Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amalungiselelo Okuhlangana noThixo

    UThixo wamnika uMoses imiyalelo ecacileyo ngokusingisele ekulungiseleleni abantu ukuba abe nokusondela kufuphi kubo, ukuze bawuve umthetho wakhe uthethwa, ungathethwa zizithunywa zezulu, kodwa uthethwa nguye ngokwakhe. “Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambhe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu; kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke.”IL 122.2

    Abantu bayalelwa ukuba bangenzi msebenzi bangananzi nezinto zehlabathi, koko babe neengcamango zomthandazo. UYehova wafuna kananjalo ukuba bahlambhe iingubo zabo. UThixo akalunciphisanga unonelelo lwakhe ngoku kuna ngoko. UnguThixo wolungelelwano, ebafuna abantu bakhe abalapha emhlabeni ngoku ukuba bayigcine ngqongqo imikhwa yokucoceka. Aabo ke bamnqula uThixo beneengubo ezincholileyo neziqu ezincholileyo abezi phambhi kwakhe ngendlela eyamkelekileyo. Akakholiswa kukuswela kwabo ukumhlonela, engayamkeli inkonzo yabanquli abancholileyo, kuba bayamnyembenya umEnzi wabo. UmDali wamazulu nomhlaba wakubalela ukucoceka ukuba kuxabiseke ngangokuba athi, “bazihlambhe iingubo zabo.”IL 122.3

    “Ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe. Ma kungafiki sandla kuye; ma kaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlaumbhi atolwe nokutolwa ; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma banganyuka entabeni bona.” Lomyalelo wawunikelwe ukumilisela ezingqondweni zababantu bazele luvukelo intlonelo enzulu kuThixo oyimbhangi nelona gunya lemithetho yabo.IL 123.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents