Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ixesha Lokulinda

    Uthe wakudlula umnyaka ka-1843 kungabonakalanga ukuza kukaYesu, aabo babekukhangele ngokholo ukubonakala kwakhe bashiywa okwexeshana ekuthandabuzeni nasekuxakekeni. Kodwa nangona babedanisiwe, abaninzi baphikela ukuphengulula iziBhalo, bebucikida ngokutsha ubunqhina bokholo lwabo, beziqwalasela ngocoselelo iziprofeto ukuba bazuze ukukhanya okungaphezulu. Ubunqhina beBaibile obuxhasa okukuma kwabo bakhangeleka bucacile buphelele. Imiqondiso ekungenakuphazanywa kuyo yayalathe ukuba ukuza kukaKristu kukufuphi. Amakholwa akabanga nako ukukucacisa ukudaniswa kwawo; kanti noko aziva eqinisekile ukuba uThixo nguye obebakhokele emaveni awo adluleyo.IL 329.3

    Ukholo lwawo lomelezwa kakhulu yingcaciso etsolileyo nenegunya yezo zibhalo zimisa ithuba lokulinda. Ngaphambhi koku malunga nomnyaka 1842, uMoya kaThixo wawuchukumise uCharles Fitch ukuba enze umfanekiso wesiprofeto (chart), owawamkelwe ngabaLindi bonke ukuba yinzaliseko yomyalelo owanikwa ngumprofeti uHabakuk, othi, “bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni.” Akubanga kho namnye, noko, owalibonayo ithuba lokulinda elalibonakaliswe kwa kwesi siprofeto. Emva kokudaniswa intsingiselo ezeleyo yesisibhalo yacaca. Uthetha ngalendlela umprofeti, “Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo. Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhaulezela ekupheleni, ungathethi wona amanga; ukuba uthe wazila-zila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.” Habakuk 2: 2, 3.IL 329.4

    Abalindileyo bavuyiswa kukuba Lowo usaziyo isiphelo kwa sekuqalekeni waye ekhangele phambhili kuwo amaphakade, waza, ekubona ngenxa engaphambhili ukudaniswa kwabo, wabanika amazwi enkuthazo nethembha. Ukuba bekungabanga ngenxa yeziqendwana ezinjengezi zesiBhalo, ezibonisa ukuba basendleleni eyiyo, ukholo lwabo ngeloyisakala ngelothuba lokulingwa.IL 330.1

    Kumzekeliso weentombhi ezilishumi, kwekaMateyu 25, amava abaLindi afanekiswe ngenkqubo yomsitho waseMpumalanga. “Ngeloxesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombhi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhaulela umyeni.” “Ke akubona ukuba ulibele umyeni, zoozela zalala.”IL 330.2

    Intshukumo ehambhe banzi phantsi kokuvakaliswa kwesigidimi sokuqala, yanqhinelana nokuphuma kweentombhi, ekubeni ukudlula kwexesha lokulindela, uku-daniswa, nokulibala, kwakumelwe kukulibala komyeni. Lakuba ixesha elimisiweyo lidlule, amakholwa enene aye samanyene enkolweni yokuba ukupheliswa kwezinto zonke kukufuphi; kodwa kwehla kwaqondakala ukuba bayalahlekwa, ngandlela ithile, bubushushu nokuzinikela kwabo, bawa kwisimo esixelwe apha kulomzekeliso sokulala kweentombhi ngethuba lokulinda.IL 330.3

    Malunga nelixesha kwaqalisa ukubonakala kwenkolo ebuphambhana. Abanye ababe zibiza ukuba bangamakholwa ashushu kwesi sigidimi balicekisa iliZwi likaThixo ukuba libe ngumkhokeli wabo ongenakuphosisa, baza, bebanga ukuba bakhokelwa nguMoya, bazinikela ukuba balaulwe zizimvo nezicamango zabo. Babe kho aabo babebonakalalisa ubushushu obungaboniyo nobuneenkani, bebancetheza bonke abangavumelani nendlela yabo. Izimvo zabo zenkolo ebuphambha- na nezenzo zabo azifumananga bavelana nazo kwisiqu esikhulu sabaLindi; kodwa zadala ukuba kubekho isigxeko emsebenzini wenyaniso.IL 330.4

    Ukushunyanyelwa kwesigidimi sokuqala ngo-1843, nokwendanduluko yasenzulwini yobusuku ngo-1844, kwakujonge nqo ekuthinteleni inkolo ebuphambhana nezahlukwano. Aabo babe thabathe inxaxheba kwezintshukumo zindilekileyo babevisisana ; iintliziyo zabo zazizaliswe kukuthandana omnye nomnye, nakukuthanda uYesu, ababe lindele ukumbona kamsinya. Ukholo olunye, ithembha elinye elinoyolo, labaphakamisa baba ngaphaya kokulaulwa zimpembhelelo zoluntu laba likhakha lokubakhusela ezintolweni zikaSatana.IL 331.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents