Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    U-Moses Ephelelwa Lunyamezélo

    “Wasibizela ndawo nye uMoses noAron isikhungu phambhi kwengxondora leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani: Sinikhuphele amanzi kule ngxondora na? Wasiphakamisa uMoses isandla sakhe, wayibetha ingxondora ngentonga yakhe izihlandlo zazibini; aphuma amanzi amaninzi, lasela ibandla nee- nkomo zalo. Wathi uYehova kuMoses noAron, Ngokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.”IL 145.4

    Apha uMoses woona. Waadinwa zizikrokro ezithe roqo zabantu ngakuye, wathi, ngomyalelo kaYehova, wayithabatha intonga, wathi, endaweni yokuba athethe engxondoreni, njengoko uYehova wayemyalele, wayibetha kabini, emva kokuthi, Sinikhuphele amanzi kule ngxondora na? Apha ke wathetha ngokungayilindi imilebe yakhe. Akatshongo ukuthi, uYehova ngoku uya kunibonisa obunye ubunqhina bamandla akhe anikhuphele amanzi kule ngxondora. Akawanikelanga amandla nozuko kuYehova okubanga kwakhona ukuba amanzi aphume kule ngxondora, akamphakamisa ngoko uYehova phambhi kwabantu. Ngenxa yokukusilela ngakwicala likaMoses, uYehova akamvumelanga ukuba abakhokele abantu abangenise eliZweni leDinga.IL 146.1

    Lemfuneko yokubonakalaliswa kwamandla kaYehova kwasenza esi siganeko saba sesindileke kakhulu, kwaye uMoses noAron kwakufanele ukuba basenze ngakumbhi ukuba sibe ngumbono ochukumisa kakuhle ebantwini. Kodwa uMoses waye khathazekile, kwaza ekudinweni kwakhe nasemsindweni wakhe ngakwaba bantu, ngenxa yezikrokro zabo, wathi, “Kha nive, nina baneenkani. Sinikhuphele amanzi kule ngxondora na?” Ngokuthetha ngalendlela wavuma kuSirayeli okrokrayo ukuba banyanisile ukuthi nguye obakhuphileyo eJiputa. UYehova waye baxolele abantu izikreqo ezikhulu kunesi siphoso sikaMoses, kodwa wayengenako ukusikhangela isoono esikwinkokeli yabantu bakhe njengakwaabo bakhokelweyo. Wayengenako ukusixolela esisoono sikaMoses amvumele ukuba angene eliZweni leDinga.IL 146.2

    UYehova apha wababonisa abantu bakhe umqondiso ongenakuphikwa wokuba Lowo owabenzela inkululo enje ukuba ngummangaliso ekubakhupheni kwakhe ebukhobokeni baseJiputa, nguye isiThunywa esinamandla, ingenguye uMoses, owaye hambha phambhi kwabo kulo lonke uhambho lwabo, neso athi ngaso, “Uya bona, ndithuma isiThunywa phambhi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo. Silumkele uliphula-phule izwi laso. Musa ukusiphikisa ; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.” Eksodus 23: 20, 21.IL 146.3

    UMoses wathabathela kuye uzuko olwalulunge kuYehova, kwabanga ukuba kube yimfuneko kuYehova ukuba enze kuye oko kuya kumanelisa ngonaphakade uSirayeli ozaliswe luvukelo ukuba yabe ingenguye uMoses owabakhokela wabakhupha eJiputa, kodwa yayi nguYehova ngokwakhe. UYehova waye wunikele kuMoses umthwalo wokukhokela abantu bakhe, logama isiThunywa esinamandla sasihambha phambhi kwabo kuzo zonke iihambho zabo. Ngenxa yokuba kwakulula kakhulu kubo ukulibala ukuba uYehova wayebakhokela ngesiThunywa sakhe, bakubalele emntwini oko kunokwenziwa kuphela ngamandla kaThixo, wabacikida wabalinga ukubona ukuba baya kumthobela na. Kuvavanyo ngalunye basilela. Endaweni yokukholelwa kuye, nokumvuma uThixo, owayizalisayo indlela yabo ngobunqhina bamandla akhe nemiqondiso ecacileyo yenkathalelo nothando lwakhe, abakholelwanga kuye bakubalela ukuphuma kwabo eJiputa kuMoses, bembeka ityala lazo zonke iintlekele zabo. UMoses waye zinyamezele iinkani zabo ngonyamezelo olungummangaliso. Ngaxa limbhi basongela ngokumxuluba ngamatye.IL 147.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents