Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Umthehtho kaThixo Ongunaphakade

    Umthetho kaThixo wabakho ngaphambhi kokuba umntu adalwe. Izithunywa zezulu zazilaulwa ngawo. USatana wawa ngenxa yokuba wagqitha iziseko zobukumkani bukaThixo. Emva kokuba uAdam noEva bedaliwe, uThixo wazisa kubo umthetho wakhe. Wawungabhalwanga ngoko, kodwa waxelwa kubo nguYehova.IL 128.2

    ISabata yomthetho wesine yamiselwa eEden. Emva kokuba uThixo ewudalile umhlaba wadala nomntu phezu komhlaba, weenza iSabata eyenzela umntu. Emva kwesoono nokuwa kukaAdam akususwanga nto emthethweni kaThixo. Iziseko zemiThetho eliShumi zazikho ngaphambhi kokuwa zaye zisisimilo kanye esifanele udidi olungcwele lwezidalwa. Emva kwesiwo iziseko zalemimiselo azizange ziguqulwe, kodwa kwanikelwa imimiselo eyongeziweyo yokulungelelana nomntu esimeni sakhe sokuwa.IL 128.3

    Kwamiselwa ke ulungiselelo oluthile olufuna ukubingelelwa kwezilo, ukukhumbhuza uluntu oluwileyo ngooko inyoka yamenza uEva ukuba angakholelwa kuko kokuba isohlwayo sokungeva kukufa. Ukwaphulwa komthetho kaThixo kweenza kwayimfuneko ukuba uKristu afe njengedini, ukuze ngako oko enze indlela yokuba umntu asinde esohlwayweni, nokuze ukubekeka komthetho kaThixo kuhlale kuhleli. Ulungiselelo lwamadini lwalu lolokufundisa uluntu ukuzithoba, ezibona nje isimo sakhe sokuwa, lumkhokelele enguqukweni athembhele kuThixo kuphela, ngaloo mKhululi udingiweyo, ukuba azuze uxolelo lokugqitha kwakhe umthetho kaThixo. Ukuba umthetho kaThixo wawungazange waphulwe, nge kwakungazange kubekho ukufa, akwabikho mfuneko ngoko yemimiselo eyongeziweyo yokulungelelana nesimo somntu sokuwa.IL 128.4

    UAdam wayifundisa inzala yakhe umthetho kaThixo, umthetho ke owanikezelwa kwabathembhekileyo kwizizukulwana ngezizukulwana ngokulandelelana. Ukugqithwa okuthe roqo komthetho kaThixo kwabiza unogumbhe wamanzi phezu komhlaba. Umthetho wagcinwa nguNowa nosapho lwakhe, abathi ngenxa yokwenza okulungileyo basindiswa emkhombheni ngommangaliso kaThixo. UNowa wayifundisa inzala yakhe imiThetho eliShumi. UThixo wazilondolozela abantu abangabakhe ukususela kuAdam, abamthetho wakhe wawuse zintliziyweni zabo. Uthi ngoAbraham, “Waliphula-phula izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.” Genesis 26: 5.IL 129.1

    UYehova wabonakala kuAbraham, wathi kuye: “NdinguThixo uSomandla; hambha phambhi kwam ube ngogqibeleleyo. Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.” Genesis 17: 1, 2. “Ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam, naphakathi kwembhewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe,. nakwimbhewu yakho emva kwakho.” Genesis 17: 7..IL 129.2

    Wafuna ke kuAbraham neembhewu yakhe, ulwaluko, olwalu sisazinge esisikwe enyameni, njengomqondiso wokuba uThixo ubasikile wabahlula kuzo zonke ezinye iintlanga ukuba babe bubutyebi bakhe obuyinqobo. Ngalomqondiso ke babezibopha ngokundilekileyo ukuba abayikwendiselana bazekelane nezinye iintlanga, kuba ngokwenza njalo babeya kulahlekwa kukumhlonela uThixo nomthetho wakhe ongcwele, bafane neentlanga ezibangqongileyo ezinqula izithixo.IL 129.3

    Ngesisenzo silulwaluko bavuma ngokundilekileyo ukuba baya kuyizalisa ngakwelabo icala imigaqo yomnqophiso owenziwa noAbraham, ukuba bahluke kuzo zonke ezinye iintlanga bagqibelele. Ukuba inzala kaAbraham yayizahlule kwezinye iintlanga, ngebabe ngazange bawexulelwe ekunquleni izithixo. Ngokuzigcina bahlukile kwezinye iintlanga, isihendo esikhulu sokuthelela emikhweni yazo ezaliswe sisoono bamvukele uThixo sasiya kushenxiswa kubo. Balahlekwa ngokukhulu bubunqobo babo, nasisimilo esingcwele ngokuxubana neentlanga ezibangqongileyo. Ukubohlwaya uYehova wazisa indlala ezweni labo, eyabanyanzela ukuba behle baye eJiputa baye kukhusela ubomi babo. UThixo akazange abalahle logama babe seJiputa, ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham. Wabanikela ukuba babandezelwe ngamaJiputa, ukuze babuyele kuye ekubandezelekeni kwabo, banyule ulaulo lwakhe olulungileyo olunenceba, bayithobele imimiselo yakhe.IL 130.1

    Zazi zintsapho ezimbalwa nje ezehla zaya eJiputa ekuqalekeni. Zona ezi zanda zaba sisihlwele esikhulu. Abanye bakunyamekela ukubafundisa abantwana babo umthetho kaThixo, kodwa abaninzi kumaSirayeli babe bonele kakhulu unqulo lwezithixo ngangokuba babe nezimvo eziphithizelayo ngomthetho kaThixo. Aabo babemoyika uThixo bakhalela kuye benentlungu emoyeni ukuba ayaphule ledyokwe ibuhlungu yobukhoboka abakhuphe ezweni lokuthinjwa kwabo, ukuze bakhululeke ukuba bamkhonze. UThixo waziva izikhalo zabo wavusa uMoses ukuba abe sisixhobo sakhe sokuphumeza ukukhululwa kwabantu bakhe. Emva kokuba beyishiyile iJiputa, namanzi oLwandle oluBomvu ahlulwe kubini phambhi kwabo, uYehova wabalinga ukuba baya kuthembhela kuye na, yena waye bakhuphe beluhlanga kolunye uhlanga, ngemiqondiso, izihendo, nezimanga. Kodwa boyiswa kukunyamezela ukulingwa. Bamkrokrela uThixo ngenxa yeenzima zabo zasendleleni banqwenela ukubuyela kwakhona eJiputa.IL 130.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents