Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Utyelelo lukaJitro

    Ngaphambhi kokuba uMoses emke eJiputa wayembuyisele umkakhe nabantwana bakhe kuyise womkakhe. Waza uJitro emva kokuba evile ngokukhululwa okungummangaliso kwamaSirayeli eJiputa, watyelela uMoses entlango, wazisa umkakhe nabantwana bakhe kuye. “Waphuma uMoses, waya kumkhaulela uyise womkakhe, waqubuda, wamaanga; babuzana impilo, bangena ententeni. UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaJiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanayo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.”IL 120.1

    “Wavuya uJitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaJiputa. Wathi uJitro, Ma kabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaJiputa, nasesandleni sikaFaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaJiputa. Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwa kuloo nto amaJiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli. UJitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo ; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambhi koThixo.”IL 120.2

    Iliso elibukhali likaJitro kamsinya labona ukuba imithwalo ephezu koMoses mikhulu kakhulu, njengoko abantu babe yizisa yonke imicimbhi yabo enzima kuye, ebafundisa ngemimiselo nemithetho kaThixo. Wathi kuMoses, “Phula-phula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo; ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhambha ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza. Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embhi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye; bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise. Ukuba uthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, woba nako ukuma, bathi naaba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo.”IL 120.3

    “UMoses waliphula-phula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile. UMoses wanyula amadoda anobunkunqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye. Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona. UMoses wamdulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.”IL 121.1

    UMoses waye ngaphakamanga ngangokuba angabi nakuqeqeshwa nguyise womkakhe. UThixo wayemphakamisile kakhulu wenza imimangaliso ngesandla sakhe. Kanti noko uMoses akazange athi uThixo umnyule ukuba aqeqeshe abanye, kananjalo weenze izinto ezingummangaliso ngesandla sakhe, ngako oko ke akafuni kuqeqeshwa. Waphula-phula ngovuyo kumacebiso kayise womkakhe, walamkela iqhinga lakhe njengolungiselelo lobulumko.IL 121.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents