Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ukukhukhumala Kusohlwaywa

    Abantu baseBete-shemeshe babevuna emasimini, baza bathi bakuba beyibona ityeya kaThixo phezu kwenqwelo etsalwa zimazi zenkomo, bavuya kakhulu. Babesazi ukuba ngumsebenzi kaThixo. Iimazi ezo zayitsala inqwelo leyo yayithwele ityeya zaya nayo elityeni elikhulu, zema khona apho. AbaLevi bayithula ityeya kaYehova kunye nomnikelo wamaFilisti, baza banyusa amadini ngenqwelo neemazi zenkomo ezaziyithwele ityeya engcwele, kwa kunye nomnikelo wamaFilisti kuThixo waba lidini elitshiswayo. Izikhulu zamaFilisti zabuyela eEkron, nesibetho sathintelwa.IL 167.2

    Amadoda aseBete-shemeshe, afuna ukwazi ukuba ngawaphina lamandla makhulu akuletyeya, ayibangela ukuba ibe nokwenza izinto ezingummangaliso kangaka. Acinga ukuba yityeya ngokwayo le inamandla amakhulu kangaka, akawabalela lamandla kuThixo. Kuphela ngaloo madoda aye nyulelwe lomsebenzi awaye nokuyikhangela ityeya, xa izigqubuthelo zayo zisusiwe, aze aphile, kuba oko kwakufana nokungathi bakhangele uYehova ngokwakhe. Bathi ke abantu bakuba bekwanelisa ukubawela kwabo ukwazi bayivula ityeya ukuba bakhangele kuloo magumbhi angcwele, into ke leyo abahedeni abanqula izithixo abangazange bacinge ukuyenza, izithunywa ezaziyipheleka ityeya zabulala abantu abangaphezu kwamawaka angamashumi amahlanu.IL 167.3

    Abantu baseBete-shemeshe bayoyika ityeya, baza bathi, “Ngubani na onako ukuma phambhi koYehova, loThixo ungcwele? Uya kunyuka aye kubani na, ukusuka kwakhe kuthi? Athuma abathunywa kubemi baseKiriyati-yeharim, esithi, AmaFilisti ayibuyisile ityeya kaYehova; yihlani, nize kuyinyusela kuni.” Abantu baseKiriyati-yeharim, bayinyusa ityeya kaYehova, bayisa endlwini kaAbinadabi, angcwalisa uElazare, unyana wakhe, ukuba ayigcine. AmaHebere ayephantsi kwegunya lamaFilisti iminyaka engamashumi amabini, athobeka kakhulu aguquka ezoonweni zawo, waza uSamuweli wawathandazela, uThixo wabuya waba nenceba kuwo. AmaFilisti eenza imfazwe nawo, waza uYehova kwakhona wawasebenzela ngendlela engummangaliso amaSirayeli, azoyisa iintshaba zawo.IL 168.1

    Ityeya yahlala endlwini kaAbinadabi wada uDavide wenziwa ukumkani. Wawahlanganisa onke amadoda ahleliweyo kwaSirayeli, amawaka angamashumi amathathu, waya kunyusa ityeya kaThixo. Bayibeka ityeya phezu kwenqwelo entsha bayithabatha endlwini kaAbinadabi. U-Uza noAhiyo, oonyana bakaAbinadabi, bayiqhuba inqwelo. UDavide nayo yonke indlu kaSirayeli baqambha ngaphambhi koYehova bebetha zonke iindidi zezinto zokuvuma. “Bafika esandeni sikaNakon; wesa isandla sakhe uUza etyeyeni kaThixo, wayibambha; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa. Wavutha umsindo kaYehova kuUza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.” U-Uza waba nomsindo ezinkomeni, ngenxa yokukhubeka kwazo. Wabonakalalisa ukungamthembhi uYehova, ngokungathi Lowo wayibuyisayo ityeya elizweni lamaFilisti akanako ukuyikhusela. Izithunywa ezaziyipheleka ityeya zambetha wafa uUza ngokuba nobugasa bokunganyamezeli abeke isandla sakhe etye-yeni kaThixo.IL 168.2

    “UDavide wamoyika uYehova ngaloo mini, wathi, Yothini na ukuza kum ityeya kaYehova? Akavuma ke uDavide ukuyisusa ize kuye emzini kaDavide ityeya kaYehova; uDavide wayisonga, wayiphambhukisela endlwini kaObedi-edom waseGati.” UDavide wayezazi ukuba uyindoda engumoni, waza woyikela ukuba, njengoUza, angathi mhlaumbhi abe nobugasa bokuzibizela ingqumbho kaThixo phezu kwakhe. “Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObedi-edom waseGati iinyanga ezintathu; uYehova wamsikelela uObediedom nendlu yakhe yonke.”IL 169.1

    UThixo wafuna ukubafundisa abantu bakhe ukuba, ekubeni ityeya yakhe yayi sisoyikiso nokufa kwaabo bayaphulayo imithetho yakhe egcinwe kuyo, ikwa yintsikelelo namandla kwaabo bayithobeleyo imithetho yakhe. Akuba evile uDavide ukuba indlu kaObediedom isikelelwe kakhulu, nokuba nezinto zonke anazo zasikeleleka ngenxa yetyeya kaYehova, walangazelela kakhulu ukuyizisa emzini wakhe. Kodwa ngaphambhi kokuba athabathe unyawo lokuyisusa ityeya, waqala wazingcwalisa kuThixo wayalela kananjalo ukuba amadoda asemagunyeni aphezulu ebukumkanini bakhe azikhwebule kuwo wonke umsebenzi wasehlabathini, nakuyo yonke into engazitsala iingqondo zawo zimke enkonzweni engcwele. Babeza kuzingcwalisa ngalendlela bejonge ukuthwalela ityeya engcwele kaYehova emzini kaDavide. “Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya. . . .”IL 169.2

    “Bayingenisa ityeya kaYehova, bayimisa endaweni yayo phakathi kwentente, abeyitwabulele yona uDavide ; uDavide wenyusa amadini anyukayo phambhi koYehova, nemibingelelo yoxolo.”IL 169.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents