Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 66—Ukufa Kwesibini

    USATANA wasuka waangothe nkwabalala akububona ubuqaqauli nobungangamsha bukaKristu. Yena owayekhe wayikerubi egqubuthelayo uya khumbhula apho wawa ebekhona. Iserafi ebengezelayo, “unyana wesifingo;” aathi ukuguquka kwakhe, aathi ukuthotyelwa phantsi kwakhe!IL 382.2

    USatana uyaqonda ukuba uvukelo lokuzithandela kwakhe lumenze akalifanela izulu. Amandla akhe wawaqeqeshela ukulwa noThixo; ubunyulu, uxolo, nolungelelwano lwasezulwini babuza kuba yintuthumbhi- so enkulu kakhulu kuye. Izityholo zakhe ngakwinceba nobulungisa bukaThixo ngoku zithulisiwe. Ungcikivo awazamela ukuluphosa phezu koYehova lwabuyela ngoku lonke phezu kwakhe. Ngoku ke uSatana uyaqubuda phantsi akuvume ukulunga nokubasesikweni kokugwetywa kwakhe.IL 382.3

    Wonke umbuzo ongenyaniso nobuxoki kulempikiswano indala ucacisiwe. Ubulungisa bukaThixo bumi bugwetyelwe ngokupheleleyo. Phambhi kwehlabathi lonke uyaboniswa umbingelelo omkhulu oweenziwa nguYise nanguNyana ngenxa yomntu. Ilixa lifikile ayithabatha ngalo uKristu indawo yakhe ngokwemfanelo, azukiswe ngaphezu kwazo izilauli namagunya nawo onke amagama abizwayo.IL 383.1

    Phezu kokuba uSatana enyanzeleke ukuba abuvume ubulungisa bukaThixo, nokuba aqubude phambhi kobongameli bukaKristu, isimilo sakhe sihlala sihleli. Umoya wovukelo, okomsinga onamandla, uyagqabhuka kwakhona. Ethe phithi ingqondo, uzimisela ukungayincami lempikiswano inkulu. Ilixa lifikile ngoku lokuba azilahlele kumzamo wokugqibela wokuchasa uKumkani wezulu. Uyaphoseleka esazulwini sababusi bakhe azamele ukubaphembhelela ngobujora bakhe abavusele emfazweni kwangoko. Kodwa kuyo yonke inyambhalala engenakubalwa ayitsalela eluvukelweni, akukho noko amnye ubuvumayo ubongameli bakhe. Igunya lakhe liphelile. Abakhohlakeleyo bazaliswe kwa yiloo ntiyo ngakuThixo ephembhelela uSatana ; kodwa bayabona ukuba akukho thembha emcimbhini wabo, nokuba abanakumoyisa uYehova. Umsindo wabo uyaphembheleleka ngakuSatana nangakwaabo babengabenzeleleli bakhe ekubakhohliseni. Ngoburalarume beedemon bayabajikela, kwalandela ke umbono wembhambhano egqibe lonke elimiweyo.IL 383.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents