Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amava amaJuda Ephindwa

    Ndaalathiswa emva ekuvakalisweni kokuza kokuqala kukaKristu. UJohane wathunyelwa enomoya namandla kaElija ukuba alungise indlela kaYesu. Aabo babucekisayo ubunqhina bukaJohane abazange bancedwe zimfundiso zikaYesu. Ukusichasa kwabo isigidimi esasixela ngenxa engaphambhili ukuza kwakhe kwababeka apho bangabanga nakwamkela kamsinya obona bunqhina bomeleleyo bokuba unguye uMesiya. USatana wabakhokela aabo basicekisayo isi- gidimi sikaJohane ekuhambiseleni phambhili, ukumgiba nokumbethelela emnqamlezweni uKristu. Ekwenzeni oku bazibeka apho bangabanga nakuzamkela iintsikelelo zomhla wePentekoste, ezaziya kubafundisa indlela eya kwingcwele yasezulwini.IL 346.3

    Ukukrazuka kwekhuselo lasetempileni kwabonisa ukuba amadini obuJuda nemithendeleko yayingasayi kwamkeleka. IDini elikhulu lalinikelwe lamkelwa, noMoya oyiNgcwele owehla ngomhla wePentekoste wazithwalela iingqiqo zabafundi zemka kwingcwele yasemhlabeni zaya kwingcwele yasezulwini, apho uYesu wayengene khona ngelilelakhe igazi, ukuba athululele phezu kwabafundi bakhe iintsikelelo zocamagushelo lwakhe. Kodwa amaJuda ashiywa ebumnyameni obupheleleyo. Aphoswa kuko konke ukukhanya ange abanako ngecebo losindiso, aza ahlala ethembhele kumadini neminikelo engenamsebenzi. Ingcwele yasemazulwini yayithabathe indawo yeyasemhlabeni, kanti noko aye ngenalwazi ngalenguqulelo. Ngako oko ke ayenge nakuncedakala kukuthethelela kukaKristu engcweleni.IL 347.1

    Baninzi abayikhangela ngokududuzela indlela eyathatyathwa ngamaJuda yokumcekisa ambethelele emnqamlezweni uKristu; baze bathi bakuba belifunda ibali lokuphatheka kwakhe kakubi ngokulihlazo, bacinge ukuba bona bayamthanda, babe ngasokuze bamkhanyele njengoPetros, okanye bambethelele emnqamlezweni njengamaJuda. Kodwa uThixo, ofunda iintliziyo, ulubeke elucikidweni olothando bathi banalo ngakuYesu.IL 347.2

    Izulu liphela lakukhangela ngonyameko olunzulu ukwamkelwa kwesigidimi sengelosi yokuqala. Kodwa abaninzi ababesithi bayamthanda uYesu, nababephalaza iinyembhezi bakuba belifunda ibali lomnqamlezo, bagculela ngezindaba zilungileyo zokuza kwakhe, bathi yinkohliso. Babathiya aabo bakuthandayo ukubonakala kwakhe babakhupha emabandleni. Aabo basicekisayo isigidimi sokuqala ababanga nakuncedwa sesesibini; bengancedwanga kananjalo yindanduluko yasenzulwini yobusuku, eyayiza kubalungiselela ukuba bangene noYesu ngokholo kwingcwele kangcwele yengcwele yasezulwini. Kwaza ke ngokuzicekisa izigi- dimi ezibini ezingaphambhili, bazimfamekisa iingqiqo zabo ngangokuba bangabi nakubona ukukhanya kwisigidimi sengelosi yesithathu, esalatha indlela eya kwingcwele kangcwele.IL 347.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents