Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Iyelenqe Ngakusapho Loluntu

    Abalandeli bakhe babemfuna, waza ezivuselele, wabonakalisa isimo sokusongela, wabazisa ngamacebo akhe okumwija kuThixo uAdam obekekileyo nomlingane wakhe uEva. Ukuba ebengaba nako ngandlela ithile ukubalukuhlela ekungathobelini, uThixo ube ngenza umsindleko abangaxolelwa ngawo, ukuze yena nezithunywa zakhe babe selungelweni ngendlela efanelekileyo ukuba babelane nabo ngenceba kaThixo. Ukuba oku akuphumeleli, babeya kuzimanya kunye noAdam noEva, kuba nje ukuba bawaphule umthetho kaThixo baya kuba phantsi kwengqumbho kaThixo, njengabo. Ukoona kwabo kwakuza kubabeka nabo, ngokunjalo, esimeni sovukelo. babenako ke ukuma- nyana nabo, bayithimbhe iEden, bayigcine ibe likhaya labo. Ukuze njengoko benako ukufikelela kumthi wobomi osesazulwini somyezo, amandla abo, bacinga njalo, alingane nawezithunywa zezulu ezingcwele, aze noThixo ngokwakhe angabinako ukubagxotha.IL 24.3

    USatana waba nebhunga nezithunywa zakhe ezikhohlakeleyo. Azizange zivume kwa oko zonke ukumanyana ziwenze lomsebenzi unengozi eyoyikekayo. Wazixelela ukuba akayi kunikela nakusiphina kuzo ukuba siwenze lomsebenzi, kuba wayecinga ukuba nguye yedwa onobulumko obaneleyo bokuwuphumeza lomsebenzi ubaluleke kangaka. Wayefuna nje ukuba ziwuqwalasele umcimbhi lo logama asazishiyileyo esaya kuba yedwa, afeze amacebo akhe. Wazama ukucinezela kuzo ukuba eli lithembha labo lokugqibela nekuphela kwalo. Ukuba banokoyiswa apha yonke injongo yokulizuza kwakhona nokulilaula izulu, ayithembhisi.IL 25.1

    USatana wemka yedwa waya kufeza amacebo aqinisekileyo ayakubanga ukuwa kukaAdam noEva. Waye noloyiko lokuba iinjongo zakhe ziya koyiswa. Kwaye kwakhona, nokuba unokoyisa amkhokelele uAdam noEva ekungayithobeleni imithetho kuThixo, baze ngako oko babe ngabaphuli bomthetho wakhe, kungabikho nto ilungileyo angenelwa yiyo, imeko yakhe yayingaz’ukuguqulwa; ityala lakhe laliza kongezwa kuphela.IL 25.2

    Waahlasimla yingcamango yokuntywilisela lembhini ingcwele yonwabileyo elusizini nasekuzohlwayeni awaye siva kona yena. Wabangathi uyathingaza; ngelinye ixesha omelele azimisele, aze athandabuze abe namathidala. Izithunywa zakhe zazimfuna, inkokeli yazo, ukuba zimazise ngesigqibo sazo. Zaziza kuzimanya namacebo akhe, zize kunye naye ziwuthwale lomthwalo zabelane naye ngeziphumo.IL 25.3

    USatana wazichitha izimvo zokuncama nobuthathaka, waza, njengenkokeli yazo wazomelezela ukujongana nawo lomcimbhi enze konke okusemandleni akhe ukulichasa igunya likaThixo noNyana wakhe. Wazazisa ke amacebo akhe. Ukuba ebengaya ngokuphandle kuAdam noEva enze izikhalazo ngoNyana kaThixo, babe ngayi kumphulaphula nomzuzwana lo kodwa babeya kuba belulindele uhlaselo olunjalo. Ukuba ebengazama ukubankwantyisa ngenxa yamandla akhe, njengoko kungekudala ebesisithunywa esisegunyeni eliphakamileyo, ubengayi kufeza nto. Wagqiba ukuba ubuqhetseba nenkohliso iya kukwenza ooko amandla, okanye unyanzelo, lungenakukwenza.IL 25.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents