Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isigidimi Sengelosi

    Ulsake wayekholwa kuThixo. Wayefundiswe intobelo engenambuzo kuyise, emthanda emhlonele kananjalo uThixo kayise. Waye nokwaala kuyise ukuba wayethanda. Kodwa emva kokuba emwolile uyise ngothando, wavuma ukuba abotshwe abekwe phezu kwenkumi. Sithe ke sakuba siphakamile isandla sikayise ukuba ambulale unyana wakhe, isithunywa sikaThixo, esakubonayo konke ukuthembheka kukaAbraham kuyo londlela ibheka eMoriya, sabiza kuye sisezulwini, sathi, “Abraham, Abraham. Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana wakho kum, emnye kuwe.”IL 74.3

    UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, naantso inkunzi yegusha ngasemva ibambheke ngeempondo etyohlweni ; waya uAbraham wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.IL 75.1

    UAbraham ngoku waye luphumelele ngokupheleleyo ucikido, wathi ngokuthembheka kwakhe wakuhlambha ukuswela kwakhe ukuthembhela okupheleleyo kuThixo, ukuswela okwamkhokelela ukuba athabathe uHagare abe ngumfazi wakhe. Emva kokubonakalaliswa kokholo lukaAbraham, nenkoloseko yakhe, uThixo waliphinda idinga lakhe kuye. “Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini, sathi, Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile lento, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe: ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa imbhewu yakho njengeekwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbhewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo; zisikelelwe ngembhewu yakho zonke iintlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphula-phule ilizwi lam.”IL 75.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents