Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    I-Mana

    “Wenyuka umbethe obulele, naanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyi- leyo encinanana njengeqabaka emhlabeni. Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni na? Kuba babengazi ukuba yintonina. Wathi uMoses kubo, sesisonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla. Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.”IL 115.4

    “Beenza njalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane. Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe. Wathi uMoses, Umntu ma kangabeki mbeko. Abamphula-phulanga uMoses. Inxalenye yayibeka umbeko; yabola, yaneempethu, yanuka, uMoses waba noburalarume kubo. Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.”IL 116.1

    “Kwathi ngemini yesithandathu babutha isonka semihla emibini, i-homere ezimbhini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses. Wathi kuzo, Yiyo lonto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yiSabata engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse. Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; ayanuka, akwabakho mpethu kuyo. Wathi uMoses, Yidleni namhla; kuba namhla yiSabata kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle. Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yiSabata; ayi kubakho ngawo.”IL 116.2

    Unonelelo lukaYehova ngokusingisele kwiSabata yakhe alunganeno namhlanje kuna ngokuya wanikela lemiyalelo ingentla iyodwa koonyana bakaSirayeli. Wabalindela ukuba bose oko bakosayo, bapheke abakuphekayo, ngomhla wesithandathu, ukulungiselela uphumlo lweSabata.IL 116.3

    UThixo wayibonakalalisa inkathalelo yakhe enkulu nokubathanda kwakhe abantu bakhe ngokubathumela isonka esivela ezulwini. “Abantu badla ukudla kwezithunywa zezulu” oko kukuthi, ukudla abakulungiselelwe zizithunywa. Ummangaliso ontlantlu-ntathu we-mana — isabelo esiphindiweyo ngomhla wesithandathu, ingabikho ngowesixhenxe, nokuhlala kwayo ingaboli imini yonke yeSabata, ekubeni ngeminye imihla ibibola ingalungeli ukusetyenziswa — wawenzelwe ukuba ucinezele kubo ubungcwele beSabata.IL 116.4

    Emva kokuba benikwe ukudla okwaneleyo, bakudanela ukungakholwa kwabo nokukrokra kwabo bathembhisa ukumthembha uYehova kwixesha elizayo, kodwa kamsinya basilibala isithembhiso sabo boyiswa kwa kuvavanyo lokuqala lokholo lwabo.IL 117.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents