Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 54—Isigidimi seNgelosi Yesithathu

    AKUBA uKristu engene kwingcwele ka ngcwele yengcwele yasezulwini ukuya kwenza umsebenzi wokuvala ucamagushelo lwakhe, wanikela kubakhonzi bakhe isigidimi sokugqibela senceba ukuba sivakaliswe ehlabathini. Sinjalo ke isigidimi soyalo sengelosi ye-sithathu sesiTyhilelo 14. Kwa oko emva kwesi simemezo, uNyana womntu ubonwa ngumprofeti esiza esebuqaqaulini ukuba avune isivuno somhlaba.IL 340.1

    Njengoko kuxeliweyo ngenxa engaphambhili eziBhalweni, ulungiselelo lukaKristu kwingcwele ka ngcwele lwaqala ekupheleni kwemihla yesiprofeto ngo1844. Asingisele kwelithuba amazwi omTyhilelwa, athi, “Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya yomnqophiso wakhe.” IsiTyhilelo 11: 19. Ityeya yomnqophiso kaThixo ikwigumbhi lesibini lengcwele. Akuba uKristu engene apho, ukuba alungiselele ngenxa yomooni, itempile engaphakathi yavulwa, yabonakalaliswa ityeya kaThixo. Kwaabo bathi ngokholo bambona umSindisi esemsebenzini wakhe wokusithethelela, ubungangamsha namandla kaThixo aatyhilwa. Yakuba indili yobuqaqauli bakhe iyizalisile itempile, ukukhanya okuphuma kwingcwele ka ngcwele kwathululelwa phezu kwabantu bakhe abalindileyo emhlabeni.IL 340.2

    Babethe ngokholo bamlandela umBingeleli wabo omKhulu ukuphuma engcweleni ukuya kwingcwele ka ngcwele, bambona ebacamagushela ngegazi lakhe phambhi kwetyeya kaThixo. Ngaphakathi kwityeya engcwele kukho umthetho kaYise, kwa wona lowo uThixo awuthetha ngokwakhe phakathi kweendudumo zaseSinayi, wabhalwa ngomnwe wakhe emacwecweni amatye. Akukho namnye umthetho owapheliswayo; akukho nesuntswana okanye iganyana elaguqulwayo. Ekubeni uThixo wamnikayo uMoses umfanekiso womthetho wakhe, wayigcina eyona nkqu ibalulekileyo kwingcwele yaphezulu. Bathe bakuba beyilanda imimiselo yawo engcwele, abafuni benya- niso, bafumana esazulwini kanye semiThetho eliShumi, umthetho wesine, unjengokuba wawuvakaliswe njalo ekuqaleni: “Khumbhula umhla weSabata, ukuba uwungcwalise. Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; ke wona umhla wesixhenxe uyiSabata kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombhi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho: kuba ngemihla emithandathu uYehova weenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe ; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla weSabata, wawungcwalisa.” Eksodus 20: 8-11.IL 340.3

    UMoya kaThixo wazichukumisa iintliziyo zaaba bafundi beliZwi lakhe. Baziva behlabekile ngaphakathi kwabo ukuba babe waphule ngokungazi umthetho wesine ngokungawukhathaleli umhla wokuphumla komDali. Baqalisa ukuqwalasela izizathu zokugcinwa komhla wokuqala weveki endaweni yomhla lowo uThixo waye wungcwalisile. Ababanga nakufumana bunqhina eziBhalweni bokuba umthetho wesine ubhangisiwe, okanye iSabata iguqulwe; intsikelelo eyawungcwalisayo kuqala umhla wesixhenxe ayizange yashenxiswa. Babefuna ngokuthembheka ukuyazi bayenze intando kaThixo, kwaza ngoku, bakuba bezibonile ukuba bangabagqithi bomthetho wakhe, zazaliswa iintliziyo zabo lusizi. Bakubonakalalisa kwa oko ukumhlonela kwabo uThixo ngokuyigcina iSabata yakhe engcwele.IL 341.1

    Yaba mininzi yanenyameko imizamo eyenziwayo yokulubhukuqa ukholo lwabo. Akukho namnye owaye nokungaboni ukuba ingcwele yasemhlabeni yayi sisithunzi okanye umfuziselo weyasemazulwini, umthetho owawugcinwe etyeyeni kweyasemhlabeni wawungumbhalo othe nqo womthetho osetyeyeni ezulwini, nokuba ukuyamkela inyaniso esingisele kwingcwele yasezulwini iquke ukuwavuma amabango omthetho kaThixo, nemfanelo yokugcinwa kweSabata yomthetho wesine.IL 341.2

    Aabo babekwamkele ukukhanya ngokusingisele ekuthetheleleni kukaKristu nokuba sisimakade komthetho kaThixo, bafumana ukuba ezi ziinyaniso eza- tyhilwa kwisigidimi sesithathu. Isithunywa sithi, “Naaba abayigcinayo imithetho kaThixo nokholo lukaYesu.” IsiTyhilelo 14: 12. Lentetho yandulelwa sisiyalo esindilekileyo nesoyikekayo esithi: “Ukuba umntu uya linqula iramncwa nomfanekiso walo, amkele uphau lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe: yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikezwanga endebeni yengqumbho yakhe.” IsiTyhilelo 14: 9, 10. Ingcaciso yalemifuziselo isetyenzisiweyo yafuneka ukuze sibe nokuqondwa esi sigidimi. Lalithetha ntoni na iramncwa, nomfanekiso, nophau? Kwakhona aabo babefuna inyaniso babuyela ekuqwalaseleni iziprofeto.IL 341.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents