Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Etempileni kaSolomon

    Emva kokuba uSolomon eyigqibile ukuyaakha itempile wahlanganisa amadoda amakhulu akwaSirayeli kunye nawona madoda anempembhelelo phakathi kwabantu, ukuba bayizise ityeya yomnqophiso kaYehova beyikhupha emzini kaDavide. La madoda azingcwalisela uThixo aza, ngokundileka okukhulu nangentlonelo, apheleka ababingeleli aabo babe yithwele ityeya. “Benyuka nayo ityeya kaYehova, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele ezibe zisententeni; benyuka nazo ababingeleli nabaLevi. Ke ukumkani uSolomon nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselene kuye, linaye phambhi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba ninzi kwazo.”IL 169.4

    USolomon walandela umzekelo kayise uDavide. Emva kweenyawo ezintandathu wabingelela. Ngeengoma nangezinto ezikhalayo nangenkonzo enkulu, “bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo ezingcwele endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubi. Ngokuba iikerubi zaye ziwolulele amaphiko phezu kwendawo yetyeya, iikerubi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.”IL 170.1

    Kwa kwenziwe indawo engcwele ebukeka ngokukodwa, yenziwe ngokomfanekiso owaboniswa uMoses entabeni waza kamva wanikelwa nguYehova kuDavide. Indawo engcwele yasemhlabeni yayenziwe ngokufana naleyo yasezulwini. Kunye neekerubi ezaziphezu kwetyeya, uSolomon wenza ezinye izithunywa ezibini ezikhudlwana kunezinye, zema macala omabini etyeya, zimele umkhosi wezithunywa zezulu ezisoloko zikhusele umthetho kaThixo. Kunqabile ukubuchaza ubuhle nokubukeka kwaletempile. Apho kuyo, kwa njengasemnqubeni, ityeya engcwele yathwalwa ngolungelelwano olundilekileyo noluhlc-nelekileyo, yabekwa endaweni yayo phantsi kwamaphiko ekerubi ezimbhini ezinobungangamsha ezazimi emgangathweni.IL 170.2

    Iqela leemvumi ezingcwele zawamanya amazwi azo kunye nazo zonke iindidi zezinto ezikhalayo zengoma, ekudumiseni uThixo. Athi ke amazwi, xa aye manyene ngolungelelwano nezinto ezikhalayo zengoma, akuhlokoma kuyo yonke itempile athwalelwa emoyeni kuyo yonke iJerusalem, ilifu lobuqaqauli bukaThixo layizalisa indlu, njengoko lawuzalisayo umnquba ngaphambhili. “Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu, layizalisa indlu kaYehova. Ababingeleli ababinakuma balungiselele nge- nxa yelifu; ngokuba ubuqaqauli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.”IL 170.3

    UKumkani uSolomon wema eqongeni lobhedu phambhi kwesibingelelo wabasikelela abantu. Waguqa emva koko, izandla zakhe eziphakamisele ezulwini, wathulula umthandazo wolangazelelo ondilekileyo kuThixo logama ibandla laliqubude ngobuso emhlabeni. Emva kokuba uSolomon egqibile ukuthandaza, kwehla umlilo ongummangaliso uvela ezulwini walidla idini.IL 171.1

    Ngenxa yezoono zooSirayeli ishwangusha awayethe uThixo liya kuyihlela itempile ukuba abantu bakhe bamshiyile lehla malunga namakhulu athile eminyaka emva kokuba itempile yaakhiwe. UThixo wayemdinge uSolomon ukuba, xa athe wahlala ethembhekile, nabantu bakhe bayilulamela yonke imithetho yakhe, letempile izukileyo iya kuma ngonaphakade ikubo bonke ubuhle bayo njengobunqhina bempumelelo neentsikelelo eziphakamileyo eziphezu kooSirayeli ngenxa yokuthobela kwabo.IL 171.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents