Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukubuyela Emva Kwakhona Entlango

    UYehova wawayalela amaHebere ukuba abuyele kwakhona entlango ngendlela yoLwandle oluBomvu. Babe kufuphi kakhulu nelizwe elihle, kodwa, ngenxa yovukelo lwabo olukhohlakeleyo, balahlekelwa lukhuselo lukaYehova. Ukuba babe yamkele ingxelo kaKalebi noYoshuwa, benyuka kwa oko, uYehova ngewaye banikele ilizwe leKanan. Kodwa abazange bakholwe babonakalisa umoya wokusa ngakuYehova ngangokuba bazizisele ukuxelelwa ukuba abasayi kukha bangene eliZweni leDinga. Ngosizi nangenceba uThixo wababuyisa kwindlela yoLwandle oluBomvu, kuba amaAmaleki namaKanan, logama babelibazisa bekrokra, ayevile ngeentlola azilungiselela imfazwe noonyana bakaSirayeli.IL 143.3

    “Wathetha uYehova kuMoses noAron, esithi, Kuya kude kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, Iona eli lindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile.” UYehova wamxelela uMoses noAron ukuba bathi ebantwini uya kwenza njengoko babethethile. Babethe, “Akwaba besifele ezweni laseJiputa! Akwaba besifele nakulentlango!” Ngoku uYehova wayeza kubathatha ngelizwi labo. Wayalela abakhonzi bakhe ukuba babaxelele ukuba baya kufela entlango, ukuthabathela kwabaminyaka imashumi mabini ubudala, kunyuse, ngenxa yovukelo lwabo nokumkrokrela kwabo uYehova. Kuphela nguKalebi noYoshuwa ababeza kungena elizweni leKanan. “Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa Iona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.”IL 144.1

    UYehova wathi usapho lwamaHebere luya kubhadula entlango iminyaka emashumi mane, kuthabathela kwixesha lokuphuma kwalo eJiputa, ngenxa yovukelo lwabazali balo, bade abazali bafe bonke. Babeza kohlwaywa bawuthwale ngoluhlobo umvuzo wesikreqo sabo leminyaka imashumi mane, ngokwenani lemihla abalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mane, umhla ube ngumnyaka. “Nikwazi ukunishiya kwam.” Babeza kukuqonda ngokupheleleyo oku ukuba kusisohlwayo sokunqula kwabo izithixo nezikrokro zovukelo ezambangela uYehova ukuba ayiguqule injongo yakhe ngabo. UKalebi noYoshuwa badingwa ngomvuzo ngaphezu kwawo wonke umkhosi wooSirayeli, ngenxa yokuba wona alahlekwa libango lokhuselo nothando lukaYehova.IL 144.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents