Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    UJosefu eJiputa

    Abakhuluwa bakaJosefu baceba ukumbulala, kodwa bazanelisa ekugqibeleni ngokumthengisa abe likhoboka, ukuthintela ukuba abe mkhulu kunabo. Bacinga ukuba bambeke apho angayi kube abakhathaze ngamaphupha akhe, nalapho ekungayi kubakho ndlela yokuzaliseka kwawo. Ngayo kanye lendlela bayithabathayo uThixo wayijikela ukuba izalise ooko ababezamela ukuba kungenzeki — okokuba abe ngumlauli phezu kwabo.IL 90.3

    UThixo akazange amyekele uJosefu ukuba aye yedwa eJiputa. Izithunywa zezulu zayilungiselela indle- la yokwamkelwa kwakhe. UPotifaro, umthetheli wamazembh’enkosi, wamthenga kumalshmayeli. UYehova waba naye uJosefu, wamsikelela wambabala emehlweni enkosi yakhe, ngangokuba yonke impahla yayo iyiphathise yena. “Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaJosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo.” Kwa kubalelwa ukuba kuyinqambhi ukuba umHebere alungiselele umJiputa ukudla.IL 90.4

    Xa uJosefu wayehendwa ukuba aphambhuke endleleni yokulungileyo, oone ngasemthethweni kaThixo abonise ukungathembheki enkosini yakhe, wachasa ngamandla wanika ubunqhina bamandla aphakamisayo okuhlonela uThixo empendulweni yakhe kumfazi wenkosi yakhe. Emva kokuthetha ngokuthenjwa kwakhe okukhulu yinkosi yakhe, ngokubeka konke enako phantsi kwakhe, wathi, “Ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndoone kuThixo?” Akabanga nakoyiselwa ekuphambhukeni endleleni yobulungisa awunyathelele phantsi umthetho kaThixo naphantsi kwezicengo okanye izoyikiso.IL 91.1

    Uthe akuba etyholiwe, wabekwa isoono esincholileyo ngokuxokwa, akadana ancame. Enesazela esimsulwa nesilungileyo wathembhela kuThixo. Waza uThixo, owayemxhase kwada kwalapha, akamshiya. Wabotshwa ngamakhamandela wafakwa entolongweni emnyama. Kanti noko uThixo waliguqula nelilishwa layintsikelelo. Wambabala emehlweni omgcinintolongo, kwaza kungekudala uJosefu wenziwa umkhangeli wabo bonke abanye ababanjwa.IL 91.2

    Naangu umzekelo kwizizukulwana zonke eziya kuhlala apha emhlabeni. Nakuba bangaba sisichenge ezihendweni, kodwa ma basoloko beqonda ukuba kukho ukhuselo olukufuphi, nokuba iya kuba lityala labo ukuba abakhuselekanga. UThixo uya kuba luncedo kunene, noMoya wakhe ube likhaka. Nokuba singaraulwa zezona zihendo zoyikekayo, kukho umthombho wamandla abangabhenela kuwo bazichase.IL 91.3

    Lwalu namandla njani na oluhlaselo esimilweni sikaJosefu. Lweza ngalowo unempembhelelo, oyena kanye waye ngalahlekisayo. Kanti noko lwachaswa ngokomelela nangokukhauleza okungakananina. Wa- bandezeleka ngenxa yesidima nokunyaniseka kwakhe, kuba lowo wayenga angamlahlekisa waziphindezela kweso sidima angabanga nakusonakalisa, waza ngempembhelelo yakhe wambangela ukuba afakwe entolongweni, ngokumbeka ityala lesenzo esincholileyo. Apho ke uJosefu wabandezeleka ngenxa yokuba engavumanga ukukulahla ukugqibelela kwakhe. Udumo lwakhe namalungelo akhe waye wayekele ezandleni zikaThixo. Waza nakuba wayekelwa ukuba ahlungiswe okwethuba elithile, ukulungiselelwa ukuba alungele indawo ebalulekileyo, noko uThixo walukhusela olodumo olwalwenziwe mnyama ngumtyholi okhohlakeleyo, waza kamva, ngelilelakhe. ixesha elilungileyo, walubangela ukuba lukhanye. UThixo wayenza nentolongo yaba yindlela yokuphakanyiswa kwakhe. Isidima siya kuwuzisa umvuzo waso ngexesha elililo. Ikhaka elakhusela intliziyo kaJosefu lali kukoyika uYehova, okwambanga ukuba athembheke enze okusesikweni ngasenkosini yakhe anyaniseke kuThixo.IL 91.4

    Noxa uJosefu waphakanyiswa waba ngumphathi welolizwe lonke, akazange amlibale uThixo. Wayesazi ukuba ungumphambhukeli elizweni lolunye uhlanga, wahlukanisiwe noyise nabazalwana bakhe okwamenza lusizi futhi, kodwa noko wakholwa ngokupheleleyo ukuba isandla sikaYehova siso esiyikhokeleyo indlela yakhe, ukuze simbeke kweliwonga liphakamileyo. Waza, ethembhele kuThixo ngawo onke amaxesha, wayenza yonke imisebenzi yobugosa bakhe, bokuba ngumlauli welizwe laseJiputa, ngokuthembheka.IL 92.1

    UJosefu wahambha noThixo. Akavumanga ukucengelwa ekuphambhukeni endleleni yobulungisa awaphule umthetho kaThixo, nokuba kungezicengo okanye ngezoyikiso. Ukuzeyisa kwakhe nonyamezelo lwakhe embhandezelweni nokunyaniseka kwakhe okungashukumiyo kufakwe ezimbhalini ngenxa yokulungelwa kwabo bonke ababeza kuphila kulomhlaba kamva. Bakuba abakhuluwa bakaJosefu besivumile isoono sabo phambhi kwakhe, wabaxolela ngokukhululekileyo, wabonisa ngezenzo zakhe zobubele nothando ukuba akafukamanga zimvo zakusola ngenxa yesimilo sabo esikhohlakeleyo sangaphambhili ngakuye.IL 92.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents