Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 18—Umthetho kaThixo

    EMVA kokuba oonyana bakaSirayeli beyishiyile iRefidim “bafika entlango yeSinayi, balalisa entlango; amisa iintente zawo amaSirayeli malunga nentaba. UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye entabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi, Nina niyibonile into endiyenze kumaJiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum. Ngoku ke, ukuba nithe naliphula-phula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwi- zizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam; nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli. Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambhi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo. Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokukwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.”IL 121.3

    Abantu babenze umnqophiso ondilekileyo noThixo bamamkela ukuba abe ngumlauli wabo, baza ngako oko baba ngababusi bakhe abayinqobo begunya lakhe lobuThixo. “Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade.” Xa amaHebere ayehlangene nobunzima endleleni, akrokrela uMoses noAron, ababeka ityala lokuwukhupha umkhosi kaSirayeli eJiputa ukuba bawutshabalalise. UThixo wayeza kumenzela uMosesimbheko phambhi kwabo, ukuze bakhokelelwe ekukholoseni ngemiyalelo yakhe, bazi ukuba nguThixo owubeke uMoya wakhe phezu kwakhe.IL 122.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents