Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isigidimi Esindilekileyo

    Esona sisongelo soyikekayo sakha sabhekiswa ebantwini sikwisigidimi sengelosi yesithathu. Eso ma sibe sisoono esoyikekayo esibiza umsindo kaThixo ongaxubananga nenceba ukuba uhle. Abantu abaz’ ukushiywa ebumnyameni ngokusingisele kulomcimbhi ubalulekileyo; isiyalo ngakwesisoono siza kunikwa ehlabathini ngaphambhi kokuthululwa kwezigwebo zikaThixo, ukuze bonke bazi ukuba kungani na ukuba zithululwe, babe nethuba lokuzisindisa.IL 344.3

    Ekuqhubeni kwalempikiswano inkulu, kuvela iindidi ezimbhini ezicacileyo ezichaseneyo. Olunye udidi “lunqula iramncwa nomfanekiso walo, lwamkele uphau lwalo,” luze ngalendlela luzizisele isigwebo esoyikekayo esixelwa sisithunywa sesithathu. Olunye udidi, ngokwahluke ngokucacileyo ehlabathini, “lugcina imithetho kaThixo, nokholo lukaYesu.” IsiTyhilelo 14: 9, 12.IL 345.1

    Zaba njalo ke iinyaniso ezixabiso likhulu ezatyhilekayo phambhi kwaabo basamkelayo isigidimi sengelosi yesithathu. Bakuba bewafumene amava abo kwisimemezo sokuqala sokuza kwesibini kukaYesu kuse ekudluleni kweloxesha ngo-1844, bakubona ukudaniswa kwabo kucaciswa, laza ithembha novuyo kwakhona lwazizalisa iintliziyo zabo. Ukukhanya okuphuma engcweleni kwalikhanyisa ilixa elidluleyo, nelakaloku, nelizayo, baza bazi ukuba uThixo nguye owaye bakhokhele ngokwazelelela kwakhe okungazange kuphosise. Ngoku ngesibindi esitsha nokholo olomelele ngakumbhi, bamanyana ekusinikeni isiyalo sengelosi yesithathu. Ukususela ku-1844, ngokuzalisa isiprofeto sengelosi yesithathu, ingqalelo yehlabathi ibizelwe kwiSabata yenyaniso, kwaye inani elisoloko lisanda liya buyela ekugcineni umhla kaThixo ongcwele.IL 345.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents