Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukubuyiselwa kwaSirayeli

    Abanye babengavumelani nako oku. Kwaba kukuzithoba okukhulu ukuyithwala bayibuyise ityeya, baqinisekisa ukuba ma kungabikho noko amnye wakumaFilisti ongabeka esichengeni ubomi bakhe ngokuthwala ityeya kaThixo wakwaSirayeli, eyayizise ukufa okungaka phezu kwawo. Abacebisi bawo babacenga abantu ukuba bangazenzi lukhuni iintliziyo zabo, njengoko enza njalo amaJiputa noFaro, babange imbhandezelo nezibetho ezingaphezulu ukuba ziwe phezu kwawo. Baza ngenxa yokuba babesoyika bonke ukuyiphatha ityeya kaThixo, babacebisa abantu besithi, “Thabathani ngoko, nenze inqwelo entsha, nithabathe iimazi ezimbhini zenkomo ezanyisayo, ezingazange zibekwe dyokwe, nizibophe enqwelweni, niwanqande amathole azo kuzo, aye ekhaya. Noyithabatha ke ityeya kaThixo, niyibeke enqwelweni ; neempahla zegolide enizibuyisela kuye, ezilidini letyala, nizibeke etyeyeni ecaleni layo, niyindulule ihambhe. Nize nikhangele: ukuba ithe yenyuka ngendlela yomda wayo, yaya eBete-shemeshe, woba nguye osenzele obu bubi bukhulu ; ke ukuba kuthe akwaba njalo, sothi sazi ukuba asibethwe sisandla sakhe, sihlelwe sisihlo. Eenza njalo ke amadoda; athabatha iimazi ezintsha ezanyisayo zambhini, azibopha enqwelwe- ni, awavalela amathole ekhaya. . . . Iimazi ezintsha zathi ngqo ngendlela, ngendlela yaseBete-shemeshe, zahambha ngomendo, zihambha zinxakama, azanxaxhela ekunene nasekhohlo.”IL 166.1

    AmaFilisti ayesazi ukuba iimazi zenkomo azinakuze zenziwe ukuba ziwashiye amathole azo ekhaya ngaphandle kokuba zinyanzelwa ngamandla athile angabonwayo. Iimazi zahambha ngqo zaya eBete-shemeshe, zinxakamela amathole azo, kodwa noko ziye zisimka kuwo. Izikhulu zamaFilisti zayilandela ityeya zada zaya emdeni waseBete-shemeshe. Azizange zithembhele ezimazini ngokupheleleyo ngaletyeya ingcwele. Zazisoyikela ukuba xa ingathi ihlelwe bububi, ngamashwa amakhulu ngaphezulu angabahlelayo. Zazingazi ukuba izithunywa zikaThixo zaziyipheleka ityeya zizikhokela neemazi ezo endleleni yazo eya kulondawo yayo.IL 167.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents