Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 21—Isoono sikaMoses

    KWAKHONA oonyana bakaSirayeli babuyiselwa entlango, kanye kuloo ndawo uThixo waye balinge kuyo emva kokuphuma kwabo eJiputa. UYehova wabakhuphela amanzi eweni, elasoloko liphuma amanzi njalo kwada kwaba ngaphambili kancinane ukuba babuye bafike kulo, uYehova ke wawunqumamisa umsinga ophilileyo ukubalinga abantu bakhe kwakhona, ukubona ukuba baya kukunyamezela na ukulingwa kokholo lwabo okanye baya kumkrokrela na kwakhona.IL 144.3

    Akuba amaHebere enxaniwe enge nakuwafumana amanzi, awabanga nakunyamezela, awawakhumbhulanga kananjalo amandla kaYehova owayethe, phantse ukuba yiminyaka emashumi amane ngaphambhi koku, wabakhuphela amanzi eliweni. Endaweni yokuthembha uYehova, bakrokrela uMoses noAron, bathi kubo, “Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambhi koYehova.” Oko kukuthi, banqwenela ukunga ngebabe kweliya naani latshatyalaliswa sisibetho eluvukelweni lukaKora, noDatan, noAbiram.IL 145.1

    Babuza ngomsindo ukuthi, “Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu? Yini na ukuba nisinyuse eJiputa, nisizise kule ndawo imbhi kangaka? Asindawo yambhewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!”IL 145.2

    “Besuka uMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqauli bukaYehova kubo. Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Yithabathe intonga ulibizele ndawo nye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondoreni phambhi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondoreni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo. Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova njengoko wawiswayo umthetho.”IL 145.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents