Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    UJudas Emngcatsha uYesu

    Wavela ke uJudas namadoda akhe axhobileyo. Weza eNkosini yakhe ngokwesiqhelo, ukuba ayibulise. Iqela lakhe lamraula uYesu; kodwa wabonakalalisa amandla akhe obuthixo, akuba esithi, “Nifuna bani na?” “Ndinguye.” Babuya ngomva bawa emhlabeni. UYesu wawenza lombuzo ukuze ababonise amandla akhe abe nobunqhina bokuba unako ukuzikhulula ezandleni zabo ukuba uyathanda.IL 190.2

    Abafundi bavukelwa lithembha bakusibona isihlwele esiphethe iintonga namakrele sisithi waca ngokukhauleza kangaka. Bakuba bevukile bamraula kwakhona uNyana kaThixo, uPetros warola ikrele lakhe wabetha umkhonzi wombingeleli omkhulu wamsusa indlebe. UYesu wamyalela ukuba alibeke pha- ntsi ikrele lakhe, esithi, “Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinambhini?” Mateyu 26: 53. Ndabona ukuba xa ayethethwa lamazwi, ubuso bezithunywa zezulu bazaliswa lithembha. Zazilangazelela kwa oko ukumngqinga umPhathi wazo zisichitha-chithe isihlwele esinomsindo. Kodwa kwakhona zazaliswa lusizi, akongeza ngokuthi uYesu, “Be zingathinina ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?” Mateyu 26: 54. Iintliziyo zabafundi nazo zawa ngokuncama nokudaniswa okukrakra akuba uYesu evuma ukuba zimke naye iintshaba zakhe.IL 190.3

    Abafundi boyikela obabo ubomi, baza bonke bamshiya babaleka. UYesu wasala yedwa ezandleni zeso sihlwele sizaliswe kukubulala. Lwa luloyiso olungakananina olu kuSatana ! Ilusizi nokuba buhlungu okunjanina kwizithunywa zikaThixo! Amaqela amaninzi ezithunywa ezingcwele, ngalinye linesithunywa eside esongameleyo phambhi kwalo, athunyelwa ukuba aye kusibonela esisenzo. Zaziza kubhala isinyeliso nenkohlakalo nganye eyenziweyo kuNyana kaThixo, zenze ingxelo yentlungu nganye yokuthuthunjiswa ayivileyo uYesu; kuba kwawona loo madoda aye thabathe inxaxheba kwesisenzo soyikekayo asaya kuphinda asibone kwakhona njengokuba besinjalo.IL 191.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents