Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umbono Wekamva

    Kwatyhilwa kuAdam iziganeko ezibalulekileyo zekamva, ukuthabathela ekugxothweni kwakhe eEden ukuya kuNogumbhe, kuqhube njalo kuse ekuzeni kokuqala kukaKristu emhlabeni; ukumthanda kwakhe uAdam nenzala yakhe kwakuza kumbanga uNyana kaThixo ukuba azithobele ekuthabatheni isimo somntu, aze ngokwenza njalo abaphakamise, ngako ukuthobeka kwakhe, bonke aabo baya kukholwa kuye. Idini elinjalo lalixabiseke ngokupheleleyo ngangokuba lisindise ihlabathi liphela ; kodwa babembalwa nje abaya kulwamkela olusindiso luziswe kubo ngedini elingummangaliso kangaka. Abaninzi babe ngaz’ ukuyithambhela imigaqo efunekayo ukuba babe ngamabelana ngolusindiso lwakhe lukhulu. Babeya kukhetha isoono nokwaphulwa komthetho kaThixo endaweni yenguquko nentobelo, bethembhele ngokholo ekufanelekeni kwedini elinikelweyo. Elidini lalinexabiso elingaphele ndawo ngangokuba limenze umntu lowo ulamkeleyo axabiseke ngaphezu kwegolide ecikiziweyo, ewe umntu ngaphezu kwegolide ecikiziweyo yakwaOfire.IL 43.3

    UAdam waphumeleliswa kwizizukulwana ngokulandelelana kwazo wakubona ukwanda kwenkohlakalo, nesoono nokunchola, ngenxa yokuba umntu wayeza kuthambhekela kwiinkanuko zakhe ezinamandla zemveli zokufuna ukwaphula umthetho ongcwele kaThixo. Waboniswa isiqalekiso sikaThixo sihleli kanzima ngokungakumbhi phezu kohlanga loluntu, naphezu kweenkomo, naphezu komhlaba, ngenxa yokukreqa okuthe roqo komntu. Waboniswa ukuba inkohlakalo nogonyamelo zaziza kuya zisanda; kanti noko phakathi kwawo wonke lomsinga wokubandezeleka nelishwa lomntu, kwakuza kusoloko kukho abambalwa abaya kukugcina ukwaziwa kukaThixo bahlale bangashukunyiswa phakathi kokukonakala kwesimilo okulaulayo. UAdam wenziwa wasiqonda into esiyiyo isoono — ukwaphulwa komthetho. Waboniswa ukuba ukonakala kwasesimilweni, nokwengqondo nokomzimbha kuya kulungenela uhlanga ngenxa yokoona, lide ihlabathi lizaliswe kukubandezeleka koluntu kweendlela zonke.IL 44.1

    Imihla yomntu yafutshaniswa yindlela yakhe yesoono sokwaphula umthetho olungileyo kaThixo. Uhlanga lwagqibela ngokuncipha kakhulu ngangokuba lukhangeleke phantsi lungaxabiseki. Babekholise ngo- kungabinako ukuyixabisa imfihlelo yaseKalvari, iinyaniso eziphakamileyo nezintle zocamagushelo, necebo losindiso, ngenxa yokuyinxhala ingqondo. Kodwa ke, kukho njalo obubuthathaka, namandla afipheleyo engqondo, nesimilo, namandla omzimbha ohlanga loluntu, uKristu ethembhekile kulonjongo alishiye ngayo izulu, usoloko enononelelo koluhlobo loluntu lubuthathak, lunciphileyo, lonakeleyo, elumema ukuba lubufihle kuye ubuthathaka nokusilela kwalo. Ukuba abantu baya kuza kuye, uya kukwenzelelela konke ukuswela kwabo.IL 44.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents