Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Amasiko Nemimiselo

    UMoses wawabhala lamasiko nemimiselo ewathabatha emlonyeni kaYehova xa waye naye entabeni. Ukuba abantu bakaThixo babe zithobele iziseko zemiThetho eliShumi, nge kwakungabangakho mfuneko yamiyalelo icacileyo inikwa kuMoses, awayibhala encwadini, ebhekisele emfanelweni yabo kuThixo nakomnye nomnye. Imiyalelo ecacileyo uYehova ayinakayo kuMoses ebhekiselele emfanelweni yabantu bakhe omnye komnye, nakowasemzini, ziziseko zemiThetho eliShumi yenziwe lula yanikwa ngendlela ecacileyo, ukuze bangaphazami.IL 132.1

    UYehova wamyalela uMoses ngokucacileyo ngokusingisele emasikweni amadini awayeza kupheliswa ekufeni kukaKristu. Ulungiselelo lwamadini lwalu salatha kwidini likaKristu njengemVana engenasiphako.IL 132.2

    UYehova waqala ukulumisela ulungiselelo lokubingelelwa kwamadini noAdam emva kokuwa kwakhe. awalufundisayo yena enzaleni yakhe. Olulungiselelo lonakaliswa phambhi konogumbhe, lonakaliswa ngaabo bazahlulayo kubalandeli bakaThixo abathembhekileyo baakha inqaba yeBabeli. Babingelela koothixo bokuzenzela endaweni yoThixo wezulu. Banikela amadini kungengakuba benokholo kumKhululi ozayo kodwa ngenxa yokuba becinga ukuba kuyimfuneko ukuba babakholise oothixo babo ngokubingelela izilo ezininzi kakhulu phezu kwezibingelelo ezihlanjelweyo zezithixo. Inkolo yabo yabakhokelela kugabadelo olukhulu. Babafundisa abantu ukuba ngobukhulu bexabiso lombingelelo kokukhona ziya kukholiswa izithixo zabo, ibe nkulu ngaphezulu nentsikelelo nobutyebi bohlanga lwabo. Ngenxa yoko ke, kwaba futhi kubingelelwa ngabantu kwezizithixo zingenangqondo. Ezontlanga zazi nemithetho nemimiselo yokulaula izenzo zabantu, eyayikhohlakele kwaphela. Imithetho yazo yayisenziwa ngaabo abantliziyo zingathanjiswanga lufefe; bathi nakuba babetsiba ezona nkohlakalo zihlambhelayo, isenzwana esincinane sohlwaywe ngesona sohlwayo sikhohlakeleyo ngaabo basemagunyeni.IL 132.3

    UMoses wayephethe oku engqondweni xa wathi kooSirayeli, “Yabonani, ndinifundise imimiselo nama- siko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo warn, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime. Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu, abaya kuyiva yonke lemimiselo, bathi, Oluhlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa. Ngokuba luluphi na uhlanga, olukhulu, oluThixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke? Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengalomyalelo wonke ndiwubekayo phambhi kwenu namhla?” Duteronomi 4: 5-8.IL 132.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents