Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    UEnoki Enyuselwa Ezulwini

    UEnoki waya ekhula ekulifuzeni izulu logama wayedlelana noThixo. Ubuso bakhe babubengezela kukukhanya okungcwele okwakuhlala ebusweni bakhe xa efundisa aabo bafuna ukuva amazwi akhe obulumko. Ukufana kwakhe nezulu nesidima sakhe sabakhwankqisa abantu. UYehova wayemthanda uEnoki ngenxa yokuba wayemlandela ngenyameko eyicekisa inkohlakalo efuna ngenyameko ulwazi lwasezulwini, ukuze abe nako ukuyenza intando yakhe ngokugqibeleleyo. Waxhunela ukuzimanya ngokusondeleleneyo noThixo, awayemoyika, emhlonele, emthanda kakhulu. UThixo akavumanga ukuba uEnoki afe njengabanye abantu, kodwa wathumela izithunywa zakhe ukuba zimthabathele ezulwini engabonanga kufa. Phambhi kwamalungisa nabangendawo, uEnoki wasuswa kubo. Aabo bamthandayo bacinga ukuba uThixo uye wambeka kwenye yeendawo ebeqhele ukuya kubayedwa kuzo, kodwa emva kokumfuna ngenyameko, bengenako ukumfumana, banika ingxelo yokuba akakho, kuba uThixo umthabathile.IL 53.2

    UYehova apha ufundisa isifundo esibaluleke kakhulu ngokunyuselwa ezulwini kukaEnoki, owenzala kaAdam owileyo, sokuba bonke baya kuvuzwa, aabo bathe ngokholo bathembhela kwiDini elidingiweyo bayigcina ngokuthembheka imithetho yakhe. Kuboniswa iindidi ezimbhini kwakhona apha ezaziza kuhlala kude kube kukuza kwesibini kukaKristu — amalungisa nabangendawo, abavukeli nabathobeleyo. UThixo uya kuwakhumbhula amalungisa amoyikayo. Ngenxa yoNyana wakhe othandekayo uya kuwaxabisa awabeke awanike ubomi obungunaphakade. Kodwa abangendawo abalinyathelela phantsi igunya lakhe, uya kubanqamla abatshabalalise kuwo umhlaba, babe njengabangakhange babekho.IL 54.1

    Emva kokuwa kukaAdam kwisimo esigqibeleleyo sokonwaba ukuya kwisimo sosizi nesoono, kwa kukho ingozi yokuba umntu angatyhafa abuze ukuthi, “Sizuze ntoni na ngokuba sigcine isigxina sakhe, sahambha ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi” (Malaki 3: 14), ekubeni kuthe zinzi isiqalekiso esikhulu phezu kohlanga loluntu, nokufa kusisabelo sethu sonke? Kodwa imiyalelo uThixo ayinika uAdam, naayiphindayo kuSete neyazekeliswa ngokuzeleyo nguEnoki, yabugabula ubumnyama nesithokothoko, yanika ithembha emntwini, lokuba njengokuba ngoAdam kweza ukufa, ngoYesu, umKhululi odingiweyo, kuya kuza ubomi nokungafi.IL 54.2

    Ngomzekelo kaEnoki abathembhekileyo abatyhafileyo babefundiswa ukuba, nakuba behlala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo abazaliswe sisoono, ababemvukele phandle uThixo, umDali wabo, kodwa nje ukuba babe nokumthobela babe nokholo kumKhululi odingiweyo, babe nokwenza ubulungisa njengoEnoki othembhekileyo, bamkelwe nguThixo, baze ekugqibeleni banyuselwe phambhi kwetrone yakhe ezulwini.IL 54.3

    UEnoki, ezahlula nehlabathi, ixesha lakhe eli- khulu kananjalo elichithela ekuthandazeni nasekudlelaneni noThixo, umele abantu bakaThixo abathembhekileyo bemihla yokugqibela, abaya kwahluka ehlabathini. Okungendawo kuya kulaula ngendlela eyoyikekayo phezu komhlaba. Abantu baya kuzinikela ekulandeleni ukuyila kweentliziyo zabo ezonakeleyo baphumeze ulwazi lwabo lwenkohliso balivukele igunya lasezulwini phezulu.IL 54.4

    Abantu bakaThixo baya kuzahlula kwizenzo zokungalungi zaabo babangqongileyo bafune ukuzenza nyulu ezingcamangweni nasekuvumelaneni okungcwele nentando yakhe ude umfanekiso wobuthixo bakhe uthi-tyaba kubo. NjengoEnoki, baya kulungiselelwa ukunyuselwa ezulwini. Logama bezama ukufundisa nokuyala ihlabathi, abayi kumilisa okomoya namasiko abangakholwayo, kodwa baya kubagweba ngentlalo yabo engcwele nomzekelo omhle. Ukunyuselwa ezulwini kukaEnoki kanye ngaphambhi kokutshatyalaliswa kwehlabathi ngonogumbhe kumele ukunyuselwa ezulwini kwawo onke amalungisa ayakuba ehleli ephuma kulomhlaba ngaphambhi kokutshatyalaliswa kwawo ngomlilo. Abangcwele baya kuzukiswa ebusweni baabo babe bathiyile ngenxa yentobelo yabo enyanisekileyo kwimithetho elungileyo kaThixo.

    IL 55.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents