Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 67—Umhlaba Omtsha

    “NDABONA izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule.” IsiTyhilelo 21: 1. Umlilo odla abangendawo uya wuhlambhulula umhlaba. Wonke umzila wesiqalekiso utshayelwe tu. Akukho sihogo sivutha ngonaphakade siyakugcina phambhi kwabakhululwa iziqhamo ezoyikekayo zesoono. Inye kuphela into eseleyo ekhumbhuzayo: umKhululi wethu uya kuhlala ewathwele amanxeba okubethelelwa kwakhe. Phezu kwentloko yakhe enxhweleriweyo, ezinyaweni, nasezandleni, kuphela kweempau ezikhoyo zomsebenzi okhohlakeleyo oweenziwa sisoono.IL 385.1

    “Wena ke, nqaba ende yomhlambhi, nduli yentombhi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambhili ulaulo.” Mika 4: 8. Ubukumkani obalahleka ngenxa yesoono, uKristu ubuzuzile kwakhona, babe abakhululweyo beza kubudla ilifa kunye naye. “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngo-naphakade.” InDumiso 37: 29. Uloyiko lokulenza ilifa labangcwele likhangeleke njengento ephathekayo lubakhokelele abaninzi ukuba bazenze zibe zizinto zasemoyeni ezonyaniso kanye ezisikhokelela ekuwukhangeleni umhlaba omtsha njengekhaya lethu. UKristu wabaqinisekisa abafundi bakhe ukuba uye kubalungiselela iindawo zokuhlala. Aabo bazamkelayo iimfundiso zeliZwi likaThixo abayi kuba ngabangenalwazi mpela ngokusingisele kwikhaya lasezulwini. Kanti ke noko umpostile uPaulos uthi, “Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, zizo uThixo awazilungisela aabo bamthandayo.” 1 Korinte 2: 9. Intetho yabantu ayanele ukuba ibe nokuwuchaza umvuzo wamalungisa. Uya kwaziwa kuphela ngaabo baya kuwubona. Akukho ngqondo inomda inako ukubuqiqa ubuqaqauli beParadisi kaThixo.IL 385.2

    E-Baibileni ilifa labasindisiweyo kuthiwa lilizwe. (Hebere 11: 14-16.) Apho kulo umAlusi omkhulu uya kuwukhokelela umhlambhi wakhe kumanzi aphilileyo. Umthi wobomi uvelisa iziqhamo iinyanga zonke, namagqabi omthi ngawokusetyenziswa ziintlanga. Kukho imilambho ehlala ibaleka, engcwengileyo njengekristale, nasecaleni kwayo kukho imithi egetyezayo izithunzi zayo ziwa phezu kweendlela ezilungiselwe abakhululwa bakaYehova. Khona apho amathafa athe thabalala enyuka ngokubukekayo abe ziinduli zobuhle, neentaba zikaThixo zizivelise iincopho zazo eziphakamileyo. Kuloo mathafa azaliswe luxolo, ecaleni kwaloo manzi aphilileyo, abantu bakaThixo, ababe ngabahambhi nezibhadu-bhadu ithuba elide kangaka, baya kufumana ikhaya.IL 387.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents