Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umbingelelo kaNowa Nedinga LikaThixo

    UNowa akazange amlibale uThixo, owabagcina ngobabalo olungaka, kodwa kwa oko wamisa isibingelelo wathabatha kuzo zonke izilo ezihlambhulukileyo, nakuzo zonke iintaka ezihlambhulukileyo wanikela amadini atshisiweyo phezu kwesibingelelo, ebonisa ukholo lwakhe kuKristu idini elikhulu, ebonakalalisa nombulelo wakhe kuThixo ngenxa yokukhuselwa kwabo ngokumangalisayo. Umnikelo kaNowa wenyuka waya kuThixo waba livumbha elimnandi phambhi kwakhe. Wawamkela umnikelo lowo wamsikelela uNowa kunye nosapho lwakhe. Apha kunikwa isifundo kubo bonke abahlala emhlabeni, sokuba ngako konke ukubonakalaliswa kwenceba nothando lukaThixo kubo esona senzo siphambhili kuzo zonke simelwe kukuba kukunikela kuye umbulelo onzulu nonqulo lokuzithoba.IL 63.3

    Ukuze ke umntu angankwantyi akubona amafu ehlanganisana nemvula isiwa, aze asoloko ehleli ngokoyika, esoyika omnye unogumbhe, uThixo walomeleza ngobubele usapho lukaNowa ngedinga. “Ndiwumise umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbhe, kungabi sabakho nogumbhe wokulonakalisa ihlabathi. Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni: umnyama wam ndiwubeke eflni, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi. Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyama lowo efini; . . . Umnyama woba semafini ke, ndiwukhangele, ndikhumbhule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.”IL 64.1

    Kukuzithoba okungakananina oku ngakwicala likaThixo! Yimfesane engakananina le ngenxa yomntu onxaxhayo, le yokubeka emafini umnyama omhle omabalabala, umqondiso womnqophiso kaThixo omkhulu nabantu! Lo mnyama wawuza kunqhina inyaniso kuzo zonke izizukulwana yokuba uThixo wabatshabalalisa abemi bomhlaba ngonogumbhe ngenxa yenkohlakalo yabo enkulu. Yayi yinjongo yakhe ukuba abantwana bezizukulwana ezilandelayo bawubone umnyama efini baze babuze isizathu sesisanqha sizukileyo sinqumleze amazulu, abazali babo babeza kubachazela ngokutshatyalaliswa kwehlabathi elidala ngonogumbhe, ngenxa yokuba abantu babe zinikele kuzo zonke iindlela zenkohlakalo, nokuba izandla zOphezukonke zawugoba umnyama zawubeka emafini njengomqondiso wokuba akayi kuze kwakhona azise unogumbhe wamanzi phezu komhlaba.IL 64.2

    Lomqondiso usemafini ngowokuqinisela inkolo yabo bonke, baqinisele inkoloseko yabo kuThixo, kuba ungumqondiso wenceba kaThixo nokulunga kwakhe emntwini; wokuba nakuba uThixo waye xhokonxelwe ukuba awutshabalalise umhlaba ngoNogumbhe, kodwa inceba yakhe yayisawungqingile umhlaba. UThixo uthi xa ayakuwukhangela umnyama osefini uya kukhumbhula. Akafuni sicinge ukuba uya kuze alibale, kodwa uthetha nomntu ngolwimi lwakhe, ukuze umntu abe nako ukumqonda kakuhle.

    IL 64.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents