Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Isahluko 26—Ulungiselelo LukaKristu

    EMVA kokuba uSatana ephezile ukumhenda uYesu wamshiya okwethutyana, izithunywa zezulu zamlungiselela ukutya apho entlango zamomeleza, nentsikelelo kaYise yahliswa phezu kwakhe. USatana wayoyisiwe kwezona zihendo zakhe zoyikekayo; kodwa noko wakhangela phambhili kwixesha lolungiselelo lukaYesu, wayeza kuthi ngamaxesha ngamaxesha asebenzise ubuqhetseba bakhe amchase. Wayesathembhe ukumoyisa ngokuphembhelela aabo bangayi kumamkela uYesu, ukuba bamthiye bafune ukumtshabalalisa.IL 180.2

    USatana waba nequmru elilodwa nezithunywa zakhe. Zazidanisiwe ziqumbhile ukuba zingabanga nampumelelo ekumchaseni uNyana kaThixo. Zagqiba ukuba zibe nobuqhetseba ngakumbhi zisebenzise amandla azo kangangoko zinako ukuphembhelela ukunga- kholwa ezingqondweni zesizwe sakhe ekubeni ngumSindisi kwakhe wehlabathi, zize ngalendlela zimtyhafise uYesu emsebenzini wakhe. Kwa kungakhathaleki nokuba amaJuda aye nocoselelo olugqibelele kangakananina emimiselweni yawo namadini, ukuba nje ebengagcinwa eziimfama eziprofetweni enziwe ukuba akholwe ukuba uMesiya uya kuza engukumkani onobungangamsha wasemhlabeni, ebengakhokelelwa ukuba amdele amcekise uYesu.IL 180.3

    Ndaboniswa ukuba uSatana nezithunywa zakhe babesebenza ngamandla ngethuba lolungiselelo lukaKristu, bephembhelela abantu ngokungakholwa, intiyo, nendelo. Futhi akuba uYesu evakalise inyaniso ehlabayo, ekhalimela izoono zabo, abantu babanomsindo. USatana nezithunywa zakhe babafunza ukuba bambulale uNyana kaThixo. Akubanga kanye bethabatha amatye ukuba bamxulube ngawo, kodwa izithunywa zezulu zamkhusela zamthwalela kude neso sihlwele sinomsindo zamsa endaweni ekhuselekileyo. Kwakhona yakuba inyaniso ecacileyo iphuma emlonyeni wakhe ongcwele, indimbhane yambambha yamrolela ecaleni lentaba ukuba imlahle ezantsi. Kwavuka impikiswano phakathi kwabo ngento amabayenze ngaye, zaphinda izithunywa zamfihla emehlweni endimbhane, waza ephumela phakathi kwayo, wahambha indlela yakhe.IL 181.1

    USatana wayesathembhile ukuba icebo elikhulu losindiso liya kutshitsha. Wawakhupha onke amandla akhe ukuzama ukwenza lukhuni iintliziyo zabantu nezimvo zabo zibe krakra ngakuye uYesu. Wathembha ukuba baya kuba mbalwa kakhulu abaya kumamkela njengoNyana kaThixo ngangokuba azibalele iintlungu zakhe nombingelelo wakhe ukuba mkhulu kakhulu ukuba angawenzela eliqela lincinane kangaka. Kodwa ndabona ukuba nokuba kwa kukho bebabini nje kuphela abamamkeleyo uYesu njengoNyana kaThixo bakholwa kuye ngokusindiswa kwemiphefumlo yabo, wayeya kuliphumeza elicebo.IL 181.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents