Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    AmaSirayeli Ephenjelelwa Yimeko Ewangqongileyo

    AmaJiputa ayefundile ngooko kulindelwe ngamaSirayeli aza ahlekisa ngamathembha awo okukhululwa athetha ngokudelekileyo ngamandla oThixo wawo. Awalathisa kwimeko yawo njengabantu, uhlanga nje lwamakhoboka, athi ngokufuna ukuwacaphukisa, Ukuba uThixo wenu ulungile enenceba, enamandla angaphezu koothixo bamaJiputa, ngani na ukuba anganenzi abantu abakhululekileyo? Ngani na ukuba angabubonakalalisi ubukhulu bamandla akhe, aniphakamise?IL 101.2

    AmaJiputa ke alandelisa ngokutsalela ingqalelo yamaSirayeli kubantu bakowawo, abebenqula oothixo bokuzithandela, amaSirayeli ababiza ngokuba ngoothixo bobuxoki. Athi ngokuqhayisa ngoothixo bawo abawasikeleleyo, bawanika ukudla nezambhatho nobutyebi obukhulu, nokuba kananjalo oothixo bawo bawanikele amaSirayeli ezandleni zawo ukuba abe ngabakhonzi, enawo kananjalo amandla okuwacine- zela abutshabalalise ubomi bawo ukuze angabi bantu. Balwenza intlekisa uluvo lokuba amaSirayeli aya kuze ahlangulwe ebukhobokeni.IL 101.3

    UFaro waqhayisa ngokuthi angathanda ukukhe ambone uThixo wa wo ewahlangula ezandleni zakhe. Lamazwi aliphelisa ithembha labaninzi kusapho lukaSirayeli. Kwa khangeleka kubo kanye kunjengoko kwakuthethwa ngukumkani namaphakathi akhe. Babesazi ukuba baphethwe okwamakhoboka, kwa nokuba bamelwe kukunyamezela lomlinganiselo wengcinezelo abangawubeka phezu kwabo abaqhubi babo nabaphathi babo. Abantwana babo abangamakhwenkwe babezingelwe babulawa. Obabo ubomi babungumthwalo, kanti babekholelwa, benqula, uThixo wezulu.IL 102.1

    Bayithelekisa ke imeko yabo naleyo yamaJiputa. Aye ngakholelwa mpela kuThixo ophilileyo onamandla okusindisa okanye okutshabalalisa. Inxalenye yawo yayinqula izithixo, imifanekiso eyenziwe ngemithi nangamatye, logama amanye anyula ukunqula ilanga, inyanga, neenkwenkwezi; kanti noko ayesikelelekile enobutyebi. Yaza inxalenye yamaHebere yacinga ukuba xa uThixo ebengaphezu kwabo bonke oothixo ebengeze awayeke abe ngamakhoboka ohlanga olunqula izithixo.IL 102.2

    Abakhonzi abathembhekileyo bakaThixo bakwazi ukuba kukungathembheki kwabo njengabantu, nokuthambhekela kwabo ekunxulumaneni nezinye iintlanga, baza bakhokelelwa ekuquleni izithixo, okwaba yimbhangi yokuba uYehova avumele ukuba baye eJiputa. Bavakalisa ke ngamandla kubazalwana babo ukuba uThixo uza kuhle abakhuphe eJiputa ayaphule idyokwe ebacinezeleyo.IL 102.3

    Lalifikile ixesha lokuba uThixo ayiphendule imithandazo yabantu bakhe abacinezelekileyo, eza kubakhupha eJiputa ngeembhonakaliso ezingako zamandla akhe ngangokuba amaJiputa anyanzeleke ukuba amvume uThixo wamaHebere, lowo ayemdelile, ukuba ungaphezu kwabo bonke oothixo. Wayeza kuwohlwaya ngenxa yokunqula kwawo izithixo nangokuqhayisa kwawo kwekratshi ngeemfefe eziwiswe phezu kwawo ngoothixo bawo abangenangqondo. UThixo wayeza kuzukisa igama lakhe, ukuze ezinye iintlanga zive ngamandla akhe zingcangcazele zizenzo zakhe zamandla, bathi abantu bakhe, ngokubona imisebenzi yakhe engummangeliso, babuye ngokupheleleyo ekunquleni kwabo izithixo banikele kuye unqulo olunyulu.IL 102.4

    Ekuhlangulweni kwamaSirayeli eJiputa, uThixo wayibonisa ngokucacileyo inceba yakhe eyodwa ebantwini bakhe phambhi kwawo onke amaJiputa. UThixo wabona kufanelekile ukuba azifeze izigwebo zakhe kuFaro, ukuze azi ngamava alusizi, njengoko waye ngenakuqondiswa ngandlela yimbhi, ukuba amandla akhe angaphezu kwawabo bonke abanye. Ukuze igama lakhe livakaliswe kuwo wonke umhlaba, wayeza kunika ubunqhina obusisiyalo nobungumboniso kuzo zonke iintlanga bamandla akhe obuThixo nobulungisa bakhe. Yayi licebo likaThixo ukuba eziziboniso zamandla zomeleze ukholo lwabantu bakhe, nokuze inzala yabo inqule yena kuphela ngokomeleleyo oweenza imimangaliso yenceba emikhulu kangaka ngenxa yabo.IL 103.1

    UMoses wathi kuFaro, emva kokuba eyalele ukuba abantu ma benze izitena ngaphandle komququ, uThixo, lowo yena wayezenza ngathi akamazi, uya kumnyanzela ukuba awathobele amabango akhe alivume igunya lakhe lokuba ngumLauli ongaphezu kwabo bonke.IL 103.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents