Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    30—Umnquba Neenkonzo Zawo

    [Esi sahluko sisekwe kwiEksodus 25 ukuya kuma-40; Levitikus 4 ne-16.]

    Umyalelo wadluliswa ngoMoses ngexesha wayesentabeni noThixo, “Bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo;” yaza yanikwa imiyalelo yendlela owawuza kwakhiwa ngayo umnquba. Ngokukreqa kwabo, amaIsrayeli aphulukana nentsikelelo yoBukho obungcwele, kwathi ixesha elide kwaba nzima ukwakha indawo engcwele kaThixo phakathi kwabo. Bathi emva kokuba bebuyiselwe eluthandweni lweZulu, inkokeli enkulu yaqhubeka nokuwenza umyalelo wezulu.ANa 343.1

    Amadoda awanyulwayo athiwe jize ngendlela eyodwa nguThixo ngobuchule nobulumko bokwakha isakhiwo esingcwele. UThixo ngokwaKhe wamnika uMoses umzobo weso sakhiwo, nemiyalelo ecacileyo yobukhulu nobunjani baso, izixhobo emazisetyenziswe, nempahla nganye eyayiza kuba kuso. Iindawo ezingcwele ezenziwe ngezandla kwakufuneka zibe “ngumfuziselo weyenyaniso,” “izizekelo zezinto ezisemazulwini” (Hebhere 9:24, 23)—umfanekiso omncinane wetempile yasezulwini apho uKristu, uMbingeleli wethu oMkhulu, emva kokunikela kwaKhe ubomi baKhe njengedini, wayeza kulungiselela esikhundleni somoni. UThixo wabeka phambi kukaMoses entabeni imbonakalo yengcwele yasezulwini, wamyalela ukuba azenze zonke izinto ngokomfanekiso awubonisiweyo. Yonke le miyalelo yayibhalwe ngononophelo nguMoses, owaya wayidlulisela kwiinkokeli zabantu.ANa 343.2

    Ekwakhiweni kwendawo engcwele kwakufuneka amalungiselelo amakhulu nanexabiso eliphezulu; into eninzi yeyona mpahla inexabiso nedla kakhulu, yayifuneka; kanti kunjalo, uYehova wayesamkela kuphela iminikelo yokuqhutywa yintliziyo. “Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo,” lowo yayingumyalelo wezulu owaphindwa kuMoses nakwintlanganiso yonke. Ukuzinikela kuThixo nomoya wokubingelela zizinto zokuqala ezazifuneka ekulungiseleleni indawo yokuhlala kOsenyangweni.ANa 343.3

    Abantu bonke basabela ngamxhelo mnye. “Beza bonke abantu abantliziyo zibavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele. Beza, amadoda nabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.”ANa 344.1

    “Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezintsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa. Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke abafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.ANa 344.2

    “Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo. Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.ANa 344.3

    “Izikhulu zazisa amatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni, nobulawu, neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.” Eksodus 35:23-28.ANa 344.4

    Ngexesha ukwakhiwa kwendawo engcwele kwakuqhubeka, abantu, abadala nabatsha; amadoda, abafazi, nabantwana; baqhubeka nokuzisa umnikelo wabo, bada abo bongamele umsebenzi baphawula ukuba kwanele abanako, kwada kwangaphezulu kunokuba benokukusebenzisa. UMoses wathi makuvakaliswe kuyo yonke inkampu, “Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.” Ukukrokra kwamaIsrayeli kunye nokuhlelwa kwawo zizigwebo zikaThixo ngenxa yezono zawo, konke kubhalwe njengesilumkiso kwizizukulwana ezilandelayo. Ke ngoko, ukuzinikela kwawo, inzondelelo nobubele bawo, zizinto ezingumzekelo ofanele ukulinganiswa. Bonke abakuthandayo ukukhonza uThixo babe beyixabisa intsikelelo yoBukho baKhe obungcwele, babonisa kwalo moya mnye wokubingelela ekulungiseni indlu apho (uThixo) anokuhlangana khona nabo. Baya kuba nolangazelelo lokuzisa kuYehova umnikelo wayo yonke into eyiyeyona ilungileyo abanayo. Indlu eyakhelwa uThixo akufuneki ishiywe inetyala, kuba akazukiseki ngaloo nto. Ixabiso elilingeneyo ukuwugqiba umsebenzi kufuneka linikelwe ngokukhululekileyo, ukuze linikelwe ngokukhululekileyo, ukuze abasebenzi bakwaziukuthi, njengoko batshoyo abakhi bomnquba, “Phezani ukuzisa iminikelo.”ANa 344.5

    Umnquba wawakhiwe ngendlela yokuba ukwazi ukuchithwa uthwalwe ngamaIsrayeli kwiihambo zawo. Ngenxa yaloo nto wamncinane, ungekho ngaphezu kweenyawo ezingamashumi amahlanu anesihlanu ubude, ishumi elinesibhozo ububanzi nokuphakama. Kanti ngoku unjalo, wawumhle kakhulu. Umthi owawusetyenzisiwe ekwakheni nasezimpahleni [ifenishala], wawungumngampunzi owawungaboli lula kuneminye imithi efumaneka eSinayi. Iindonga zazenziwe ngamaplanga amiswayo, awayemiswa phezu kweenyawo zesilivere, aqiniswe ezintsikeni nemiqobo ehlanganisayo; zonke izinto zazalekwe ngegolide, zinike isakhiwo umfanekiso wegolide epheleleyo. Uphahla lwenziwa ngamaqela amane amalengalenga, awona angaphakathi enziwe “ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka;” amanye amathathu enziwa ngoboya bebhokhwe, izikhumba zeenkunzi zebhokhwe ezifakwe umbala obomvu, nezikhumba zamahlengezi, zibekwe ngendlela yokuba zinike ukhuseleko olupheleleyo.ANa 347.1

    Isakhiwo sasahlulwe sangamagumbi amabini, ngomdiyadiya onexabiso nomhle, okanye ikhuselo, elixhonywe kwiintsika ezigqunywe ngegolide; nekhuselo elifanayo elivala umnyango ongena kwigumbi lokuqala. Lena, njengesigqubuthelo sangaphakathi, esikhusa uphahla ngaphakathi, yayiyeyona mibala mihle, oluhlaza okwesibhakabhaka, omfusa, nobomvu, imiswe kakuhle, ngeli xesha kwenziwe ngemisonto yegolide nesilivere ikherubhi emele imikhosi yezithunywa zezulu ezihlanganisa umsebenzi wengcwele yasezulwini neziyimimoya elungiselelayo kubantu bakaThixo emhlabeni.ANa 347.2

    Intente engcwele yayingaphakathi kwindawo ephangaleleyo eyayibizwa ngokuba yintendelezo, eyayijikelezwe zizinto ezixhonyiweyo, okanye imidiyadiya, eyayenziwe ngelinen ecikizekileyo, exhonywe kwiintsika zobhedu. Isango lokungena kule ntendelezo lalikwicala langasempuma. Yayivalwe ngemidiyadiya yexabiso eliphezulu neyenziwe ngobuchule obuhle, nangona yayinganeno kuleyo yengcwele. Amalengalenga engcwele awayekwisithuba sesiqingatha ukuphakama xa ethelekiswa neendonga zomnquba, isakhiwo sasingabonakali ngokucacileyo kubantu abangaphandle. Entendelezweni kufuphi kakhulu ekungeneni, kwakumi isibingelelo sobhedu sisesomnikelo otshiswayo. Phezu kwesi sibingelelo kwakutshiswa onke amadini omlilo aya kuYehova, zize iimpondo zaso zitshizwe ngegazi locamagusho. Phakathi kwesibingelelo nomnyango womnquba kwakukho isitya sokuhlambela, naso esasenziwe ngobhedu, senziwe ngezipili ezazingumnikelo wokuqhutywa yintliziyo wabafazi bakwaIsrayeli. Kwesi sitya sokuhlambela,ababingelelibabehlamba izandla zabo neenyawo zabo ngalo lonke ixesha bengena kumagumbi angcwele okanye beze esibingelelweni ukuba banikele kuYehova idini elitshisiweyo.ANa 347.3

    Egumbini lokuqala, okanye endaweni engcwele, kwakukho isonka sokubonisa, isiphatho sezikhanyiso, okanye indawo yokumisa isibane kunye nesibingelelo sesiqhumiso. Itafile yesonka sokubonisa yayimi ngasentla. Inesithsaba sayo sesihombiso, yayigqunywe ngegolide. Phezu kwale tafile, ababingeleli babesithi kwiSabatha nganye babeke ishumi elinambini lamaqebengwana, awayebekwa abe ziinqumba ezimbini, aze atshizwe ngesiqholo sentlaka emhlophe. Izonka ezazisuswa apho, ezazibonwa njengezingcwele, kwakufuneka zityiwe ngababingeleli. Ngasezantsi, kwakukho isiphatho samakhandlela asixhenxe, sinezibane ezisixhenxe. Amasebe aso ayehonjiswe ngeentyatyambo ezenziwe ngobuchule obukhulu, zifana neenyibiba, zaye zonke zenziwe ngokutyhidwa kwigaqa elinye legolide. Njengoko kwakungekho zifestile emnqubeni, izibane zazingazange zacinywa ngaxesha nye, kodwa zazikhanya imini nobusuku. Kanye phambi kwekhuselo elahlula indawo engcwele kwingcwele kangcwele nendawo apho kukho uBukho bukaThixo khona, kwakumi isibingelelo sesiqhumiso esenziwe ngegolide. Phezu kwesi sibingelelo umbingeleli wayetshisa isiqholo esinevumba elimnandi rhoqo kusasa nangokuhlwa; iimpondo zaso zaziphathwa ngegazi lomnikelo wesono, size sitshizwe ngegazi ngeMini yoCamagushelo. Umlilo phezu kwesi sibingelelo wawuphenjwa nguThixo ngokwaKhe, kwaye wawuvuyelwa ngabantu njengongcwele. Imini nobusuku isiqholo esingcwele sasizalisa ngevumba laso elimnandi kuwo onke amagumbi angcwele, kude kuse nangaphandle, phaya kude emnqubeni jikelele.ANa 348.1

    Ngaphaya kwekhuselo langaphakathi kwakuyingcwele yeengcwele, apho kwakusenzeka inkonzo yomfuziselo wocamagusho nokuthethelela, neyayilikhonkco elihlanganisa izulu nomhlaba. Kweli gumbi, kwakukho ityeya, umkhombe owenziwe ngomngampunzi ogqunywe ngaphakathi nangaphandle ngegolide, unesithsaba segolide ngaphezulu. Wawenziwe ukuba ube yindawo yokugcina amacwecwe amatye, uThixo ngokwaKhe awayekrole kuwo imiThetho eliShumi. Yiyo le nto yayibizwa ngokuthi, yityeya yomyolelo kaThixo, okanye yityeya yomnqophiso njengoko imiThetho eliShumi yayisisiseko somnqophiso owenziwayo phakathi kukaThixo noIsrayeli.ANa 348.2

    Isivalo somkhumbi ongcwele sasibizwa ngokuba sisihlalo senceba. Sasenziwe ngegolide esulungekileyo elicwecwe elinye, ekwakukho phezu kwalo iikherubhi zegolide zimi enye ekupheleni, nenye ekupheleni. Elinye iphiko lekherubhi lalibheke phezulu lo gama elinye laligqume umzimba (bona kuHezekile 1:11) ngokophawu lwentlonipho okuzithoba.Kwindawoezazibekwekuyo iikherubhi,ubuso bazo bujongene,ngentloniphozikhangele phantsi emkhombeni, zazimele intlonipho ethi imikhosi yezulu iwuphathe ngayo umthetho kaThixo kwakunye nomdla wazo kwicebo lokuhlangulwa.ANa 348.3

    Ngaphezu kwesihlalo senceba kwakukho iShekema, ukubonakala koBukho obungcwele; kwaza phakathi kweekherubhi, uThixo wazisa intando yaKhe. Izigidimi zezulu, ngamanye amaxesha, zazithunyelwa kumbingeleli omkhulu ngelizwi elivela efini. Maxa wambi ukukhanya kwakusiwa kwingelosi engasekunene, ukubonisa ukuvuma okanye ukwamkela, okanye ithunzi okanye ilifu lihlale phezu kwale ingasekhohlo ukubonisa ukungavumi okanye ukwala.ANa 349.1

    Umthetho kaThixo, ovalelwe ngaphakathi etyeyeni, wawungumgaqo omkhulu wobulungisa nogwebo. Loo mthetho wawuvakalisa ukufa komoni; kodwa ngaphezu komthetho kwakukho isihlalo senceba, ekwakutyhilwe phezu kwaso uBukho bukaThixo, nekwakusithi kuso, ngobuhle bocamagushelo, uxolelo lunikwe umoni oguqukayo. Ngokunjalo, emsebenzini kaKristu wokuhlangulwa kwethu, ofuziselwe ngenkonzo yasengcweleni, “kuya kuqubisana inceba nenyaniso, kuya kwangana ubulungisa noxolo.” Ndumiso 85:10.ANa 349.2

    Alukho ulwimi olunokuchaza umbono onikiweyo ngaphakathi engcweleni, iindonga ezigqunywe ngegolide ebonakalisa ukukhanya okusuka kwiziphatho zezibane, imibala ekhanyayo yemidiyadiya ehonjiswe kakhulu eneengelosi zazo ezikhanyayo, itafile, nesibingelelo sesiqholo, esinegolide emenyezelayo; ngaphaya kwekhuselo lesibini kukho ityeya engcwele, inekherubhi encamise ngobuhle, phezu kwayo kukho iShekina, ukubonakala okusemehlweni koBukho bukaYehova; konke phofu, ikukubonakala okuluzizi kobuqaqawuli betempile kaThixo ezulwini, iziko elikhulu lomsebenzi wokuhlangulwa komntu.ANa 349.3

    Isithuba esingangesiqingatha sonyaka sachithwa kusakhiwa umnquba. Wakuba ugqityiwe, uMoses wawuhlola umsebenzi wabakhi, ewuthelekisa nomboniso awayewunikiwe entabeni kunye nemiyalelo awayifumana kuThixo. “Njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenjenjalo. Wabasikelela ke uMoses.” Ngomdla onenzondelelo, izihlwele zikaIsrayeli zabuthelana ukuza kubona isakhiwo esingcwele. Ngexesha besetyisa umbono ngokwaneliseka okunentlonipho, intsika yelifu yandanda phezu kwengcwele, yehla wayigqubuthela. “Ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.” Kwabakho ukubonakala kobungangamsha obungcwele, kwaba lithuba uMoses engenako ukungena. Bathi bezaliswe yimvakalelo enkulu, abantu babona umqondiso wokuba umsebenzi wezandla zabo wamkelekile. Akuzange kubekho zibonakaliso zinengxolo zokuvuya. Kwabakho kubo bonke intlonipho enesidima. Lona uvuyo olwalusezintliziyweni zabo lwaphuphumela kwiinyembezi zovuyo, baza bathethela phantsi, amazwi ombulelo wenene kuba uThixo ehlile waza kuhlala nabo.ANa 349.4

    Ngomyalelo wezulu, uhlanga lwakwaLevi lwabekelwa bucala ukuba lusebenze ingcwele. Ngamaxesha angaphambili, wonke umntu oyindoda wayengumbingeleli wendlu yakhe. Ngemihla ka-Abraham ububingeleli babuthatyathwa njengelifa loyena nyana umdala. Ngoku, endaweni yezibulo likaIsrayeli wonke, uYehova wamkela uhlanga lukaLevi kumsebenzi wetempile. Ngale mbeko ibonakalayo, wabonisa ukukwamkela ukunyaniseka kwabo, ngokubambelela ekumkhonzeni nasekwenzeni imigwebo yaKhe ngexesha uIsrayeli wayekreqa ngokukhonza ithole legolide. Ububingeleli, sekunjalo, baphelela kwindlu ka-Aron. UAron noonyana bakhe kuphela ngabo ababevunyelwe ukuba balungiselele kuYehova; bonke abanye besizwe (sabaLevi) banikelwa ukuba bajonge umnquba nempahla zawo, baze bancedise ngokulungiselela ababingeleli ngexesha nabo besenza umsebenzi wokulungiselela, kodwa bona bangabingeleli, bangatshisi nesiqhumiso sevumba elimnandi, okanye bangazikhangeli izinto ezingcwele zide zigqunywe.ANa 350.1

    Ngokwesikhundla sabo, impahla ekhethekileyo yayibekelwe ababingeleli. “UAron, umkhuluwa wakho, umenzele izambatho ezingcwele, zibe zezozuko nezokuhomba,” lowo yayingumyalelo ongcwele kuMoses. Ingubo yomnye umbingeleli nje, yayenziwe ngelinen emhlophe, yalukwe yalilaphu elinye. Yayihamba ifike ezinyaweni, esinqeni ebhinqe intambo yelinen emhlophe ehonjiswe ngemibala, oluhlaza okwesibhakabhaka, omfusa kunye nobomvu. Isigqubuthelo sentloko esenziwe ngelinen, okanye umnqwazi omde, wawusenza siphelele isinxibo sakhe sangaphandle. UMoses, kwityholo elivuthayo, wayalelwa ukuba akhulule iimbadada zakhe, kuba indawo awayemi kuyo yayingcwele. Ngokunjalo, nababingeleli kwakungafuneki bangene engcweleni benezihlangu ezinyaweni zabo. Uhlalutyana lothuli oluhleli kubo lwaluya kuyenza inqambi indawo engcwele. Kwakufuneka bazishiye izihlangu entendelezweni phambi kokuba bangene engcweleni, nokuba bazihlambe izandla zabo kunye neenyawo zabo phambi kokuba balungiselele emnqubeni okanye esibingelelweni somnikelo otshiswayo. Ngaloo ndlela kwakufundiswa rhoqo isifundo sokuba konke ukungcola kufuneka kususiwe kwabo banga bangeza phambi kukaThixo.ANa 350.2

    Iingubo zombingeleli omkhulu zazizezexabiso elikhulu, zingumsebenziowenziwengobuchuleobuhle, zifanele isihlalo sakhe. Ukudlula kwimpahla yelinen yombingeleli nje, yena wayenxiba ingubo eluhlaza okwesibhakabhaka, nayo ithungwe ngelaphu elinye. Phaya emazantsi, ingubo yayiqaqelwe ngeentsimbi zegolide, neerhalnati ezinemibala, oluhlaza okwesibhakabhaka, omfusa kunye nobomvu. Ngaphandle koku kwakukho i-efodi, ingutyana emfutshane enombala wegolide, oluhlaza okwesibhakabhaka, omfusa, obomvu, kunye nomhlophe. Yayibanjwe ngentambo enemibala efanayo, eyenziwe kakuhle. Iefodi yayingenayo imikhono, kwizikhafu zasemagxeni ezenziwe ngegolide kukho amatye anqabileyo amabini, ekwakubhalwe kuwo amagama ezizwe ezilishumi elinambini zakwaIsrayeli.ANa 351.1

    Ngaphezu kwe-efodi, kwakukho isigcina sifuba, eyona nto yayibaluleke kakhulu kwisinxibo sombingeleli. Naso sasenziwe ngempahla efanayo ne-efodi. Sasimile okwesikwere, sithabatha indawo enkulu, saye sasijinga emagxeni ngentambo eluhlaza okwesibhakabhaka ebotshelelwe kumakhonkco egolide. Le efodi yayirhaselwe ngamatye anqabileyo awahlukeneyo, afana nala enze iziseko ezilishumi elinambini eziseko zoMzi kaThixo. Apha ngaphakathi korhaselo, kwakukho amatye alishumi elinambini egolide, ebekwe ngamane ngamane, nawo, njengalawo asemagxeni, ekrolwe amagama ezizwe. Umyalelo kaYehova wawusithi, “ Wowathwala uAron amagama oonyana bakaIsrayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe, ekungeneni kwakhe engcweleni, luhlale lusisikhumbuzo phambi koYehova.” Eksodus 28:29. Ngoko ke, uKristu uMbingeleli oMkhulu, ecenga ngegazi laKhe phambi kukaYise ngenxa yomoni, uthwele entliziyweni yaKhe igama lomphefumlo ngamnye oguqukayo nokholwayo. Uthi umdumisi, “Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu; INkosi iya kundikhumbulela.” Ndumiso 40:17.ANa 351.2

    Ngasekunene nangasekhohlo kwesigcina-sifuba kwakukho amatye amabini abengezela kakhulu. La ayesaziwa ngokuba yiUrim neThumim. Ngawo kwakusaziswa intando kaThixo ngombingeleli omkhulu. Xa kuziswe imibuzo efuna isigqibo phambi kukaYehova, isangqa sokukhanya esijikeleze ilitye langasekunene sasingumqondiso wemvume yezulu okanye ukwamkelwa, kanti ilifu elisitha ilitye ngasekhohlo lalisisiboniso sokwala okanye ukungavumi.ANa 351.3

    Umnqwazi omde wombingeleli omkhulu wawuneqhiya yelinen emhlophe, ebotshelelwe kuwo ngentanjana eluhlaza okwesibhakabhaka, necwecwe legolide elinombhalo othi, “INGCWELE KUYEHOVA.” Yonke into ehlangene nesinxibo kunye nokuziphatha kwababingeleli kwakufuneka ukuba inike obukeleyo ingqondo yobungcwele bukaThixo, ubungcwele bonqulo lwaKhe, nobunyulu obufunekayokwabobeza phambi kwaKhe.ANa 351.4

    Asikuphela kwengcwele yodwa, kodwa nolungiselelo lwababingeleli, kwakufuneka “ bakhonze umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini.” Hebhere 8:5. Ngaloo ndlela, yayibaluleke kakhulu; waza uYehova, ngoMoses, wanikela owona myalelo uqinisekileyo nocacileyo ngengongoma nganye kule nkonzo ingumfuziselo. Ulungiselelo lwengcwele lwalunamahlelo amabini, olwemihla ngemihla kunye nenkonzo eyenziwa kube kanye ngonyaka. Inkonzo yemihla ngemihla yayisenziwa esibingelelweni somnikelo otshisiweyo kwinkundla [okanye ebaleni] yomnquba nasendaweni engcwele; lo gama inkonzo yomnyaka yayisenziwa kwingcwele kangcwele.ANa 352.1

    Kwakungafuneki kubekho iliso lomntu, onokufa, ngaphandle kwelombingeleli omkhulu, ekwakufuneka likhangele kwigumbi elingaphakathi engcweleni. Wayekwazi ukungena kube kanye apho ngonyaka umbingeleli, nalapho, emva kokulungisa ngononophelo nondiliseko. Ngongcangcazelo, wayengena phambi kukaThixo, baze abantu, ngembeko nokuzola, balindele ukubuya kwakhe, iintliziyo zabo zinyuswe ngomthandazo ukuba bazuze intsikelelo yezulu. Phambi kwesihlalo senceba, umbingeleli omkhulu wayecamagushela uIsrayeli; kuthi elifini lobuqaqawuli, uThixo ahlangane naye. Ukuhlala kwakhe apho ngaphezu kwexesha eliqhelekileyo kwakubazalisa ngoloyiko abantu, hleze kuthi kanti, ngenxa yezono zabo okanye ezakhe, abe ubulewe bubuqaqawuli bukaYehova.ANa 352.2

    Inkonzo yemihla ngemihla yayiba neminikelo, owakusasa nowangokuhlwa, umnikelo wesiqhumiso esimnandi phezu kwesibingelelo segolide, neminikelo eyodwa yezono zabantu ngabanye. Kwakukwakho neminikelo yeesabatha, iinyanga ezintsha, nezidlo ezikhethekileyo.ANa 352.3

    Yonke imihla, kusasa nangokuhlwa, imvana emnyaka mnye yayitshiswa phezu kwesibingelelo, kuthi ngomnikelo wenyama yayo ofanelekileyo, ifuzisele ukunikelwa kwamihla le kwesizwe kuYehova, nokuxhomekeka kwaso ngamaxesha onke kwigazi elicamagushayo likaKristu. UThixo wayalela ngokuphandle ukuba wonke umnikelo wasengcweleni kufuneka ukuba ube ngo“gqibeleleyo.” Eksodus 12:5. Ababingeleli kwakufuneka bazihlole zonke izilwanyana ezaziziswa njengombingelelo, kufuneke bayale yonke into ekufunyenwe kuyo isiphako. Kuphela ngumnikelo “ogqibeleleyo” onokuba ngumfuziselo wobunyulu baKhe obufezekileyo awayeza kuwunikela “njengelemvana engenasiphako, engenabala.” 1 Petros 1:19. Umpostile uPawulos walatha kule mibingelelo njengesibonelo sento abalandeli bakaKristu ekufuneka babeyiyo. Uthi, “Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo; inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.” Roma 12:1. Kufuneka sizinikele emsebenzini kaThixo, kwaye kufuneka sifune ukwenza umnikelo osondele kakhulu ekufezekeni kangangoko sinako. UThixo akasayi kwaneliswa nayintoni engaphantsi kweyona ilungileyo esinokuyinikela. Abo bamthandayo ngentliziyo yabo yonke, baya kulangazelela ukumnika eyona nkonzo ilungileyo yobomi (babo), baze basoloko bezisa onke amandla abo ekuvumelaneni nemithetho eya kukhuthaza isakhono sabo ekwenzeni intando yaKhe.ANa 352.4

    Ekunikelweni kwesiqhumiso umbingeleli wayesondezwa ngakumbi phambi kukaThixo kunaxa kwenziwe esinye isenzo sokulungiselela semihla ngemihla. Njengoko ikhuselo lengcwele lalingafiki phezulu apha egumbini, ubuqaqawuli bukaThixo, obabubonakala ngaphezu kwesihlalo senceba, babubonakala kancinane xa ubani ekwigumbi lokuqala. Xa umbingeleli enikela isiqhumiso phambi kukaYehova, wayekhangela ngakwicala letyeya; lithi xa linyuka ilifu lomsi wesiqhumiso, ubuqaqawuli obungcwele buhle phezu kwesihlalo senceba buyizalise ingcwele kangcwele, ngokunjalo buzalise omabini amagumbi nekwakunyanzelekile ukuba umbingeleli ahlale kumnyango wawo emnqubeni. Njengakuloo nkonzo ingumfuziselo, umbingeleli wayekhangela ngokholo kwisihlalo senceba awayengakwazi ukusibona, nabantu bakaThixo ngoku kufuneka bayise imithandazo yabo kuKristu, uMbingeleli wabo oMkhulu, othi, naxa engabonwa liliso lomntu, abe ecenga ngenxa yabo engcweleni yaphezulu.ANa 353.1

    Isiqhumiso, esinyuka nemithandazo kaIsrayeli, simele ubuhle nokuthethelela kukaKristu, ubulungisa baKhe obugqibeleleyo, obuthi ngokholo bubalelwe ebantwini baKhe, nobuthi, bubodwa, benze ukuba ukunqula kwabantu abangaboni kwamkeleke kuThixo. Phambi kwekhuselo lengcwele kangcwele, kwakukho isibingelelo sentethelelo engunaphakade, phambi kwengcwele, isibingelelo socamagushelo oluqhubekayo. Ngegazi nangesiqhumiso kwakuyiwa kuThixo, imifuziselo eyalatha uMmeli omkhulu, ekuthi ngaYe aboni bakwazi ukuya kuYehova, nekuthi ngaYe kuphela, inceba nosindiso lunikwe umphefumlo oguqukayo nokholwayo.ANa 353.2

    Njengokuba kusasa nangokuhlwa ababingeleli babengena kwindawo engcwele ngexesha lokuqhumisa, umbingelelo wemihla ngemihla wawulungela ukunikelwa phezu kwesibingelelo kwintendelezo engaphandle. Eli yayilixesha lomdla omkhulu kubanquli ababehlanganisana emnqubeni. Phambi kokungena ngaphambi kukaThixo ngolungiselelo lombingeleli, kwakufuneka bayihlolisise intliziyo, bavume nesono. Babemanyana kumthandazo othe cwaka ubuso babo bukhangele ngasengcweleni. Ngaloo ndlela imithandazo yabo yayinyuka nelifu lomsi wesiqhumiso, lo gama ukholo lubambelele ekulungeni koMsindisi wesithembiso emelwe ngumbingelelo wocamagushelo. Iiyure ezibekelwe umnikelo wakusasa nangokuhlwa zazithatyathwa ngcwele, zaza zagcinwa njengexesha elimisiweyo lokunqula kuso sonke isizwe sakwaYuda. Kwathi nangamaxesha amva, xa amaYuda esasazekile engabathinjwa kumazwe akude, aqhubeka nokuthi, ngexesha elimisiweyo, abujike ubuso bawo abukhangelise ngaseYerusalem anyusele imithandazo yawo kuThixo kaIsrayeli. Kweli siko, amaKristu anomzekelo womthandazo wakusasa nangokuhlwa. Nangona uThixo elugxeka uzengezenge lweenkonzo, ezingenawo umoya wokunqula, ubakhangela ngolonwabo olukhulu abo bamthandayo, bethoba kusasa nangokuhlwa befuna ukuxolelwa izono abazenzileyo nokubeka izicelo zabo zeentsikelelo ezidingekayo.ANa 353.3

    Isonka sokubonisa sasihlala sikho phambi kukaYehova njengomnikelo ongenasiphelo. Ngoko wawuyinxalenye yombingelelo wemihla ngemihla. Sasibizwa ngokuthi sisonka sokubonisa, okanye “isonka sobukho,” kuba sasihlala sikho phambi kobuso bukaYehova. Yayikukuvuma ukuxhomekeka komntu kuThixo ngokutya kwexesha nokwasemoyeni, nokuba kwamkelwa kuphela ngokuthethelela kukaKristu. UThixo wamondla uIsrayeli entlango ngesonka esivela ezulwini, kwaye babesaxhomekeke kwindyebo yaKhe, ngako konke, ukutya kwasemhlabeni neentsikelelo zasemoyeni. Zombini, imana kunye nesonka sokubonisa zazisalatha kuKristu, iSonka esiphilayo, esihlala sikho phambi kukaThixo ngenxa yethu. Yena ngokwaKhe wathi, “Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini.” Yohane 6:48-51. Intlaka emhlophe yayibekwa phezu kwezonka. Xa isonka sisuswa, ngazo zonke iiSabatha, ukuba kubekwe esitsha endaweni yeso sidala, intlaka emhlophe yayitshiswa phezu kwesibingelelo njengesikhumbuzo phambi kukaThixo.ANa 354.1

    Eyona ndawo yayibalulekile kulungiselelo lwemihla ngemihla yayiyinkonzo eyenzelwa abantu ngokwabo. Umoni oguqukayo wayezisa umnikelo wakhe emnyangweni womnquba, aze athi, akuba ebeke isandla sakhe phezu kwentloko yexhoba, avume izono zakhe, ngaloo ndlela efuzisela ukuzidlulisa kuye ziye kumbingelelo omsulwa. Ngesakhe isandla, isilwanyana sasibulawa, lize igazi laso lithwalwe ngumbingeleli angene nalo kwindawo engcwele alitshize phambi kwekhuselo ekwakukho emva kwalo ityeya eyayinomthetho owawaphulwe ngumoni. Ngale nkonzo, isono sasisuswa ngegazi, ngokomfuziselo, sisiwe engcweleni. Kwezinye iimeko, igazi lalingangeniswa kwindawo engcwele; [*Bona kwiSIHLOMELO, Inqaku 6.] kodwa inyama kwakufuneka ityiwe ngumbingeleli, njengoko wayalelayo uMoses koonyana baka-Aron, esithi, “[UThixo] uninike lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla.”Levitikus 10:17. Zombini ezi nkonzo zazifuzisela ukususwa kwesono kulowo uguqukayo sisiwe engcweleni.ANa 354.2

    Wawunjalo umsebenzi owawusenzeka imihla yonke unyaka wonke. Izono zikaIsrayeli zisuswa zisiwa engcweleni, iindawo ezingcwele zazingcolisiwe, kuze kufuneke umsebenzi okhethekileyo wokususwa kwezono. UThixo wayalela ukuba ukucanyagushelwa kwegumbi ngalinye kumagumbi angcwele kwenziwe, ngokwesibingelelo, “asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaIsrayeli.” Levitikus 16:19.ANa 355.1

    Kanye ngonyaka, ngeMini yoCamagushelo, umbingeleli wayengena kwingcwele kangcwele ukuba ahlambulule ingcwele. Umsebenzi owawusenziwa apho wawugqibezela umsebenzi wolungiselelo lonyaka.ANa 355.2

    NgeMini yoCamagusho, amaxhwane amabini ebhokhwe ayeziswa emnyango womnquba, kwenziwe amaqashiso phezu kwawo, “elinye iqashiso libelelikaYehova, elinye iqashiso libelelika-Azazele.” Ibhokhwe eliwe phezu kwayo iqashiso lokuqala kwakufuneka ixheliwe njengedini lesono labantu. Umbingeleli kwakufuneka alizise igazi lalo ngaphakathi komkhusane, alitshize phezu kwesihlalo senceba. “Ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaIsrayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.”ANa 355.3

    “Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo, acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo bonke ubugwenxa boonyana bakaIsrayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda elungiselwe oko. Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo entlango apho.” Kwakufuneka ukuba ide ibe ithunyelwe kude ibhokhwe leyo ukuze abantu bazibone njengabakhululekileyo kumthwalo wezono zabo. Wonke umntu kwakufuneka awucikide umphefumlo wakhe ngexesha umsebenzi wocamagusho uqhubeka. Wonke umsebenzi kwakufuneka ubekwe bucala, nebandla lonke likaIsrayeli kwakufuneka lichithe imini ngokuzithoba okunendili phambi kukaThixo, lithandaza, lizila, lihlola intliziyo.ANa 355.4

    Ezona nyaniso zibalulekileyo ngocamagushelo zazifundiswa abantu ngale nkonzo yomnyaka. Kumnikelo wesono onikelwa ebudeni bonyaka, ummeli wayesamkelwa endaweni yomoni; kodwa igazi lexhobaalizange lenze uxolelanisoolupheleleyolwesono. Lanikakuphela indlela ekunokuthi ngayo isono sigqithiselwe engcweleni. Ngokunikela igazi, umoni wayevuma igunya lomthetho, evuma ubutyala bokreqo lwakhe, ebonisa ukholo lwakhe kuLowo wayeza kuthwala asuse isono sehlabathi; kodwa wayengakhululekanga kwaphela ekugwetyweni ngumthetho. NgeMini yoCamagusho, umbingeleli omkhulu, akuba ethabathele ibandla umnikelo, wayengena kwingcwele kangcwele ephethe igazi alitshize phezu kwesihlalo senceba, ngaphezu kwamacwecwe omthetho. Ngaloo ndlela amabango omthetho, awayenyanzelisa ukufa komoni, ayesanezwa. Wayesithi ngokwesimo sakhe sokuba ngumthetheleli, umbingeleli azithabathele kuye izono, aze, akuba eyishiyile ingcwele, awuthwale ngokwakhe umthwalo wetyala likaIsrayeli. Phambi komnyango womnquba, wazibeka izandla zakhe phezu kwentloko yebhokhwe ephilileyo abuvume phezu kwayo “bonke ubugwenxa boonyana bakaIsrayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe.” Bekusithi, ngexesha ibhokhwe ethwele izono isiwa kude, bona, bekunye naye, babethatyathwa njengabahlulwe ngonaphakade ebantwini. Yayisenziwa njalo inkonzo, “umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini.” Hebhere 8:5.ANa 356.1

    Njengoko bekusele kuxeliwe, ingcwele yasemhlabeni yayakhiwe nguMoses ngokomfanekiselo awayewuboniswe entabeni. Yaye “[i]ngumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini;” iindawo zawo ezimbini ezingcwele zizi“zizekelo zezinto ezisemazulwini;” uKristu uMbingeleli wethu oMkhulu “ongumbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.” Hebhere 9:9, 23; 8:2. Njengasembonweni, umpostile uYohane wanikwa umbono wetempile kaThixo ezulwini, wabona “izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone.” Wabona isithunywa “sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone.” IsiTyhilelo 4:5; 8:3. Apha, umprofeti wavunyelwa ukuba abone igumbi lokuqala lengcwele ezulwini; wabona kukho “izibane zomlilo ezisixhenxe” kunye “nesibingelelo segolide” simelwe zizibane zegolide ezisixhenxe nesibingelelo sesiqhumiso engcweleni esemhlabeni. Kwakhona, “yavulwa itempile kaThixo” (IsiTyhilelo 11:19), wakhangela phakathi kwikhuselo elingaphakathi, elikwingcwele kangcwele. Apha wabona “ityeya yomnqophiso wakhe” (IsiTyhilelo 11:19), eyayimelwengumkhombe ongcwele owakhiwa nguMoses ukuba uhlale umthetho kaThixo.ANa 356.2

    UMoses wayenza ingcwele yasemhlabeni “ngokomfanekiso abewubonile.” UPawulos uthi, “Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso,” xa ugqityiwe, wafana “[ne]zisekelo zezinto ezisemazulwini.” Zenzo 7:44; Hebhere 9:21, 23. UYohane yena uthi, wayibona ingcwele esezulwini. Loo ngcwele, apho uYesu alungiselela khona ngenxa yethu, iyingqalo enkulu, eyathi ingcwele eyakhiwa nguMoses yangumfanekiselo wayo.ANa 357.1

    Itempile yasezulwini, indawo yokuhlala uKumkani wookumkani, apho “amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe” (Daniyeli 7:10), loo tempile yayizaliswe bubuqaqawuli betrone engunaphakade, apho iiserafim, abalusi bayo ababengezelayo, zibugqumayo ubuso bazo zinika imbeko--ekungekho simiso sasemhlabeni sinokumela ububanzi nobuqaqawuli bayo. Noko kunjalo, iinyaniso ezibalulekileyo ezingengcwele yasezulwini kunye nomsebenzi omkhulu owenziwa khona wokuhlangulwa komntu, zafundiswa ngengcwele yasemhlabeni kunye neenkonzo zayo.ANa 357.2

    Emva kokunyukela kwaKhe ezulwini, uMsindisi wayeza kuqala umsebenzi waKhe njengoMbingeleli oMkhulu. Uthi uPawulos, “UKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” Hebhere 9:24. Njengoko ulungiselelo lukaKristu kwakufuneka lube namacandelo amabini, lilinye linexesha lalo, linendawo ebalulekileyo engcweleni yasezulwini, ngokunjalo nolungiselelo olungumfuziselo lwalunamacandelo amabini, imibingelelo yemihla ngemihla kunye nenkonzo yomnyaka, kwaye icandelo ngalinye, lalinikwe indawo emnqubeni.ANa 357.3

    Njengoko uKristu akuba enyukile, wayakuvela phambi kukaThixo ukuba acenge ngegazi laKhe ngenxa yamakholwa aguqukayo, ngokunjalo nombingeleli kulungiselelo lwemihla ngemihla, wayetshiza igazi lombingelelo kwindawo engcwele ngenxa yomoni.ANa 357.4

    Igazi likaYesu, nangona laliza kumkhulula umoni oguqukayo ekugwetyweni ngumthetho, lalingayi kusicima isono; sasiya kuma kwingxelo engcweleni kude kube lucamagushelo lokugqibela; ngoko ke, kumfuziselo igazi lomnikelo wesono lalisusa isono kumoni oguqukayo, kodwa sasihlala engcweleni kude kube yiMini yoCamagushelo.ANa 357.5

    Ngemini enkulu yomvuzo wokugqibela, abafileyo baya kugwetywa “ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.” IsiTyhilelo 20:12. Kwakusithi ke ngoko, ngenxa yokulunga kwegazi elicamagushayo likaKristu,izono zabo bonkeabaguqukayongenene, zicinywe kwiincwadi zasezulwini. Ngolo hlobo, ingcwele yayikhululeka, okanye ihlanjwa, kwingxelo yesono. Kumfuziselo, lo msebenzi mkhulu wocamagusho, okanye ukucinywa kwezono, wawumelwe ziinkonzo zeMini yoCamagushelo, ukuhlanjululwa kwengcwele yasemhlabeni, okwakusenziwa ngokususwa, ngokulunga kwegazi lomnikelo wesono, kwezono ezaziyingcolisile.ANa 358.1

    Njengakucamagushelo lokugqibela, izono zabaguquke ngenene ziya kucinywa kwingxelo yezulu, ukuba zingayi kubuya zikhunjulwe okanye zifike engqondweni, ngokunjalo nasemfuziselweni zazithwalwa zisiwe entlango, zisahlulwa ngonaphakade ebandleni.ANa 358.2

    Njengoko uSathana eyimbangi yesono, umphembeleli ngqo wazo zonke izono ezakhokelela ekufeni kukaNyana kaThixo, ubulungisa bomthetho bufuna ukuba uSathana athwale isohlwayo sokugqibela. Umsebenzi kaKristu wokuhlangulwa kwabantu nokuhlanjululwa kweyunivesi esonweni uya kuvalwa ngokususwa kwesono engcweleni yasezulwini nokubekwa kwezi zono phezu kukaSathana, oya kuthwala isohlwayo sokugqibela. Ngokunjalo kwinkonzo yokufuzisela, umsebenzi waminyaka le wokulungiselela, wawuvalwa ngokuhlanjululwa kwengcwele, nokuvunywa kwezono phezu kwentloko ka-Azazele.ANa 358.3

    Ngokunjalo nakulungiselelo lwasemnqubeni, nokwetempile eyathabatha indawo yayo kamva, abantu babefundiswa imihla ngemihla iinyaniso ezinkulu ezayame ekufeni kukaKristu nolungiselelo, nokuba, kanye ngonyaka, iingqondo zabo zazithwalwa zisiwe kwiziganeko zokuphela zembambano enkulu phakathi kukaKristu noSathana, ukuhlanjululwa kokugqibela kweyunivesi esonweni nakuboni.ANa 358.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents