Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Intlekele Yehla

    Kodwa ngomhla wesibhozo izulu lathi gubungu lamnyama. Iindudumo ezindilayo nemibane emenyezelayo yaqala yaboyikisa abantu nezilo. Imvula yehla ivela kumafu aphezu kwabo. Le yayi yinto ababengazange bayibone ngaphambhili, zaza iintliziyo zabo zaqala ukufa kukoyika. Izilo zazibaleka zidakasa zinoloyiko olukhulu, namazwi azo angavaniyo abanga- thi ngumncwino wokuvakalisa isiphelo sazo nesomntu. Isiphango saya sisomelela ngamandla ada amanzi abangathi ehla ezingxangxasi ezinamandla ukuvela ezulwini. Imida yemilambho yagqithwa, aza amanzi atyhobezela ezintilini. Iziseko zenzulu zagqabuka. Imiqulu yamanzi yaatsaza ephuma emhlabeni ngamandla angenakuchazwa, ephosa amatye amakhulu eenyawo esibhakabhakeni, abuye azinchwabe nzulu emhlabeni.IL 60.4

    Abantu babona kuqala ukutshatyalaliswa kwemisebenzi yezandla zabo. Izakhiwo zabo ezihle, izitiya zabo ezilungiswe kakuhle namagcume apho babemise khona izithixo zabo, zatshatyalaliswa ngumbane ovela ezulwini. Imiwewe yazo yathiwa-sa kulo lonke. Babe zaakhele izithixo izibingelelo emagcumeni, bazinikela kwizithixo zabo, banikela ke phezu kwazo amadini abantu. Ezi ke uThixo waye zicekisa zadilizelwa phantsi ngumsindo wakhe phambhi kwabo, benziwa bankwantya phambhi kwamandla kaThixo ophilileyo, umEnzi wamazulu nomhlaba, benziwa ukuba bazi ukuba yimibingelelo yabo engamasikizi oyikekayo, abayenzela izithixo ebazisele intshabalalo yabo.IL 61.1

    Amandla esiphango aanda, kwaza ukulwa kweziqalelo zomhlaba kwaxubana nezijwili zabantu ababe lidelile igunya likaThixo. Imithi, izindlu, amawa nomhlaba ezonto zaphoswa macala onke. Ukunkwantya komntu nobezilo kwakunge nakuchazwa. NoSatana ngokwakhe, owaye nyanzelekile ukuba abe phakathi kweziqalelo ezilwayo, wazoyikela ukuphila kwakhe. Waye vuyisiwe kukulaula uhlanga olunamandla kangaka, walulangazelela ukuba luphile lwenze amasikizi alo, lulwandise uvukelo lwalo ngakuThixo wezulu. Wathetha amazwi okushwabulela uThixo, emtyhola ngokungalungi nokukhohlakala. Abantu abaninzi, kwa njengoSatana, bamnyelisa uThixo, kwaye ukuba babe nako ukuluqhubela phambhili uvukelo lwabo, nge bamtsala bamshenxisa etroneni yakhe yobulungisa.IL 61.2

    Xa abanye babemnyelisa bemthuka umDali wabo, abanye babephambhene kukoyika, izandla zabo bezolulela emkhombheni, bebongoza ukuba bangeniswe ngaphakathi. Kodwa oko kwa kungenakwenzeka. UThixo waye luvalile ucango, elalikuphela kwendlela yokungena, wamvalela uNowa ngaphakathi nabangahloneli-Thixo ngaphandle. Ukoyika nokuguquka kwabo kwafika se kusemva. Banyanzelwa ukuba bazi ukuba ukho uThixo ophilileyo, owaye nobungangamsha kunomntu, lowo bamdelayo bamnyelisa. Babiza kuye kabuhlungu, kodwa indlebe yakhe yayingakuphula-phuli ukulila kwabo. Abanye ngokuncama bazama ukuwuqhekeza umkhombhe bangene, kodwa esosaakhiwo senziwe ngokomelela sayoyisa yonke imizamo yabo. Abanye batsnela emkhombheni bada baxwilwa bemka nomsinga onamandla wamanzi okanye ukubambhelela kwabo kwananyululwa ngamatye nemithi eyayiphoswa macala onke.IL 61.3

    Aabo babesidelile isiyalo sikaNowa bahlekisa ngaye lomshumayeli uthembhekileyo wobulungisa baguquka sekusemva ekungakholweni kwabo. Umkhombhe wazanya-zanyiswa ngamandla waphoswa ngapha nangapha. Izilo ezingaphakathi zavakalisa ngokukhonya kwazo uloyiko olukhulu, kanti phakathi kwayo yonke longxobotshane kwiziqalelo zemvelo, nokulatyuza kwamanzi, nokuphoswa-phoswa ngapha nangapha kwemithi namatye, umkhombhe wahambha ukhuselekile. Izithunywa zezulu ezingamagora omeleleyo zawukhokela umkhombhe zawugcina engozini. Umzuzu ngamnye kwesosaqhwithi soyikekayo semihla engamashumi amane nobusuku obungamashumi amane ukukhuseleka komkhombhe kwaba ngummangaliso wamandla kaThixo.IL 62.1

    Izilwanyana ezazi sisichenge esaqhwithini zabalekela ebantwini, zinyula ubudlelane nabantu, ngokungathi zilindele uncedo kubo. Inxalenye yabantu bazibophelela kunye nabantwana babo kwizilo ezinamandla, besazi ukuba ziya kubambhelela ebomini bazo, zaye ziya kunyukela kwezona ndawo ziphakamileyo ukusaba amanzi anyukayo. Isaqhwithi asizange sidambhe amandla aso -— amanzi enyuka ngokukhauleza kuna sekuqaleni. Abanye bazibophelela kwimithi emide emikhulu kwezona ndawo ziphakamileyo zomhlaba, kodwa lemithi yancothulwa neengcambhu yafukulelwa ngamandla esibhaka-bhakeni yaba ngathi ijulelwa ngomsindo, kunye namatye nomhlaba, emazeni akhukhumeleyo abilayo. Phezu kwezona ndawo ziphakamileyo abantu nezilo balwela ukungahlukani neendawo zabo bada bonke kunye nazo baphoswa emanzini aphuma amagwebu, awaye sei’ ekufuphi kwezona ndawo ziphakamileyo zomhlaba. Ekugqibeleni ezona ndawo ziphakamileyo zafikelelwa, waza umntu kwa kunye nesilo ngokufanayo batshabalala emanzini kaNogumbhe.IL 62.2

    UNowa nosapho lwakhe bawakhangela ngokunxakama amanzi ukuwutha kwawo. Waye langazelela ukuphumela emhlabeni kwakhona. Wathuma ihlungulu lamana lizula-zula libuyelela emkhombheni. Akalufumananga ulwazi awayefuna ukulufumana, walandelisa ngokuthumela ihobe, elathi, lakuba lingafumani ndawo yakuphumla, labuyela emkhombheni kwakhona. Emva kwemihla esixhenxe ihobe lathunywa kwakhona kwaza kwakuba kubonwa igqabi lomnquma emlonyeni walo, kwabakho ukugcoba okukhulu kolusapho lwabantu abasibhozo olwa luvalelwe emkhombheni ithuba elide kangaka.IL 63.1

    Kwakhona kwehla isithunywa sezulu saluvula ucango lomkhombhe. UNowa wayenako ukuvula phezulu, kodwa wayengenako ukuluvula ucango, olwaluvalwe nguThixo. UThixo wathetha noNowa ngesithunywa eso saluvulayo ucango, waluyalela usapho lukaNowa ukuba luphume emkhombheni kunye nazo zonke izinto eziphilileyo ezazikunye nabo.IL 63.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents