Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ululeko Lokugqibela KooSirayeli

    Bonke abantu babehlanganisene phambhi kwakhe, wazifunda iziganeko ezidluleyo zebali labo encwadini leyo waye yibhalile. Wafunda kananjalo amadinga kaThixo kubo ukuba bayakumthobela, neziqalekiso eziya kuwa phezu kwabo xa bengeva.IL 149.4

    UMoses wabaxelela ukuba, ngenxa yovukelo lwabo, uYehova amaxesha amaninzi wagqiba ukubacima, kodwa yena wababongozela ngozondelelo waza uThixo wabababala ngokubasindisa. Wabakhumbhuza ngemimangaliso aayenzayo uYehova kuFaro nalo lonke ilizwe laseJiputa. Wathi kubo, “Ngokuba amehlo enu azibonile zonke izenzo zikaYehova ezikhulu awazenzayo. Ize niwugcine wonke umthetho endiniwiselayo namhla, ukuze nomelele, ningene nilim’e ilizwe elo niwelela kulo, ukuba nilihluthe.” Duteronomi 11: 7, 8.IL 150.1

    UMoses wabayala ngokukodwa oonyana bakaSirayeli ngasekuwexulelweni ekunquleni izithixo. Wabayalela ngenyameko ukuba bayithobele imithetho kaThixo. Ukuba bathe bamthobela bamthanda uYehova bamkhonza ngothando olungahlulwanga, wayeya kubanika imvula ngexesha layo enze ukuba izilimo zabo zichume, neenkomo zabo zande. Babeza kuxhamla kananjalo amalungelo awodwa naphakamileyo, bazongamele iintshaba zabo.IL 150.2

    UMoses wabayalela oonyana bakaSirayeli ngendlela enyamekileyo nechukumisayo. Wayesazi ukuba lithuba lakhe lokugqibela lokuthetha nabo. Wagqiba ke ukuyibhala encwadini yonke imimiselo namasiko nemithetho awamnika yona uYehova, kwa neminye imimiselo ngemimiselo ebhekisele kwimibingelelo yamadini. Incwadi wayinikela ezandleni zamadoda asebugoseni obungcwele, wayaleza ukuthi, ukuze igcinakale kakuhle, ma igcinwe ecaleni letyeya, kuba ugcino lukaThixo lwalu soloko lukuletyeya ingcwele. Incwadi kaMoses yayiza kugcinwa, ukuze abagwebi bakwaSirayeli baye kuyo xa kuthe kwakho umcimbhi ofuna njalo. Abantu abangevayo basoloko beziqonda iimfuneko zomthetho kaThixo ngendlela elungele bona; ngenxa yoko ke incwadi kaMoses yagcinwa kweyona ndawo ingcwele, ukuze kukhangelwe kuyo ngexesha elizayo.IL 150.3

    UMoses wayiqukumbhela imiyalelo yakhe yokugqibela ebantwini ngentetho enamandla amakhulu, e- profetayo. Yayilusizi itsolile. Ngempefumlelo kaThixo wasisikelela isizwe ngasinye sakwaSirayeli. Emazwini akhe okupheta wathetha kakhulu ngobungangamsha bukaThixo nexabiso likaSirayeli, eliya kuhlala lihleli ukuba bamthobele uThixo babambhelela emandleni akhe.IL 150.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents