Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 23—Ukungena Kwilizwe Ledinga

    EMVA kokufa kukaMoses, nguYoshuwa owayeza kuba ngumkhokeli wooSirayeli, aye kubangenisa eliZweni leDinga. Waye yinkulu-mbuso phantsi koMoses kwithuba elide lokubhadula kooSirayeli entlango. Waye yibonile imisebenzi engummangaliso kaThixo aayenzayo ngoMoses, ekuqonda kakuhle ukuziphatha kwabantu. Waye ngomnye kwiintlola ezilishumi elinababini ezazithunywe ukuba ziye kuhlola iliZwe leDinga, engomnye wababini abanika ingxelo ethembhekileyo ngokuchuma kwalo nowabakhuthazayo abantu ukuba banyuke ngamandla kaYehova balim’e. Waye yilungele kanye lendawo ibalulekileyo. UYehova wamdinga uYoshuwa ngokuba naye njengoko waye naye uMoses, nokwenza iKanan ukuba ayoyise ngokulula, ukuba kodwa uya kuthembheka ayigcine yonke imithetho yakhe. Waye xhalele ukuyazi indlela yokuwuphumeza lomyalelo wokukhokela abantu baye elizweni laseKanan, kodwa lenkuthazo yazisusa zonke izoyiko zakhe.IL 153.1

    UYoshuwa wabayalela oonyana bakaSirayeli ukuba balungiselele uhambho lweemihla emithathu, nokuba onke amadoda okulwa aphume umkhosi aye kulwa. “Bamphendula uYoshuwa, besithi, Izinto zonke osiwisele umthetho ngazo sozenza, nalapho sukuba usithume khona soya. Ngako konke esamphula-phula ngako uMoses, siya kwenza njalo ukukuphula-phula nawe; kodwa uYehova uThixo wakho unga angaba nawe, njengokuba waye noMoses. Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangawaphula-phuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, ma babulawe; kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena.”IL 153.2

    Ukuwela kwamaSirayeli iJordan kwakuza kuba ngummangaliso. “Wathi uYoshuwa ebantwini, Zingcwaliseni; ngokuba ngengomso uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi kwenu. Wathi uYoshuwa kubabingeleli, Thwalani ityeya yomnqophiso, niwele phambhi kwabantu. Bayithwala ke ityeya yomnqophiso, bahambha phambhi kwabantu. Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla nje ndiya kuqala ukukwenza mkhulu emehlweni amaSirayeli onke, ukuze azi ukuba ndiya kuba nawe, njengokuba ndibe ndinoMoses.”IL 153.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents