Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukusibonakalalisa kukaThixo Eseluzukweni Oloyikekayo

    “Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo; baguba bonke abantu abaseminqubeni.” Umkhosi wezithunywa zezulu ezo zaziyiphahlile iNgangamsha yezulu wababiza abantu ngesandi esabangathi sesesigodlo, esaya sisanda ngokwanda wada umhlaba wonke wangcangcazela.IL 123.2

    “UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhaulela uThixo ; bema emazantsi entaba. Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.” INgangamsha yezulu yehla elifini inomkhosi onobuqaqauli wezithunywa zezulu, ezabonakala ngathi zingamalangatye omlilo.IL 123.3

    “Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi. Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo ; wenyuka ke uMoses. Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hle- ze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo. Kananjalo ababingeleli abasondelayo kuYehova, ma bazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.”IL 123.4

    Ngalendlela ke uYehova, eseluzukweni oloyikekayo, wawuthetha umthetho wakhe eseSinayi, ukuze abantu bakholwe. Wakulandelisa ukunikwa komthetho wakhe ngeembhonakalo ezicacileyo zamandla akhe, ukuze bazi ukuba ungokuphela koThixo oyinyaniso ophilileyo. UMoses akavunyelwanga ukuba angene elifini lobuqaqauli, kodwa kuphela asondele angene kubumnyama obungqingqwa obabuliraqile. Wema phakathi kwabantu noYehova.IL 124.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents