Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 2—Indalo

    UYise noNyana baqalisa umsebenzi omkhulu ongummangaliso ababewucamangile — owokudala elimiweyo. Umhlaba waphuma esandleni somDali umhle kwaphela. Kwakukho iintaba neenduli namathafa; kusasazeke phakathi kwazo imilambho nengqokelela zamanzi. Umhlaba wawungelothafa nje elibanzi, kodwa ukungayenzi inkangeleko idinise kwabakho iinduli neentaba, ingezizo eziphakamileyo nezirabaxa njengoko zinjalo ngoku, kodwa zithe tye zibukeka ukuma kwazo. Amawa azé, aphakamileyo aye ngazange abonwe, kodwa aye ngaphantsi kobuso bomhlaba, engamathambho omhlaba. Amanzi ayahlulwe ngokufanelekileyo. Iinduli, neentaba, namathafa amahle kakhulu aye honjisiwe zizityalo neentyatyambho nemithi emide enobungangamsha yentlobo ngeentlobo, eyayi mikhulu imihle ngaphezu kwalemithi yangoku. Umoya wawunyulu unempilo, waza umhlaba waba ngathi libhothwe elibukekayo lokumkani. Izithunywa zawubuka zavuyiswa ngumsebenzi ongummangaliso nomhle kaThixo.IL 17.2

    Emva kokuba umhlaba udaliwe nezilwanyana zawo, uYise noNyana bayiphumeza injongo yabo, eyayiyilwe ngaphambhi kokuwa kukaSatana, eyokwenza umntu ngokomfanekiso wabo. Babesebenze kunye ekuwudaleni umhlaba nazo zonke izinto eziphilileyo ezikuwo. Waza wathi ke ngoku uThixo kuNyana wakhe, “Ma senze umntu ngokomfanekiso wethu.” Ukuphuma kukaAdam esandleni sikaThixo waye nesithomo esiphakamileyo esibukekayo. Waye phantse ukuba mde ngokuphindwe kubini kubantu abaphila emhlabeni namhlanje, emile kakuhle. Isimo sakhe sasifezekile sisihle. Ubuso bakhe babungeluthuthu okanye buxwebile, kodwa bungqombho, bukhazimla yimbonakalo yempilo entle. U-Eva wayenge mde ngangoAdam. Intloko yakhe yayidlula kancinane emagxeni akhe. Naye waye nesithomo esiphakamileyo efezekile emhle kakhulu.IL 19.1

    Lembhini ingenasoono yayinganxibanga ngubo zenziwe ngumntu. Babambheswe ngengubo yokukhanya nobuqaqauli, efana naleyo yambheswe izithunywa zezulu. Ngalo lonke ithuba lokuhlala kwabo ngokumthobela uThixo, esisanqha sokukhanya sabagubungela. Nakuba yonke into ayidalayo uThixo yayigqibelele ngobuhle, kwaba ngathi akukho nto yimbhi ifunekayo phezu komhlaba awudalileyo uThixo ukonwabisa uAdam noEva, walubonakalalisa kodwa uthando olukhulu lwakhe ngakubo ngokubatyalela ngokukodwa umyezo. Inxalenye yexesha labo babeza kulisebenzisela ekuwusebenzeni bawugcine lomyezo, nelinye ixesha ekwamkeleni izithunywa zezulu ezazibatyelela, baphulaphule imfundiso yazo, bacamngce ngayo ngovuyo. Umsebenzi wabo wawungadinisi kodwa uyolile usomeleza. Lomyezo mhle wawuza kuba likhaya labo.IL 19.2

    Emyezweni apho uThixo wantshulisa iintlobo ngeentlobo zemithi enomsebenzi nemihle. Kwakukho imithi ezele ziziqhamo eziyokozelayo, ezihle ngokukodwa, zibukeka emehlweni, zinencasa emlonyeni, zenziwe nguThixo ukuba zibe kukudla kwale mbhini ingcwele. Kwa kukho izidiliya ezihle, ezazikhula zime nkqo, zisindwa ngumthwalo wazo weziqhamo, ezingafani nanto eyakha yabonwa ngumntu ukususela ekuweni kwakhe. Iziqhamo zazizikhulu kakhulu zingamabala ngamabala; ezinye zibumnyama, ezinye zimfusa, zibomvu, zipinki, ezinye zibuluhlaza. Eziziqhamo zihle ziyokozelayo kumasebe alomthi zazibizwa ukuba zidiliya. Zazingaruqi emhlabeni nangona zazingaxhaswanga ngamanqwanqwa, kodwa ubunzima beziqhamo bawagoba amasebe. Yayingumsebenzi omnandi kaAdam noEva ukwaakha amaphempe ngamasebe omdiliya bawalungise abezindawo zokuhlala ezenziwe ngemithi ephilileyo nangamagqabi amahle emvelo, nezaliswe ziziqhamo ezivumbha limnandi.IL 19.3

    Umhlaba wawambhathiswe ngohlaza oluhle, ekubeni intlaninge yeentyatyambho ezivumbha limnandi ezizintlobo ngeentlobo nemibala zantshula ngokuqhelezela macala onke kubo. Yonke into yayilungisiwe kakuhle nangokuzukileyo. Phakathi esazulwini somyezo kwakumi umthi wobomi, owawu yidlula ngozuko yonke eminye imithi. Iziqhamo zawo zazifana nama-apile egolide nesilivere, zizezokubagcina bangafi. Amagqabi awo aye nempiliso.IL 20.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents