Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ingozi Yonqulo Lwezithixo

    Kwakhona uThixo wayeza kubakhusela oonyana bakaSirayeli elunqulweni lwezithixo. Wathi kubo, “Ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.” Babe sengozini yokulinganisa umzekelo wamaJiputa, bazenzele imifanekiso eqingqiweyo ukuba imele uThixo.IL 126.2

    UYehova wathi kuMoses, “Uya bona, ndithuma isithunywa phambhi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo. Silumkele, uliphula-phule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso. Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, weenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho. Kuba isithunywa sam sohambha phambhi kwakho sikufikise kumaAmori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebusi; ndiwabethe athi shwaka.” Isithunywa eso esahambha phambhi koSirayeli sasiyiNkosi uYesu Kristu. “Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye. Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.” Eksodus 23: 24, 25.IL 126.3

    UThixo wafuna ukubaqondisa abantu bakhe ukuba nguye kuphela omakanqulwe ngabo; baze bathi ba- kuba bezoyisile ezintlanga zinqula izithixo zibangqongileyo, bangagcini namnye kwimifanekiso eqingqiweyo yazo, bayitshabalalise kuphele. Abaninzi kwabathixo babahedeni babenexabiso elikhulu, benziwe ngobuchule obukhulu, into ke leyo engabahendayo aabo babekhe bakubukela ukunqulwa kwezithixo, okwa kuyinto eqhelekileyo eJiputa, ukuba bafane bazikhangele ezizinto zingenangqondo ngentlonelwano apha ethile. UThixo wafuna ukuba abantu bakhe bazi ukuba kwa kungenxa yonqulo olo lwezithixo lwezintlanga, ezazikhokelelwa kulo lonke ibanga lenkohlakalo, awayeza kusebenzisa uSirayeli njengesixhobo sokuzohlwaya nokutshabalalisa oothixo bazo.IL 126.4

    “Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibaduba-dube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi; ndithume oonomeva phambhi kwakho, bawagxothe araaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambhi kwakho. Andiyi kuwagxotha phambhi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amaramncwa asendle phezu kwakho. Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambhi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe. Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango ise kuwo umLambho; kuba abemi belozwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambhi kwakho. Uze unganqophisani nabo, kwa noothixo babo; ize bangemi kwelozwe lakho, hleze bakwenze undoone. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.” Eksodus 23: 27-33. Lamadinga kaThixo ebantwini bakhe ayexhomekeke entobelweni yabo. Xa babeza kumkhonza uYehova ngokupheleleyo, wayeza kubenzela izinto ezinkulu.IL 127.1

    Emva kokuba uMoses ezifumene izihlabo ezivela kuYehova, wazibhalela abantu, kwa namadinga, axhomeke ekuthobeleni kwabo, uYehova wathi kuye, “Nyuka, uye kuYehova, wena noAron, uNadabi, noAbihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude; kusondele uMoses yedwa kuYehova; bangasondeli bona, nabantu bangenyuki naye. Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.” Eksodus 24: 1-3.IL 127.2

    UMoses wayebhalile, kodwa engabhalanga imiThetho eliShumi, kodwa amasiko uThixo awayefuna ukuba bawagcine, namadinga ukuba bathe bamthobela. Wafundela abantu oku baza bafunga ukuba baya kuwathobela bawenze onke amazwi awathethileyo uYehova. UMoses ke wasibhala isibambhathiso sabo esindilekileyo encwadini wabingelela amadini kuYehova ngenxa yabantu. “Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza, siyive. Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Naalo igazi lomnqophiso aweenzayo uYehova nani ngalamazwi onke.” Abantu basiphinda isithembhiso sabo esindilekileyo kuYehova sokukwenza konke oko akuthethileyo bamve. (Eksodus 24: 7, 8.)IL 128.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents