Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    31—Isono SikaNadabhi NoAbhihu

    [Esi sahluko sisekwe kwiLevitikus 10:1-11.]

    Emva kokuba kungcwaliswe umnquba, ababingeleli bathanjiselwa umsebenzi wabo ongcwele. Ezi nkonzo zathabatha iintsuku ezisixhenxe, iyileyo iphawulwa ngeenkonzo ezikhethekileyo. Ngosuku lwesibhozo bangena kumsebenzi wabo wolungiselelo. Encedwa ngoonyana bakhe, uAron wanikela imibingelelo eyayifunwa nguThixo, waziphakamisela phezulu izandla zakhe wabasikelela abantu. Konke kwenziwa njengoko uThixo wayeyalele, waza wawamkela umbingelelo, wabutyhila ubuqaqawuli baKhe ngendlela emangalisayo; kwehla umlilo uphuma kuYehova wawudla umnikelo ophezu kwesibingelelo. Abantu bakuqwalasela oku kubonakaliswa kwamandla ezulu kumangalisayo ngoloyiko nomdla omkhulu. Babona kukho umqondiso wobuqaqawuli nothando lukaThixo, baza bakhwaza jikelele indumiso nokubonga, baza bawa ngobuso kwangathi baphambi kobuso bukaYehova.ANa 359.1

    Kwathi kungekudala emva koko, intlekele embi kakhulu yehlela usapho lombingeleli omkhulu. Ngeyure yokunqula, xa kanye imithandazo nendumiso yabantu zazinyuka ukuya kuThixo, ababini koonyana baka-Aron bathabatha isiqhumiso sakhe bafaka isiqholo sevumba elimnandi kuso, ukuze kunyuke ivumba elimnandi phambi kukaYehova. Noko kunjalo, baya bagqitha kumyalelo waKhe ngokusebenzisa “umlilo ongesesikweni.” Ukutshisa isiqhumiso, bathabatha umlilo nje endaweni yomlilo ongcwele owawuphenjwe nguThixo ngokwaKhe, nowayeyalele ukuba usetyenziselwe le njongo. Ngenxa yesi sono, kwehla umlilo uvela kuYehova wabatshabalalisa, abantu bekhangele.ANa 359.2

    Ngaphantsi kukaMoses noAron, uNadabhi noAbhihu babemi bengabona baphezulu kuIsrayeli. Babebekelwe phezulu ngendlela eyodwa nguYehova, bevunyelwe, kunye namadoda amakhulu angamashumi asixhenxe, ukuba babubone ubuqaqawuli baKhe entabeni. Ngenxa yeso sizathu ukona kwabo kwakungenakuxolelwa nje okanye kuthatyathwe lula. Into yokuba abantu bafumene ukukhanya okukhulu, kuba bethe njengeenkosana zakwaIsrayeli, benyuka bahlala ekukhanyeni kobuqaqawuli baKhe, mabangazikhohlisi ngokuthi, emva koko, bona bangona bangabekwa tyala, kuba, ngenxa yokuba bebephakanyisiwe, uThixo akayi kuba ngqongqo ekubohlwayeni. Yinkohliso eyingozi le. Ukukhanya okukhulu namalungelo anikwayo afuna imbuyekezo yokulungileyo nobungcwele obuhambelana nokukhanya oko kunikiweyo. Akufuneki ukuba kunike imvume yokona okanye yokwenza abo bakufumeneyo ukuba bacinge ukuba uThixo akayi kubangqongqo kubo. Konke okuhle uThixo akunikileyo, ziindlela zaKhe zokugalela ivumba elimnandi emoyeni, kwinzondelelo, nodlamko ekwenzeni intando yaKhe engcwele.ANa 359.3

    UNadabhi noAbhihu abazange ebutsheni babo baqeqeshwa kwimikhwa yokuzilawula. Ukuyekelela kukayise, ukuswela kwakhe ukumela okulungileyo, kwamkhokelela ekubeni akutyeshele ukuqeqesha abantwana bakhe. Oonyana bakhe babevunyelwe ukuba balandele intando yabo. Imikhwa yokuziyekela, ekukade benayo, yaba nokubalawula ngokupheleleyo ngendlela esingazange sikwazi nesona sikhundla sinoxanduva esingcwele ukuyaphula. Babengazange bafundiswe ukuhlonipha igunya likayise, baza abakuqonda ukufuneka kokona kuthobela izinto ezifunwa nguThixo. Ukuyekela oonyana bakhe uAron, okwakuyimpazamo, kwabalungiselela ukuba babe ngamaxhoba ogwebo lwezulu.ANa 360.1

    UThixo waceba ukubafundisa abantu ukuba kufuneka beze phambi kwaKhe ngentlonipho nokoyika, nangendlela yaKhe ayibekileyo. Akanako ukwamkela ukuthobela okungaphelelanga. Kwakunganele ukuba eli xesha lilodwa lokunqula ibe yonke into yayiphantse ukwenziwa njengoko wayeyalele. UThixo ubeke isiqalekiso phezu kwabo basukayo emithethweni yaKhe, basuke bangabonisi mahluko phakathi kwezinto ezingengcwele kwezo zingcwele. Uthi ngomprofeti: “Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama! . . . Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona! . . . abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo; ubulungisa bamalungisa babususe kuwo!. . . Kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yOyingcwele kaIsrayeli.” Isaya 5:20-24. Makungabikho uzikhohlisayo ngokuthi indawo ethile kumthetho kaThixo ayibalulekanga, okanye (uThixo) uya kwamkela into emi endaweni yoko akufunayo. Wathi umprofeti uYeremiya, “Ngubani na okhewathetha, kwenzeka, iNkosiyam ingawisanga mthetho?” Izililo 3:37. UThixo akabekanga elizwini laKhe umyalelo onokuthotyelwa okanye ungathotyelwa ngabantu ngokuzithandela baze bangaxhamli iziphumo. Ukuba abantu bakhetha nayiphi na indlela kunaleyo yokuthobela ngokungqongqo, baya kufumanisa ukuba “ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” Mizekeliso 14:12.ANa 360.2

    “Wathi uMoses kuAron, nakuElazare, nakuItamare, oonyana bakhe, Musani ukuziyeka ziyakazele iinwele zenu, ningazikrazuli iingubo zenu, ukuze ningafi, . . . kuba ioli yokuthambisa kaYehova iphezu kwenu.” Inkokeli enkulu yamkhumbuza umkhuluwa wayo amazwi kaThixo, “Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke.” UAron wathi cwaka. Ukufa koonyana bakhe, bewiswe ngaphandle kokulunyukiswa, kwakusisono esibi kakhulu, isono awasibonayo ngoku ukuba sisiphumo sokutyeshela kwakhe umthwalo wakhe, saza sayikrazula intliziyo yomzali ngentlungu, kodwa akazibonakalisa izimvo zakhe. Kwakungafuneki ukuba abonakalise ukuba nemfesane ngakwisono ngokuthi abonakalise usizi analo. Ibandla akufuneki likhokelelwe ekumkrokreleni uThixo.ANa 361.1

    UYehova wayenga angabafundisa abantu baKhe ukubamkela ubulungisa bezohlwayo zaKhe, ukuze nabanye boyike. Babekho abo kwaIsrayeli ababeya kuthi ngesilumkiso sesi sigwebo sibuhlungu basinde ekukucingeleni ukunyamezela kukaThixo ngokokude nabo bade basitywine isiphelo sabo. Ukukhalima kwezulu kuhleli phezu kovelwano olungelulo ngakumoni noluzama ukusithethelela isono sakhe. Yimpembelelo yesono ekubulalayo ukukuqaphela ukuziphatha, ade umoni angabuqondi ububi bokona, kuthi kwakuba engekho amandla abonisa ubutyala kaMoya Oyingcwele, ahlale engasiboni kakuhle isono sakhe. Ngumsebenzi wabakhonzi bakaKristu ukubonisa abo bonayo ingozi yabo. Abo batshabalalisa impembelelo yokucetyiswa ngokumfamekisa amehlo aboni kweyona meko neziphumo zesono, baye baziqhathe ngokuthi ngokwenza njalo babonisa uthando lwabo; kanti ngokwenza njalo basebenza ngqo ngokuchasene nokuthintela umsebenzi kaMoya Oyingcwele kaThixo; bemthuthuzela umoni ukuba onwabe esemngciphekweni wentshabalalo; bazenza ukuba babe ngamadlelane naye ebutyaleni bakhe nasekuthwaleni uxanduva oloyikekayo ngokungaguquki kwakhe. Baninzi ngendlela engathethekiyo abasinge kwantshabalalo ngenxa yolu velwano lungalunganga nolulahlekisayo.ANa 361.2

    UNadabhi noAbhihu ngebengazange basenza esi sono sibulala ngolu hlobo ukuba babengathanga kuqala bamana besiba semqheleni wokunxila ngokusebenzisa ngokulula iwayini. Babesazi ukuba okona kuzilungisa ngononophelo nesidima kwakufuneka phambi kokuba beze engcweleni, apho uBukho obungcwele babubonakala khona; kodwa, ngenxa yokungabi nabungcathu, baya abawufanela umsebenzi wabo ongcwele. Iingqondo zabo zaphazamiseka, zathi iimbono zabo zokuziphatha zadodobala baza abakwazi ukwahlula phakathi kokungcwele nokungengcwele. KuAron nakoonyana bakhe abaphilayo, kwanikwa isilumkiso, “Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo, wena noonyana bakho kunye nawe, ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi. Ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu ke lowo; ukuze kwahlulwe okungcwele kokuhlabelayo, nokuyinqambi kokuhlambulukileyo; nokuze bayalwe oonyana bakaIsrayeli ngemimiselo yonke awayithethayo uYehova.” Ukusebenzisa iziselo ezinxilisayo kunempembelelo yokwenza buthakathaka umzimba, kuphazamise ingqondo, kuhlazise indlela yokuziphatha. Kuthintela abantu ekubuqondeni ubungcwele bezinto ezingcwalisiweyo okanye igunya elibophelelayo loko uThixo akufunayo. Bonke ababekwizikhundla zomthwalo ongcwele, kwakufuneka babengabantu abangqongqo kubungcathu, ukuze iingqondo zabo zikucacele ukwahlula phakathi kokulungileyo nokungalunganga, ukuze bakwazi ukuma baqine kumthetho-siseko, babe nobulumko bokulawula ngobulungisa nokubonisa inceba.ANa 362.1

    Kwaeso sinyanzeliso sinye, sihleli phezu kwakhe wonke ongumlandeli kaKristu. Umpostile uPetros uthi, “Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo.” 1 Petros 2:9. Silindelwe nguThixo ukuba sigcine onke amandla ekwimo elunge kakhulu kangangoko, ukuze simnike uMdali wethu inkonzo eyamkelekileyo. Xa kusetyenziswa izinto ezinxilisayo, kuya kulandela iziphumo ezifanayo nezo zababingeleli bakwaIsrayeli. Isazela siya kulahlekelwa kukusiqonda isono, kuze ngokuqinisekileyo iqale inkqubo yokuqaqadeka, kude kulahleke ukwazi umahluko ngokubaluleka phakathi kokungengcwele nokungcwele. Singathini na, ke ngoko, ukuze sifikelele kumgangatho woko kufunwa lizulu? “Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya Oyingcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.” 1 Korinte 6:19, 20. “Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.” 1 Korinte 10:31. Kwibandla likaKristu, kuzo zonke izizukulwana, kuthunyelwa isilumkiso esinendili nesoyikekayo, “Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke.” 1 Korinte 3:17.ANa 362.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents