Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Izilo Zingena Emkhombheni

    Izithunywa zathunyelwa ukuba ziye kuhlanganisa ehlathini nasemathafeni izilwanyana uThixo awazidalayo. Izithunywa zahambha phambhi kwezi zilo, zaza zona zalandela, ngambhini, inkunzi nemazi, kwezihlambhulukileyo ngasixhenxe. Ezi zilo ukuthabathela kwesona sinoburalarume, kuse kwesona simbuna singenangozi, ngokuzolileyo nangokundilekileyo zakroza ukuya kungena emkhombheni. Isibhaka-bhaka sabangathi sisityekeliswe ziintaka zazo zonke iindidi. Zeza zibhabha emkhombheni, ngambhini ngambhini, inkunzi nemazi, nezihlambhulukileyo iintaka ngasixhenxe ngasixhenxe. Ihlabathi lakhangela limangalisiwe — abanye ngokoyika, kodwa babe sebenziwe lukhuni luvukelo ngangokuba lomqondiso wokubonakalaliswa kwamandla kaThixo ube nempembhelelo nje yethutyana kubo. Imihla esixhenxe ezi zilwanyana zazisiza kungena emkhombheni, uNowa ezingenisa kwiindawo ezilungiselelwe zona.IL 59.2

    Xa uhlanga olugwetyiweyo lwalibona ilanga libengezela ebuqaqaulini balo nomhlaba uhonjisiwe bubuhle obuphantse bafana neEden, bazithoba izibilini zabo ezazinyukile ngemigcobo edlongozelayo, bathi ngezenzo zabo zogonyamelo baba ngathi bayazibizela ukuvelelwa yingqumbho kaThixo eyayise ivukile.IL 59.3

    Yonke into ngoku yayise ilungele ukuvalwa kwomkhombhe, okwa kungenakwenziwa nguNowa engaphakathi. Kwabonakala isithunywa sezulu kwisihlwele esihlekisayo sisihla sivela ezulwini, sambhathiswe kukubengezela okunjengokombane. Saluvala ucango olukhulu lwangaphandle, saphinda indlela yaso yokubuyela ezulwini.IL 60.1

    Lwaba mihla isixhenxe usapho lukaNowa emkho-mbheni ngaphambhi kokuba imvula iqalise ukuwa phezu komhlaba. Ngalo elithuba babe lungiselela ithuba elide lokuhlala kwabo emkhombheni logama amanzi aya kuba ewugubungele umhlaba. Le yayi yimihla yochwayito lonyeliso kwisihlwele esingakholwayo. Bacinga ukuba, ngenxa yokuba isiprofeto sikaNowa singazaliseki kwangoko emva kokuba engene emkhombheni, makube ukhohlisiwe nokuba kwakungenakwenzeka ukuba umhlaba utshatyalaliswe ngonogumbhe. Ngaphambhi koku kwa kungazange kubekho mvula phezu komhlaba. Kwa kunyuka inkungu iphuma emanzini, uThixo awaye yenza ukuba iwe ngokuhlwa okombethe, ihlaziye utyani ibuchumise.IL 60.2

    Nakuba babe yibonile imbonakalo endilekileyo yamandla kaThixo — yesenzo esingaqhelekileyo sezilo ukushiya ihlathi namathafa, ziye kungena emkhombheni, nesithunywa sika-Thixo esambhethe ukubengezela sisoyikeka ngendili sisihla sivela ezulwini siluvala ucango; noko bazenza lukhuni iintliziyo zabo baphikela ukuziyolisa nokudlala ngeembhonakalo ezingumqondiso wamandla obuthixo.IL 60.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents