Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    11—Uloyiso Lothando

    Ekupheleni kweminyaka e-1000, uKristu ubuyela emhlabeni ekhatshwa ngabasindisiweyo kunye nomkhosi wezithunywa zezulu. Ubiza abafileyo ukuba bavuke ukuze bafumane intshabalalo esisiphelo sabo. Bayavuka, bengenakubalwa njengentlabathi yaselwandle, beneempawu zezifo nokufa. Umahluko omkhulu kangako kwabo babevuke kuvuko lokuqala.ItE 111.1

    Onke amehlo akhangela ukuba abone uzuko loNyana kaThixo. lingelosi ezikhohlakeleyo zonke ziduma ngazwinye zisithi, “Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi!” Mateyu 23:39. La mazwi awaphumi eluthandweni. Atyhalwa ngamandla enyaniso ukuba aphume kuloo milebe ingathandiyo. Njengoko abakhohlakeleyo bephuma emangcwabeni, baphuma kuwo bese nobo butshaba ngakuKristu, bese nawo naloo moya wovukelo. Abazokufumana nceba yimbi ukuba balungise ubomi babo obadlulayo.ItE 111.2

    Uthi umprofethi, “Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kwentaba yeminquma,... icandeke iNtaba yeminquma phakathi” Zekariya 14:4. U-Kristu nabantu baKhe neengelosi zaKhe, bangene kuwo umzi ongcwele - iJerusalem eNtshaItE 111.3

    Naxa liya kuba linqunyulwe iimpiko kumsebenzi wokulahlekisa itshawe lobubi liya kuxhwaleka, linxunguphale lizive lilahliwe kodwa, kwaba bantu bakhohlakeleyo bavusiweyo, libona izihlwele ezikwicala lalo, atsho avuseleleke amathemba. Ligqibe ekubeni lingayiyeki le mfazwe inkulu. Liya kuqokelela bonke abalahliweyo phantsi kwebhanile yalo. Ngokungamamkeli uKristu, aba bamkele ulawulo Iwenkokheli engumvukeli, belungele ukuya apho ibathuma khona. Eli tshawe, lisenza la nto yokuqala yokuzifihla ukuba linguSathana. Libanga ukuba lilo elingumnini womhlaba osemthethweni ntonje ilifa lalo lihluthiwe kulo. Lizibeka njengomkhululi, liqinisekisa abalandeli abalahlekileyo ukuba ngamandla alo abakhuphe emangcwabeni. U-Sathana womeleza ababuthathaka, abafake amandla akhe bonke ukuze abakhokhele ukuba bawuthabathele kubo umzi kaThixo. Ubabonisa ubuninzi babo (abo baphuma emangcwabeni) abe selebaxelela ukuba njengenkokheli, uza kuba khokhela; abuthabathele kuye “ubukumkani bakhe kunye netrone yakhe”.ItE 112.1

    Kwesi sihlwele kwakukho uhlanga olwaluphila phambi koNogumbe, amadoda amade ngesithomo, izigebenga engqondweni, amadoda anemisebenzi yawo yenza ukuba buhlonitshwe ubuchopho bawo, kodwa inkohlakalo yawo nobubi bokucamngca kwawo enza ukuba uThixo awacime kwindalo yakhe. Kukho ookumkani neenjengele ezingazange zoyiswa mfazwe. Ekufeni kwawo awazange aguqulwe. Bathi xa bephuma engcwabeni, bavuselelwa kwa lolo langazelelo lokoyisa abo bafa beboyisa.ItE 112.2

    Ukuhlasela U-Thixo Okokuqgibela

    U-Sathana uhlanganisa iintloko namadoda akhe amakhulu. Bayavumelana ukuba lo mkhosi ungaphakathi esixekweni mncinane xa uthelekiswa nowabo ngoko bangawoyisa. Amachule okwenza izixhobo zemfazwe aqalisa umsebenzi wawo. linkokheli zemikhosi ziqalisa ukuqokelela amadoda okulwa ngamaqela namahlelo.ItE 113.1

    Ekugqibeleni, kuphuma umyalelo wokuba kubhekwe phambili, isihlwele esingenakubalwa siya hamba; loo mkhosi uhlangeneyo ongaphezu kwayo yonke imikhosi eyaka yakho. Lo mqodi ukhokhelwa nguSathana, ookumkani namagorha emfazwe ekuloo mkhosi. Ngobuchule obukhulu basemkhosini, izintlu zonke zithe chu kuloo mhlaba udlaka-dlaka, zisingisa kumzi kaThixo. Ngomyalelo kaYesu, ayavalwa masango eJerusalem eNtsha, imikhosi kaSathana izilungiselela ukuhlasela.ItE 113.2

    Ngeli xesha uyavela uKristu ukuba abonwe zintshaba zaKhe. Phakathi esixekweni kwindawo esencotsheni, phezu kwesiseko segolide ecikizekileyo, kumi itrone. Kwitrone leyo kuhleli uNyana kaThixo, erhangqwe ngamalungu obukumkani baKhe, macala onke. U-Nyana kaThixo, ugubungelwe bubuqaqawuli bukaYise. Ukubengezela kobukho baKhe kuphuma kuye ngaphaya kwamasango, buzalise umhlaba ngokukhanya kwako.ItE 113.3

    Kufutshane kakhulu apha etroneni, ngabantu ababeshushu ekusebenzeleni uSathana, kodwa bakhutshwa emlilweni njengezikhuni ezivuthayo baza balandela uMsindisi ngokuzinikela okukhulu. Bakho nabo bathi phakathi kobuxoki nokungakholwa; bavuma ukuba isimilo sabo masenziwe sigqibelele, bawuhlonela umthetho kaThixo ngexesha ihlabathi lisithi awunto, kukho nezigidi zezizukulwana ezininzi ezabulawelwa inkolo yazo. Kwelinye icala kukho “isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe nabantu, neelwimi,... sithiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, sinamasundu ezandleni zaso. ” IsiTyhilelo 7:9. Imfazwe yabo iphelile, boyisile. Isebe lesundu limele uloyiso, ingubo emhlophe iluphawu lobulungisa bukaKristu obubobabo ngoku.ItE 114.1

    Kuso sonke esi sihlwele, abakho abalubalela kubo usindiso ngokuthi kungemisebenzi yabo yobulungisa. Akukho nto ithethwayo ngokubulaleka kwabo; eyona nto kuthethwa ngayo, yindumiso ethi, “Usindiso kuThixo wethu nakuyo iMvana”.ItE 114.2

    Abavukeli Banikwa Isigwebo

    Phambi kwengqungquthela yabemi bonke bomhlaba nezulu, kuthweswa isithsaba, uNyana kaThixo. Ngoku, ethiwe jize ngegunya elikhulu namandla, ukumkani wookumkani, uwisa isigwebo phezu kwabavukeli abawaphulayo umthetho kaThixo, babacinezela nabantu baKhe. “Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasabi ebusweni baKhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo.ItE 114.3

    Zavulwa iincwadi, kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bangcwatywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.” IsiTyhilelo 20:12, 12.ItE 114.4

    Lithi iliso likaYesu lakujonga kwabakhohlakeleyo, batsho bakhumbule sonke isono abaka basenza. Bathi babone apho zaphambuka khona iinyawo zabo kwindlela yobungcwele. Kuninzi okufika kubo kungathi kubhalwe ngamagama omlilo kuquka izilingo ezinomtsalane. Abantu abazikhuthaza ngokuthanda ukutya isono, abathunywa bakaThixo abajongelwe phantsi ngaba bantu, izilumkiso ezingazange zinanzwe, ubuninzi benceba obungazange buhoyeke ngenxa yeenkani kunye nentliziyo engafuni nguquko.ItE 115.1

    Ngaphezu kwetrone kuvezwa umnqamlezo. Njengomboniso oveza ingcombolo yonke, kutyhilwa imiboniso yokuwa kuka-Adam nawo wonke amanyathelo ecebo losindiso ngokulandelelana kwawo. U-Msindisi owazalwa kwiindawo eziphantsi; ubomi baKhe obulula; ukubhaptizwa kwaKhe eYordane; ukuzila ukutya nokulingwa entlango; ulungiselelo IwaKhe lutyhilela abantu iintsikelelo zezulu; imihla eyayizaliswe yimisebenzi yenceba, ubusuku bomthandazo ezintabeni namayelenqe abantu abanomona nobubi; imfihlelo yentlungu yaseGetsemane phantsi komthwalo onzima wesono sehlabathi; ukungcatshwa kwaKhe kwisihlwele sababulali, iziganeko zobusuku bentlungu, ibanjwa elingaxhathisiyo elishiywe ngabafundi baLo, ukurhuqelwa kwinkundla yamatyala kwibhotwe lombingeleli omkhulu, kwiholo kaPilato, phambi koHerode oligwala, egculelwa, enyeliswa, enkwantyiswa, egwetyelwa ukufa - Konke kwakuzotywe kwacaca.ItE 115.2

    Ngoku, phambi kwesihlwele esingazinzanga, kwakuvezwa imiboniso yokugqibela, ababingeleli noorabhi bagculela intlungu yaKhe yokugqibela; ubumnyama obungaqhelekanga buphawula ukunikezela koMsindisi wezwe bonke ubomi baKhe.ItE 116.1

    Lo mfanekiso woyikekayo wavela njengoko wawunjalo. U- Sathana nabantu bakhe abanawo amandla okujika, bangawuboni lo mfanekiso. Umdlali ngamnye ukhumbula indawo awayeyidlala. U-Herode owabulala abantwana baseBetelehem, uHerodiya ongenasidima, ekuhleli phezu kwakhe igazi likaYohane umBaptizi; u-Pilato obuthathaka owahambisa ixesha, amadindala awayegculela, isihlwele esasiphambanisa ingqondo sikhala, sisithi; igazi laKhe malibe phezu kwethu kunye nabantwana bethu!” - bonke balangazelela ukuzifihla kubungcwele bobungangamsha bembonakalo yaKhe, ngelixa abasindisiweyo belahla ezinyaweni zoMsindisi izithsaba zabo, bekhwaza besithi, “Wafela mna!’’.ItE 116.2

    Ukho uNero, isigebenga senkohlakalo nobubi, ebona ukuphakanyiswa kwabo wathi wafumana ulonwabo ngokubafaka kwintlungu engathethekiyo - unina wayewubona umsebenzi wakhe, indlela iimvakalelo ezazikhuthazwa yimpembelelo nomzekelo wakhe ngayo: ithwala iziqhamo zobugebenga ezangcangcazelisa ihlabathi lonke.ItE 116.3

    Kukho ababingeleli bobupopi nabafundisi abakhulu ababanga ukuba bangabameli bakaKristu, ukanti basebenzisa imithi yokungcungcuthekisa, imihadi nokutshisa esidlangalaleni abantu bakaThixo. Kukho oopopi abazaliswe likratshi, abaziphakamisa ngaphezu kukaThixo; baza bazama ukuguqula imithetho yOsenyangweni. Ezi zikhulu zenkonzo ezingoo “father” kufuneka zinike ingxelo kuThixo. Zithi sekusemva kakhulu kube kungona zibonayo ukuba Lowo unokwazi konke unekhwele ngomthetho waKhe. Bafunda ukuba uKristu ubandakanya umdla waKhe kubantu bakhe abaphatheke kakubi.ItE 117.1

    Lonke ihlabathi labakhohlakeleyo limi enkundleni lijongene netyala lokubhukuqa uburhulumente bezulu. Akukho bani unokubathethelela kwityala labo; akukho nento abangazithethelela ngayo: banikwa isigwebo sokufa ngonaphakade.ItE 117.2

    Aba bangendawo babona okubaphosileyo ngenxa yovukelo; “Konke oku,” uyakhala umphefumlo olahlekileyo, “ngendikuzuzile. Awu! Ukunganyaniseki okuyinqaba! Ndananise ngoxolo, ulonwabo, nozuko ukuze ndizuze ukuhlupheka, ukuhlaziswa ekuhleni kunye nokulahlekelwa lilo lonke ithemba.” Bonke baya kubona ukuba kulungile okanye kunobulungisa ukungangeniswa kwabo ezulwini. Baya kuthi, “Asimfuni lo mntu (uYesu) ukuba asilawule.”ItE 117.3

    Ukoyiswa kukaSathana

    Bengathi basephupheni, aba khohlakeleyo, bakubukela ukuthweswa koNyana kaThixo isithsaba. Babona esandleni saKhe, amacwecwe omthetho ongcwele abawudelayo. Beva imikhwazo yokudumisa kwabasindisiweyo, sithi sakufika isandi sokundila kwengoma emnandi phezu kwezihlwele ezingaphandle kwesixeko, badume bonke, “Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zaKho, Kumkani weentlanga.” IsiTyhilelo 15:3. U-Sathana ubukeka eqhokrekile. Lo waye yikherubhi egqubuthelayo, ukhumbula apho wayewe khona. Ukhutshwe ngonaphakade kwiqunrhu awayefumana uzuko kulo. Wazi kakuhle ukuba esi sikhundla siphezulu sale ngelosi besimele ukuba sesakhe.ItE 117.4

    Ingqondo ikhumbula ikhaya lobunyulu, uxolo nokwaneliseka; izinto ezazizezakhe wada wavukela. Ucinga ngomsebenzi wakhe phakathi kwabantu kunye neziphumo zawo - ubutshaba bomntu komnye umntu, intshabalaliso yobomi, ukuwa kweetrone, iimbambano, iingxabano, nokuvukela. Ukhumbula imizamo yakhe yokuchasa uKristu. Ubona ukuphanza kodwa xa ekhangela isiqhamo sokubulaleka kwakhe. Ubesoloko esoyiswa kweli dabi lemfazwe enkulu kude kunyanzeleke ukuba anikezele.ItE 118.1

    Injongo yalo mvukeli mkhulu ibikukuqinisekisa ukuba lulawulo lukaThixo unobangela wovukelo. Ukhokhele iindimbane ukuba zilamkele eli cala lakhe. Iminyaka ngeminyaka le nkosi yamaqhinga yazama ngamaqhinga ukuba kwamkelwe ubuxoki endaweni yenyaniso. Ngoku ke, Ufikile ithuba lokuba kutyhilwe imbali nesimilo sikasathana kwilinge lakhe lokugqibela lokuthula uKristu etroneni, atshabalalise nabantu baKhe, aze awuthabathe umzi kaThixo. Ngoku ke, uye watyhileka ngokupheleleyo lo mlahlekisi mkhulu. Abo bakunye naye, babona ukuwa phantsi ngokupheleleyo komsebenzi wakhe.ItE 119.1

    Ubona kakuhle uSathana ukuba uvukelo Iwakhe lumenze akalilungela izulu. Amandla akhe uwalungisele ukulwa noThixo; ubungcwele kunye nocwangco Iwasezulwini zizinto ezingaba sisigculelo kuye. Uthoba phantsi, avume ubulungisa besigwebo asinikwayo. Iphenduleke yacaca yonke imibuzo ngenyaniso nemposiso kweli dabi likhulu beliqhuba. Iziphumo zokubekelwa bucala kwemithetho engcwele zandlelwe phambi kwezulu nomhlaba. Imbali yesono iya kuhlala ngonaphakade ibubungqina bokuba ngobukho bomthetho kaThixo kuhlanganiswe ulonwabo Iwazo zonke izidalwa zaKhe. Izulu nomhlaba, elithobeleyo nelivukeleyo ngazwi linye lithi, “Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga!”ItE 119.2

    Ifikile iyure yokuba uKristu azukiswe ngaphezu kwalo naliphi na igama elibizwayo. Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwaKhe - lokuba azise oonyana abaninzi eluzukweni - wawunyamezela umnqamlezo. Ubuka abasindisiweyo, benziwe batsha ngokomfanekiso waKhe. Ubona kubo iziphumo zokubaluleka komphefumlo waKhe, aneliseke. Isaya 53:11. Ngelizwi elifikelela kwizihlwele, kumalungisa nakwabangendawo, uthetha athi, “Bonani abathengwa begazi lam!” Ngenxa yabo, ndabulaleka, ngenxa yaba ndafa.”ItE 119.3

    Isiphelo Esoyikekayo Sabangendawo

    Isimilo sikaSathana asiguquki. Uvukelo Iwakhe luphinda lugqabhuke njengesichotho - uzimisele ukuba akasayi kunikezela nakweli lokugqibela idabi, idabi lokuchasa uKumkani wamazulu. Izigidi ezingenakubalwa ezikwicala lakhe, (izigidi) awazilobela ekuvukeleni, azisamboni emkhulu ngoku. Nazo ke kodwa, zisazaliswe yintiyo ngakuThixo; nto leyo emkhuthazayo uSathana, nangona zibona ukuba akukho ndawo yakuphephela.ItE 120.1

    Kuhla umlilo uvela kuThixo uphuma ezulwini. Umhlaba uyaqhekeka. Amalangatye adlayo aphuma kuyo yonke indawo ekhamisileyo. Kutsha kwa amawa namatye. Iziqalelo ziya nyibilika ngenxa yobushushu obukhulu, nomhlaba uya nyibilika nayo yonke imisebenzi ekuwo. 2 Petros 3:10. Ubuso bomhlaba bunje ngetela enyibilikisiweyo - isithabazi sedike lomlilo odlayo. Ngumhla “wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyoni” Isaya 34:8.ItE 120.2

    Abangendawo bohlwaywa “ngokwemisebenzi yabo.'‘ U- Sathana akaneli kohlwaywa ngenxa yovukelo Iwakhe nje, kodwa nangenxa yezono awakhokhelela abantu bakaThixo ukuba bazenze. Ekugqibeleni, batshatyalaliswa emalangatyeni omlilo abo bakhohlakeleyo, ingcambu nesebe - uSathana eyingcambu, abalandeli bakhe bengamasebe. Sifakwe sonke isohlwayo somthetho; kwenziwe okufunwa bubulungisa. Umsebenzi kaSathana wentshabalalo ugqitywe ngonaphakade. Izidalwa zikaThixo ngoku zikhululwe ngonaphakade kwizilingo zakhe.ItE 120.3

    Ngeli xesha umhlaba ugqunywe ngumlilo, amalungisa ahleli ekunqabeni kwisiXeko esiNgcwele. Kwabangendawo, uThixo ungumlilo odlayo, ukanti kubantu bakhe, ulikhaka. Funda: IsiTyhilelo 20:6; iNdumiso 84:11.ItE 120.4

    Ikhaya Lethu Iokugqibela

    “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule,” IsiTyhilelo 21:1. Umlilo odla abangendawo uhlambulula umhlaba. Lutshayelwe lonke uphawu Iwesono. Akukho sihogo sivutha ngonaphakade, into eza kuhlala isisikhumbuzo seziphumo ezoyikekayo phambi kwabasindisiweyo.ItE 121.1

    Inye kuphela into esalayo esisikhumbuzo: uMsindisi wethu uya kuhlala eneempawu zokubethelelwa kwaKhe; ikuphela kweempawu zomsebenzi okhohlakeleyo owenziwe sisono.ItE 121.2

    Kuwo wonke amaphakade amanxeba aseKhalvari aya kuvuselela ukudunyiswa kwaKhe, ababaze amandla aKhe.ItE 121.3

    U-Kristu wabaqinisekisa abafundi baKhe ukuba uyokubalungiselela indawo endliwini kaYise. Ulwimi lomntu alukwazi ukuwuchaza umvuzo wamalungisa. Uya kwaziwa kuphela ngabo bawubonayo. Ayikho ingqondo epheleleyo enokwazi ngobuqaqawuli beParadesi kaThixo. E-Bhayibhileni, ilifa labasindisiweyo libizwa ngokuba “lilizwe”. Hebhere 11:14-16. Khona apho uMalusi wasezulwini uya kuwukhokhela umhlambi wakhe kwimithombo yamanzi aphilayo. Imithombo ihlala inkcenkceza icoceke ngokwekristale, ngakuyo kuyokozela imithi ezithunzi zayo zisendleleni ezilungiselwe abathengiweyo beNkosi. Amathafa anabileyo aya kunyuka abe ziinduli ezintle, zize iintaba zikaThixo zibonakale ngeencopho zazo eziphakamileyo. Kuloo mathafa azolileyo ngakwimithombo yamanzi aphilayo; abantu bakaThixo ababekade beziimbacu nabazulayo, baya kufumana ikhaya. Baya kwakha izindlu bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha kuhlale bambi, abayi kutyala, kudle bambi:...badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.” “Inemihlali intlango nomqwebedu, iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.” “Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; ... nomntwana aziqhube ezo zinto...aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele.” Isaya 65:21,22; 35:1; 11:6,9.ItE 121.4

    Akusayi kubakho ntlungu ezulwini. Akuyi kubakho zinyembezi kwakhona, nemingcwabo ayiyi kubakho. “Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala:... ngokuba izinto zokuqala zigqithile”. Akayi kuthi ummi wakhona, ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo: IsiTyhilelo 21:4; Isaya 33:24.ItE 122.1

    Kukho iYerusalem eNtsha, isixeko somhlaba omtsha ohlaziyiweyo. “Isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa lilitye leyaspisi ebengezela njengekristale.” “lintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwako; okumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo. “Umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo.” IsiTyhilelo 21:11, 24, 3.ItE 122.2

    Esixekweni sikaThixo “akusayi kubakho busuku”. IsiTyhilelo 22:5. Akuyi kubakho kudinwa. Siyakuhlala sisiva ukukhanya kwelanga okudlula ukubengezela okungaphandliyo nangona kuya kuba kukhanya ngaphezu kwemini emaqanda. Abasindisiweyo baya kuhamba kubuqaqawuli bemini engapheliyo.ItE 123.1

    “Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi, uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo. “IsiTyhilelo 21:22. Abantu bakaThixo bakhululekile ukuba bancokole noBawo kunye noNyana. Ngoku sibona umfanekiso kaThixo ngokwasesipilini kodwa ngoko siya kumbona ubuso ngobuso, kungekho mdiyadiya usahlulayo.ItE 123.2

    Ukoyisa kothando LukaThixo

    Apho uthando novelwano olutyalwe nguThixo ngokwakhe emphefumlweni, luya kusebenza ngokwenene. Ukuqhagamshelana okunyulu kunye nezidalwa ezingcwele nabanyanisekileyo bawo wonke amaphakade, amaqhina angcwele aqamangela kunye “Yonke imizalwane esemazulwini nasemhlabeni” - zizinto ezi ezinceda ekwakheni ulonwabo Iwabasindisiweyo. Efese 3:15.ItE 123.3

    Apho, iingqondo ezingasayi kuze zife okanye zonakale, ziya kucamngca, ngovuyo olungasayi kuze luwe phantsi, imimangaliso yamandla okudala, iimfihlelo zothando olusindisayo. Yonke ingqondo iya kuphuhliswa, sonke isakhono sandiswe. Isixhobo solwazi asisayi kuze siphelelwe ngamandla. Kuya kucingwa kwenziwe izinto ezinkulu, eyona minqweno iphezulu ifikelelwe, azaliseke amaphupha aphezulu. Ziyakuba zikho iindawo zokunyukela ngaseNtla, kubukwe imimangaliso emitsha, kwaziwe iinyaniso ezintsha, zobakho nezinto ezintsha eziza kunika umngeni amandla engqondo, nomphefumlo kunye nomzimba.ItE 123.4

    Zonke iindyebo zendalo - izulu nomhlaba - baya kuzivulelwa abasindisiwweyo bakaThixo. Baya kuthi, bengabotshelelwanga kukufa, bantinge baye kumazwe akude. Abantwana bomhlaba bangena kuvuyo nobulumko babantu abangawanga baze babelane ngobutyebi bolwazi oluzuzwe ngamava kanaphakade kanaphakade. Ubuhle bendalo babubona ngamehlo angenalurhatyazo - amalanga; iinkwenkwezi, ngamaqela azo, zonke zijikeleza itrone yoMdali, zihamba ngocwangco ezimiselwe Iona.ItE 124.1

    Ngokuya ihamba iminyaka kunaphakade; zininzi izityhilelo zikaThixo nezikaYesu eziza kuya zivela. Okukhona abantu befunda ngoThixo, kokungona kuya kwanda ukuthanda isimilo saKhe. Ngexesha uYesu aya kutwabulula phambi kwabo ubutyebi bosindiso neenzuzo ezimangalisayo kwimfazwe enkulu noSathana, iintliziyo zabasindisiweyo ziya kuba nemincili ngokuzinikela; aze amazwi ezigidi ngezigidi avakalise ingoma yokubonga.ItE 124.2

    “Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi, “Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 5:13.ItE 124.3

    Imfazwe enkulu iphelile. Isono kunye naboni abasekho. Lonke izulu nomhlaba licocekile. Ucwangco nolonwabo zibetha ngesingqi esinye kuyo yonke indalo. KuLowo wadala konke, kuphuma ubomi nokukhanya nolonwabo; ezo zinto zifikelele kuzo zonke iimbombo ezingemida. Kususela kweyona nto incinane kuye kweyona inkulu emhlabeni, zonke izinto ezinobomi nezingenabo, kubuhle bazo obungenathunzi novuyo olugqibeleleyo, konke kubabaza ukuba uThixo uluthando.ItE 124.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents