kwabo kwathi tha kumazwe akude. UThixo wathumela isithunywa sakhe ukuba sichukumise intliziyo yomlimi othile owayengakholwa yiBaibile, simkhokelele ekuzicikideni iziprofeto. Izithunywa zikaThixo zamtye- lela futhi lomnyulwa, ukuba ziyikhokele ingqondo yakhe ziyivule ingqiqo yakhe eziprofetweni ezazikade zimnyama kubantu bakaThixo. Incam yomxokelelwane wenyaniso yanikwa yena, waza wakhokelelwa ukuba afune ikhonkco emva kwekhonkco, wada walikhangela ngokukhwankqiswa nangokulibuka iliZwi likaThixo. Wabona apho umxokelelwane ogqibeleleyo wenyaniso. Eli liZwi awaye likhangelele ukuba aliphefumlelwanga, ngoku latyileka emehlweni akhe ngabo bonke ubuhle nozuko lwalo. Wabona ukuba esinye isahlulo sesiBhalo sicacisa esinye, kwaza kwathi sakuba esinye isiqendu singaqondakali kuye, wafumana kwenye indawo yeliZwi oko kusichazayo. Walinyamekela iliZwi eliNgcwele ngovuyo, nangentlonelo enzulu nembheko. Akuba ehambha nazo ezilandela iziprofeto wabona ukuba abemi bomhlaba baphila kwiziganeko zokugqibela ebalini lehlabathi; kanti noko babe ngakwazi oku. Wakhangela emabandleni, wawabona ukuba akhohlakele; aye lususile uthando lwawo kuYesu alubeka phezu kwehlabathi; ayefuna imbheko yehlabathi, endaweni yalombheko ivela ngaphezulu; ebambhelela ebutyebini behlabathi, enda-weni yokuziqwebela ubutyebi emazulwini. Wabona ubuhanahanisi, ubumnyama, nokufa ezindaweni zonke. Umoya wakhe wachukumiseka ngaphakathi kwakhe. UThixo wambiza ukuba awashiye amasimi akhe, njengoko wambizayo uElisha ukuba azishiye iinkabi zakhe nentsimi awayesebenza kuyo ukuba alandele uElija.IL 319.3

    Ngokungcangcazela, uWilliam Miller waqalisa ukucombhulula phambhi kwabantu iimfihlelo zobukumkani bukaThixo, ehambha nabaphula-phuli bakhe ngeziprofeto wada waza kufika ekuzeni kukaKristu kwesibini. Ubunqhina beziBhalo obalatha ukufika kukaKristu ngo-1843 kwavusa unandipho olubanzi. Abaninzi baneliswa ukuba iingxoxo eziphuma kumaxesha eziprofeto ziyinyaniso, baza bathi, belibingelela ikratshi lezimvo zabo, bayamkela ngokuvuya inyaniso. Abanye abafundisi bazibeka bucala izimvo zamahlelo abo, bayishiya imivuzo yabo namabandla abo, bazimanya ekuvakaliseni ukuza kukaYesu.IL 321.1

    Kodwa babembalwa, abafundisi abavumayo uku- samkela esi sigidimi; ngenxa yoko ke sasinikelwe kakhulu kubashumayeli abathobekileyo. Abalimi bawashiya amasimi abo, abasebenzi izixhobo zabo, abarwebi iimpahla zabo, amadoda azinjinga awashiya amawonga awo; kanti noko inani labasebenzi lalilincinane lakuthelekiswa nomsebenzi oma ufezwe. Imeko yebandla elingahlonele Thixo nehlabathi elilele enkohlakalweni, yaba ngumthwalo emiphefumlweni yabalindi benene, baza bakunyamezela ukusebenza nzima, intswelo nokubandezeleka, ukuze babe nokubizela abantu enguqukweni esa elusindisweni. Nakuba babechaswe nguSatana, umsebenzi wahambhela phambhili ngokuqinileyo, saza isigidimi sokubuya kukaYesu samkelwa ngamawaka.IL 321.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents