Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ibali Lenkululo

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Kwigumbhi Lokugweba

    Isihlwele sasikhalela igazi likaYesu. Bamtyakatya ngokukhohlakeleyo, bamthi wambhu ngengubo endala ebomvu yobukhosi, bayibopha intloko yakhe engcwele ngesitsaba sameva. Bamnika ingcongolo esandleni sakhe, baqubuda kuye, bamgculela ngokumbulisa besithi, “Aa, Kumkani wamaJuda!” Johane 19: 3. Bayithabatha ingcongolo esandleni sakhe bambetha ngayo e- ntloko, babanga ukuba ameva atshone ezintlafunweni zakhe, igazi lankcenkceza lehla ebusweni nasezindevini zakhe.IL 192.2

    Kwa kunzima kwizithunywa zezulu ukuba zikunyamezele oku. Nge zazimhlangule umPhathi wazo, ukuba izithunywa ezongameleyo zazingazithintelanga ngokuthi le yintlaulelo enkulu eyayiza kuhlaulelwa umntu; kodwa yayiza kuphelela ize ibange ukufa kwa lowo unamandla okufa. UYesu wayesazi ukuba izithunywa ziyawubonela umbono wokuthotyelwa phantsi kwakhe. Esona sithunywa sibuthathaka ngesabanga ukuba eso sihlwele sigculelayo siwe singabi nakwenza nto size simhlangule uYesu. Wayesazi uYesu ukuba xa ebengalangazelela njalo kuYise, izithunywa bezingamhlangulayo kwa oko. Kodwa kwa kuyimfuneko ukuba anyamezele ukuphathwa kakubi ngabantu abakhohlakeleyo, ukuze aliphumeze icebo losindiso.IL 193.1

    UYesu wema enobulali ethobekile phambhi kweso sihlwele sizaliswe ngumsindo, logama sasimcukuceza ngeyona ndlela imbhi. Bamtshicela ebusweni -— obobuso ngenye imini abaya kufuna ukuzifihla kubo, obuya kukhanyisela umzi kaThixo bukhanye ngaphezu kokukhanya kwelanga. UKristu akazange abakhangele abooni ngokukhangela komsindo. Bamgquma intloko yakhe ngengubo endala, bemgqubuthela amehlo, baza bambetha ebusweni, besitsi, “Profeta; ngubani na lo ukubethileyo?” Luka 22: 64. Kwabakho ukungqunga phakathi kwezithunywa zezulu. Nge zamhlangula kwa oko, kodwa izithunywa ezongameleyo zazithintela.IL 193.2

    Abanye kubafundi bazuza ukuchulumacha ukuba bangene apho uYesu wayekhona bavele ukuthethwa kwetyala lakhe. Babe lindele ukuba abonakalalise amandla akhe obuthixo, azihlangule ezandleni zentshaba zakhe, azohlwaye ngenxa yenkohlakalo yazo kuye. Amathembha enyuka esihla zakuba zisenzeka ezi zinto ngeezinto. Maxa wambhi bathandabuza, boyikela ukuba bakhohlisiwe. Kodwa elozwi baliva entabeni yokwenziwa kumila kumbhi, nobo buqaqauli babubonayo, balomeleza ukholo lwabo ekubeni yena unguye uNyana kaThixo. Bakhumbhula iziganeko aabazibonayo, imimangaliso aabambona eyenza ukuphilisa abafayo, nokuvula amehlo eemfama, nokuvula iindlebe zezithulu, nokukhupha iidemon, ukuvusa abafileyo, nokude azolise umoya nolwandle.IL 193.3

    Abakholwanga ukuba unokufa. Bathembha ukuba noko usaza kuphakama esemandleni, aze athi ngelolizwi lakhe linamandla asichitha-chithe isihlwele esinobugebenga, njengangoko wayengene etempileni wabakhuphela phandle aabo babeyenza indlu kaThixo indlu yentengiso, baza basaba phambhi kwakhe ngokungathi basukelwa ngumkhosi wamasoldathi axhobileyo. Abafundi babethembe ukuba uYesu uya kuwabonakalalisa amandla akhe abanelise bonke ukuba unguKumkani kaSirayeli.IL 194.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents