Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    U Adam noEva Beyalwa

    UThixo wawuhlanganisa umkhosi wezithunywa zezulu ukuthabatha amanyathelo okuthintela esisisongelo sobubi. Kwagqitywa ebhungeni lasezulwini ukuba izithunywa ma zityelele eEden zimvuse uAdam ukuba usengozini kulo utshaba. Izithunywa ezibini zakhauleza ukuya kutyelela abazali bethu bokuqala. Lembhini ingcwele yazamkela ngobumsulwa bovuyo, ivakalisa umbulelo wayo wokukholiseka kumDali wayo ngokubajikeleza ngobuninzi bobutyebi bakhe. Yonke into entle nenomtsalane yayi yeyabo ukuba bayixhamle, yaza yonke into yakhangeleka ngathi yenziwe ngobulumko ukuba ilungele okufunekayo kubo; kwaza ooko abakuxabise ngaphezu kwazo zonke ezinye iintsikelelo, kwaba kukutyelelwa nguNyana kaThixo nezithunywa zasezulwini, kuba babeba nezinto ezininzi zokuthetha kutyelelo ngalunye, ngezinto ezintsha abazifumeneyo zobuhle bemvelo ekhayeni labo elibukekayo laseEden, benemibuzo emininzi kananjalo ngezinto ezininzi ababe ziqonda ngokungacacanga kakuhle.IL 26.1

    Izithunywa zezulu ngobubele nangothando zabanika ulwazi ngezo zinto babe zilangazelela. Zabaxelela kananjalo ngebali elilusizi lovukelo nokuwa kukaSatana. Zabaxelela ke ngokucacileyo ukuba umthi wokwazi ubekwe emyezweni ukuba ube sisiqinisekiso sentobelo yabo nothando lwabo kuThixo; nokuba ulaulo oluphakamileyo nolokonwaba lwezithunywa zezulu ezingcwele lwalu nokugcinwa kuphela phantsi komgaqo wokuthobela; nokuba nabo babekwe kwa phantsi kwaloo mgaqo wokuthobela; nokuba banako ukuwugcina umthetho kaThixo babe nokonwaba okungenambhaliso, okanye bangathobeli balahlekwe lulaulo lwabo oluphakamileyo bantywiliselwe ekuncameni okungenathembha.IL 26.2

    Zamxelela uAdam noEva ukuba uThixo akayi kubanyanzela ukuba bamthobele — nokuba waye ngawasusanga kubo amandla okuhambha ngokunxamnye nentando yakhe; nokuba bazizidalwa ezinesimilo ezikhululekileyo ukuba zithobele okanye zingathobeli. Sasikho ke sasinye isalelo awabonayo uThixo kufanelekile ukuba okwakaloku asibeke kubo. Ukuba bangayigqitha intando kaThixo babeya kufa. Zamxelela uAdam noEva ukuba esona sithunywa sezulu esasisesona siphakanyisiweyo, silandela uKristu eludweni, saala ukuthobela umthetho kaThixo awaye wumisele ukuba ulaule iziqu zasezulwini ; nokuba oluvukelo lwabanga imfazwe ezulwini, esiphumo sayo saba kukugxothwa konovukelo khona apho, zagxothwa zemka ezulwini zonke izithunywa zezulu ezathelela kuye ekulithandabuzeni igunya likaYehova omkhulu; nokuba olutshaba luwileyo ngoku lwalu lutshaba kuyo yonke into ekhathalelwe nguThixo noNyana wakhe othandiweyo.IL 27.1

    Zabaxelela ukuba uSatana uceba ukubenzakalisa, kwaye kufuneka ukuba bazilumkele, kuba babe nokuhlangana nalo olutshaba luwileyo; kodwa lwalu ngenakubenza nto ngalo lonke ixesha benika intobelo emthethweni kaThixo, kuba, ukuba kungakho imfuneko, zonke izithunywa zasezulwini zingeza kubanceda ukuba angabenzakalisi nangayiphina indlela. Kodwa xa bengawuthobelanga umyalelo kaThixo, wayeya kwandula uSatana abenegunya lokubakhathaza, abaphazamise, ababandezele. Ukuba bomelele bamelana nezizindlo zokuqala zikaSatana, baya kukhuseleka njengezithunywa zezulu. Kodwa ukuba bamvumele umhendi, lowo ungazange aziconge izithunywa zezulu eziphakamileyo akayi kubaconga. Baya kuthwala isohlwayo sezigqitho zabo, kuba umthetho kaThixo ungcwele njengaye, elindele kananjalo intobelo epheleleyo kubo bonke abasezulwini nasemhlabeni.IL 27.2

    Izithunywa zamyala uEva ukuba angashenxi ngasendodeni yakhe ekusebenzeni kwakhe, kuba kungenzeka ahlangane nolutshaba luwileyo. Ukuba bathe bahlukana baya kuba sengozini engaphezulu kunaxa bekunye bobabini. Izithunywa zabayalela ukuba bayilandele ngokucokisekileyo imiyalelo uThixo abanike yona ngokusingisele kumthi wokwazi, kuba entobelweni epheleleyo bakhuselekile, kuze ke olutshaba luwileyo lungabi namandla okubakhohlisa. UThixo waye ngayi kumvumela uSatana ukuba ayilandele lembhini ingcwele ngezihendo ezizingileyo. Waye nokubafikelela kuphela emthini wokwazi okulungileyo nokubi.IL 27.3

    UAdam noEva baziqinisekisa izithunywa zezulu ukuba abayi kuze bawugqithe umthetho ocacileyo kaThixo, kwa kubobona bumnandi babo buphakamileyo ukwenza intando yakhe. Izithunywa zezulu zamanyana noAdam noEva ngentsholo engcwele yengoma evisisanayo, zaza zakuba iingoma zabo zihlokoma ziphuma kwiEden eyolileyo, uSatana wayiva intlokoma yentsholo yabo yokudumisa ngovuyo uYise noNyana. Waza akuba eyiva uSatana umona wakhe, nentiyo, nolunya lwakhula, waza wakuvakalisa kubalandeli bakhe ukulangazelela kwakhe ukubaxhokonxa (uAdam noEva) ukuba bangabi nantobelo ukuze kwa oko ahlise ingqumbho kaThixo phezu kwabo aziguqule iingoma zabo zokudumisa zibe kukumthiya nokumqalekisa umDali wabo.

    IL 28.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents