Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 15—Amandla kaThixo Etyhilwa

    Kwa kuyiminyaka emininzi usapho lukaSirayeli lusebukhobokeni kumaJiputa. Ziintsapho nje ezimbalwa ezehla zaya eJiputa, kodwa babekhule baba sisihlwele esikhulu. Bathi ke kuba beraqwe ngabanqulizithixo, baba baninzi kubo abalahlekwa kukumazi uThixo wenyaniso bawulibala umthetho wakhe. Bazimanya namaJiputa ekunquleni kwawo ilanga, inyanga, neenkwenkwezi, kwa kunye namaramncwa nemifanekiso eqingqiweyo, umsebenzi ke wezandla zabantu.IL 100.1

    Yonke into eyayi lujikelezile usapho lukaSirayeli yayiphembelela ukuba bamlibale uThixo ophilileyo. Kanti noko kwa kukho aabo phakathi kwamaHebere abakugcinayo ukumazi uThixo wenyaniso, umEnzi wamazulu nomhlaba. Bahlungiswa kukubabona abantwana babo imihla le bebukela, bade bathelele, kumasikizi abantu ababangqongileyo, abanqula izithixo baqubude koothixo bamaJiputa, abenziwe ngemithi nangamatye, babingelele kwezizinto zingenangqondo. Abathembhekileyo baba buhlungu, baza ekukhathazekeni kwabo bakhalela kuYehova ukuba abakhulule phantsi kwedyokwe yamaJiputa, aze abakhuphe eJiputa, abase apho baya kuba nokwahlukana nonqulo lwezithixo neempembhelelo ezonakalisayo ezibangqongileyo.IL 100.2

    Kodwa babe baninzi kumaHebere abaneliswayo kukuhlala ebukhobokeni kunokuba baye elizweni elitsha bahlangane neenzima ezinxulumene nohambho olunjalo. Ngako oko ke uYehova akabahlangulanga kwa ngembhonakaliso yakhe yokuqala yemiqondiso nezimanga phambhi koFaro. Wavumela iziganeko ezaziza kuwutyhila ngakumbhi umoya woburalarume kaFaro, nokuze awabonakalalise amandla akhe amakhulu kumaJiputa, naphambhi kwabantu bakhe, ukubenza ukuba balangazelele ukumka eJiputa banyule ukukhonza uYehova.IL 100.3

    Nakuba uninzi lwamaSirayeli lwalonakalisiwe lunqulo lwezithixo, noko abathembhekileyo bona bema nkqi. Babe ngalufihlanga ukholo lwabo, kodwa babonakalisa ngokuphandle phambhi kwamaJiputa ukuba bakhonza okuphela koThixo oyinyaniso nophilileyo. Babuvakalisa ubunqhina bobukho bukaThixo namandla akhe bethabathela endalweni kwada kwalapho. AmaJiputa aba nethuba lokuyazi inkolo yamaHebere kunye noThixo wawo. Ayezamile ukubabukuqa abanquli abathembhekileyo boThixo wenyaniso, aza akhathazeka ngenxa yokuba engaphumelelanga, ngezisongelo, nangezithembhiso zomvuzo, okanye ngempatho ekhohlakeleyo.IL 100.4

    Ookumkani ababini bokugqibela ukuhlala phezu kwetrone yaseJiputa babe ngababandezeli baza bawaphatha ngokukhohlakeleyo amaHebere. Amadoda amakhulu akwaSirayeli ayezamile ukulomeleza ukholo olunciphayo lwamaSirayeli, ngokuthetha ngedinga eleenziwa kuAbraham, namazwi obuprofeti kaJosefu kanye ngaphambhi kokufa kwakhe, exela ngenxa engaphambhili ngokukhululwa kwabo baphume eJiputa. Abanye baphulaphula bakholwa. Abanye bajonga imo yabo elusizi, ababi nathembha.IL 101.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents