Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ubhalwe Emacwecweni Amatye

    Ukuze bangakwazi ukuzilandulela, uYehova ngokwakhe wazithoba ukuba ehlele phezu kweSinayi egutyungelwe bubuqaqauli ephahlwe zizithunywa zakhe, waza ngeyona ndlela ibalaseleyo neyoyikekayo wawazisa umthetho wakhe oyimiThetho eliShumi. Akazange athembhele ekubeni ifundiswe nanguwuphina, nokuba zizithunywa zezulu ngokwazo, kodwa wawuthetha umthetho wakhe ngezwi elicacileyo abantu besiva bonke. Akazange, nangoko, ayithembhele kwiingqondo ezimfutshane zabantu ababexunele ukuyilibala imimiselo yakhe, kodwa wayibhala ngomnwe wakhe ongcwele emacwecweni amatye. Wayeza kushenxisa kubo yonke indlela yokuxuba nemimiselo yakhe engcwele nasiphina isithethe okanye yokuyiphithizelisa imimiselo yakhe nemikhwa yabantu.IL 131.1

    Wasondela kanye kufuphi nabantu bakhe, ababe kulungele kangaka ukukhokelelwa ekulahlekeni, akafuna ukubashiya nje kuphela nemimiselo elishumi yemiThetho eliShumi. Wayalela uMoses ukuba abhale, njengoko ayakumyalela, imithetho nemimiselo, enika imiyalelo ecacileyo ngokusingisele kooko afuna ukuba bakwenze, waza ngako oko wayikhusela imimiselo elishumi awaye yikrole ngokwakhe emacwecweni amatye. Lemiyalelo icacileyo nemimiselo yayinikelwe ukuba itsalele abantu abalahlekayo ekuthobeleni umthetho wesimilo, abaxunele kangaka ukuwaphula.IL 131.2

    Ukuba umntu waye wugcinile umthetho kaThixo, njengoko wawunikwe kuAdam emva kokuwa kwakhe, walondolozwa emkhombheni nguNowa, wagcinwa nguAbraham, ngekwa kungazange kubekho mfuneko yommiselo wolwaluko. Kwaye ukuba inzala kaAbraham yayi wugcinile umnqophiso, olwalungumqondiso okanye isithembhiso sawo ulwaluko, ngebabe ngazange bangene elunqulweni Iwezithixo okanye bayekelwe ukuba behle baye eJiputa, nge kungazange kwabakho mfuneko yokuba uThixo awuvakalise umthetho wakhe eseSinayi awukrole emacwecweni amatye awukhusele ngemiyalelo ecacileyo emimiselweni nasemithethweni kaMoses.IL 131.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents