Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    41—Ukreqo EYordan

    [Esi sahluko sisekwe kwiNumeri 25.]

    Ngeentliziyo ezizaliswe luvuyo nokholo oluhlaziyekileyo kuThixo, imikhosi eyoyisileyo kaIsrayeli yabuya kwaBhashan. Yayisele iwuthabathile umhlaba onexabiso, yaye iqinisekile ngokoyisa kwakamsinyane iKanan. Ngumlambo iYordan kuphela eyayiphakathi kwabo neZwe leDinga. Kufutshane ngaphesheya, kwakusisithabazi esityebileyo, esizele luhlaza, olufumana amanzi kwimijelo ephuma kwimithombo emininzi, enemithunzi yeminquma. Kumda wasentshona yesithabazi kubonakala iinqaba ezinde namabhotwe aseJeriko, zingqongwe zizigcume zeminquma, yada yabizwa ngokuba “sisixeko seminquma.”ANa 453.1

    Kwicala lasempuma yeYordan, phakathi komlambo wendawo elele okwetafile ababecanda kuyo, nayo ikwasisithabazi, iliqela leemayile ububanzi, ize ibende kakhulu ngakwicala lomlambo. Le ntlambo ikhuselweyo yayinemozulu yeetropiki; apha kwakuqhame ishitim, okanye umngampunzi owalinika le ntlambo igama elithi, “Intlambo yeShitim.” Kulapha apho wamisa khona uIsrayeli, kwathi kwizigcume zeshitim ezingasemlanjeni, bafumana indawo entle yokuphumla.ANa 453.2

    Kwaya kwathi kwezi ndawo zintle, bahlangana nobubi obabuyingozi ngaphezu kwemikhosi yamadoda axhobileyo okanye izilo ezinengcwangu zasentlango. Ilizwe, elalizele zizinto zendalo ezintle, lalingcoliswe ngabemi. Kunqulo olusekuhleni lukaBhahali, isithixo esiphambili, eyona mibono iphantsi nehlazisayo yayisenziwa rhoqo. Jikelele kwakukho iindawo ezaziwa ngonqulo lwesithixo nombulo, kwa-amagama azo exela ububi nenkohlakalo yabantu.ANa 453.3

    Ezi ndawo zaba nempembelelo engcolisayo kumaIsrayeli. Ingqondo yawo yaqhelana neengcamango ezimbi ezazicetywa lonke ixesha; ubomi babo bokonwaba nokungenzinto babanomphumelaowonakalisayo[ekuziphatheni];bathibonabengaqondanga, baya besuka kuThixo besiya kwimeko apho babeza kuba ngamaxhoba alula okulingwa.ANa 453.4

    Ngexesha lokumisa kwabo ngaseYordan, uMoses wayelungiselela ukuhluthwa kweKanan. Inkokeli enkulu yayixakeke kakhulu kulo msebenzi; kodwa ebantwini eli xesha lonxunguphalo nokulinda lalibalinga kakhulu, kwathi kungekabi ziiveki ezibhekephi, imbali yabo yangcoliswa kukumka okoyikeka kakhulu ekwenzeni okuhle nokuhloniphekileyo.ANa 454.1

    Ekuqaleni, lwaluluncinane unxibelelwano phakathi kwamaIsrayeli nabamelwane abangabahedeni, kodwa emva kwexesha elithile abafazi bamaMidiyan baqala ukunyebelezela enkampini. Ukubonakala kwabo akuzange kuvuse manwele, kwaye amacebo abo ayerhubuluza kangangokuba uMoses akazange awubizelwe lo mcimbi. Yayiyinjongo yaba bafazi, ekuqhelaneni kwabo namaHebhere, ukuwawexulela ekwaphuleni umthetho kaThixo, ukutsalela ingqondo yawo kwiinkonzo namasiko abahedeni, nokuwakhokelela ekunquleni izithixo. Ezi njongo zafihlwa ngobuchule obukhulu phantsi kwengubo yobuhlobo, ukuze bangarhanelwa, nangabalindi babantu.ANa 454.2

    Ngokwecebiso likaBhileham, kwenzelwa oothixo babo isidlo esikhulu ngukumkani wakwaMowabhi, kwaza, ngendlela ethwethwayo, kwagqitywa noBhileham ukuba awawexule amaIsrayeli ukuba aze [kwesi sidlo]. Babemthabatha njengomprofeti kaThixo into eyenza ukuba ibe ncinane ingxaki ekufezeni injongo yakhe. Baninzi abahlanganyela kunye naye ekonwabeleni ezo ziyunguma. Banyathela kumhlaba owalelweyo, baza baqanyangelwa ngumgibe kaSathana. Belukuhlwe ngumculo nomxhentso, betsalwe bubuhle bezinxibo zabahedeni, bakulahla kude ukuthembeka kwabo kuYehova. Bathi ngokuzifaka kwimihlali nokutya, ukungena nzulu kwiwayini kwazimfamekisa iingqondo zabo bayiwisa phantsi imiqobo yokuzilawula. Imvakalelo yabalawula ngokupheleleyo; bathi bakuba bezingcolisile izazela zabo ngokurheletya, boyiselwa ekuqubudeni kwizithixo. Benza imibingelelo kwizibingelelo zabahedeni, banenxaxheba kwezona nkonzo zihlazisayo.ANa 454.3

    Akuzange kubekudala ingasasazekanga ityhefu, njengesifo esibulalayo, kuyo yonke inkampu kaIsrayeli. Abo babefanele ukoyisa iintshaba zabo edabini, boyiswa ngamaqhinga abafazi babahedeni. Bakhangeleka bethabathekile abantu. Abaphathi namadoda aphambili babe kwabokuqala ukwaphula umthetho, baza abaninzi babanye abantubanetyalalokreqoolwaba lolwesizwe sonke. “UIsrayeli wazimanya noBhahali-pehore.” Ngexesha uMoses wayevuswa ukuba abone obu bubi, icebo leentshaba zabo lalise liphumelele kangangokuba, amaIsrayeli ayenganele nje ukuba nenxaxheba kunqulo lombulo kwiNtaba iPehore, kodwa iinkonzo zobuhedeni zazise zisenziwa nasenkampini kaIsrayeli. Inkokeli eseyikhulile yazaliswa ngumsindo, yavutha nengqumbo kaThixo.ANa 454.4

    Izenzo ezikhohlakeleyo zamenza uIsrayeli into ezingazange zikwazi ukuyenza izihlabo zikaBhileham, ukubahlula kuThixo. Ngezibetho ezakhawulezayo ukufika enkampini, abantu baphaphama babubona ubukhulu besono sabo. Kwangena isifo esibi enkampini, amashumi amawaka enkampini akhawuleza angamaxhoba aso. UThixo wayalela ukuba iinkokeli kolu kreqo zibulawe ngabagwebi. Lo myalelo wathotyelwa ngokukhawuleza. Aboni babulawa, yaza imizimba yabo yaxhonywa emehlweni kaIsrayeli ephelele ukuze ibandla, lakubona iinkokeli ziphethwe qatha ngolo hlobo, liyiqonde indlela uThixo asithiye kakubi ngayo isono sabo, nokoyikeka kwengqumbo yaKhe ngakubo.ANa 455.1

    Bonke basiva ukuba isohlwayo sifanelekile, bakhawuleza abantu baya emnqubeni, bathi, bezaliswe ziinyembezi nokuzithoba okukhulu, basivuma isono sabo. Bathe besalila njalo phambi kukaThixo, emnyango womnquba, isibetho sisaqhuba nomsebenzi waso, nabagwebi besawenza umsebenzi abawunyulelweyo, uZimri, omnye wezikhulu zikaIsrayeli, wangena ngesibindi enkampini, ekhatshwa lihenyukazi lomMidiyan, inkosazana eyise “obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan,” awayesiya nayo ententeni yakhe. Abuzange bubekho ububi obunesibindi okanye iinkani obudlula obo. Etshiswe yiwayini, uZimri wasixela isono sakhe “njengeSodom,” watsho eqhayisa ngehlazo lakhe. Ababingeleli neenkokeli, bonke babeziwise ngobuso phantsi ngenxa yentlungu nokuthotyelwa phantsi, belila “phakathi kwevaranda nesibingelelo,” bathi bamcenga uThixo ukuba abasindise abantu baKhe, angalinikeli ilifa laKhe kwingcikivo, kuba esi sikhulu siqhayise ngesono saso phambi kwebandla, ngokungathi sidelela impindezelo kaThixo, sihlekisa nangabagwebi besizwe. UPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli omkhulu, wasuka waphakama ebandleni, wathabatha umkhonto “wayilandela indoda engumIsrayeli, waya egumbini” wababulala bobabini. Ngelo xesha sadamba isibetho, baza ububingeleli baqiniselwa kuye nakwindlu yakhe ngonaphakade.ANa 455.2

    UPinehasi “ububuyisele ubushushu bam koonyana bakaIsrayeli,” satsho isigidimi sezulu;“Yithi ngoko,Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo, ube ngumnqophisowobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaIsrayeli.”ANa 455.3

    Izibetho ezawa phezu kukaIsrayeli ngenxa yesono sabo saseShitim, zatshabalalisa ababesindile kwelo qela likhulu, abathi, phantse amashumi amane eminyaka ngaphambili, basifumana isigwebo, “Mabafele bona entlango kanye.” Ukubalwa kwabantu ngokomyalelo wezulu, ngexesha lokumisa kwabo kumathafa eYordan, kwabonisa ukuba “kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, ababalayo oonyana bakaIsrayeli entlango yeSinayi, . . . [kwakungasasele] namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.” Numeri 26:64, 65.ANa 456.1

    UThixo wayezithumele izigwebo kuIsrayeli kuba baziyekela ekuwexulweni ngamaMidiyan; kodwa abalingi babengayi kusinda kwingqumbo yezulu. Ama-Amaleki awayehlasele uIsrayeli eRefidim, abulala abo babetyhafile bediniwe bengasemva emkhosini, awazange ohlwaywe, kwada kwalithuba elide emva koko; kodwa amaMidiyan awahendele esonweni enziwa ukuba azive ngokukhawuleza izigwebo zikaThixo, njengeentshaba eziyingozi ngokugqithisileyo. “Baphindisele kumaMidiyan oonyana bakaIsrayeli,” (Numeri 31:2), lowo yayingumyalelo kaThixo kuMoses; “emveni koko wohlanganiselwa ebantwini bakowenu.” Lo myalelo wathotyelwa ngokukhawuleza. Iwaka lamadoda lakhethwa kwisizwe ngasinye, athunywa phantsi kokukhokelwa nguPinehasi. “Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses. . . . Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo; . . . ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.” Iindima 7, 8. Abafazi nabo, ababenziwe abathinjwa ngumkhosi ohlaselayo, babulawa ngokomyalelo kaMoses, njengabona banetyala nabangabona balutshaba oluyingozi kuIsrayeli.ANa 456.2

    Saba njalo isiphelo sabo bantu baceba inkohlakalo ngakubantu bakaThixo. Uthi umdumisi: “Iintshaba zitshone esihogweni ezasenzayo, emnatheni ezawugqumelayo kubanjiswe kwa-olwazo unyawo.” Ndumiso 9:15. “Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe, akalishiyi ilifa lakhe. Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni, balilandele bonke abantliziyo zithe tye.” Xa abantu bathe “bahlanganyela umphefumlo welungisa, baligwebe igazi elimsulwa,” uYehova “ububuyisela phezu kwabo ubutshinga babo, ubabhangisa ngobubi babo.” Ndumiso 94:14, 15, 21, 23.ANa 456.3

    Xa uBhileham wayebizwa ukuba aqalekise amaHebhere, akazange akwazi, enako konke ukuhlaba izihlabo kwakhe, ukuzisa ububi phezu kwawo; kuba uYehova wayengazange abone “butshinga kuYakobi,” engazange abone “bubi kuIsrayeli.” Numeri 23:21, 23. Bathi kodwa bakuziyekela esilingweni sokwaphula umthetho kaThixo, ukhuselo lwabo lwemka kubo. Xa abantu bakaThixo benyanisekile emithethweni yaKhe, “akukho sihlabo ngoYakobi; akukho kuvumisa ngoIsrayeli.” Kungoko amandla nobuchule bobuqhinga bukaSathana busetyenziswa ngamandla ukubalukuhlela esonweni. Ukuba abo bazibiza ngokuthi bagosiswe umthetho kaThixo basuka babe ngabaphuli bemiyalelo yawo, bayazahlula kuThixo, kwaye abasayi kukwazi ukuma phambi kweentshaba zabo.ANa 457.1

    AmaIsrayeli, awayengenako ukoyiswa ngezigalo okanye ngezihlabo zamaMidiyan, abalixhoba lamahenyukazi awo. Anjalo amandla omfazi, ongenele umsebenzi kaSathana, asetyenziselwa ukubambisa nokutshabalalisa imiphefumlo. “Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo; linani elikhulu alibuleleyo.” Mizekeliso 7:26. Kwakunjalo ukulukuhlwa kwabantwana bakaSete ukuba bakushiye ukuthembeka kwabo, yathi imbewu engcwele yonakala. Kwaba njalo kuYosefu ukulingwa kwakhe. Kwaba njalo ukuze uSamson athengise ngamandla akhe, umkhuseli kaIsrayeli, ezandleni zamaFilisti. Kulapha apho wakhubeka khona uDavide. NoSolomon, oyena kumkani wayelumkile, owabizwa kathathu ukuba ungothandiweyo nguThixo, wabalikhoboka lenkanuko, wabingelela ngokuthembeka kwakhe kwakumandla athabathekisayo.ANa 457.2

    “Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.” 1 Korinte 10:11, 12. USathana uzazi kakuhle izixhobo amakazisebenzise xa ephethe umcimbi wentliziyo yomntu, kuba ezifunde ngenkohlakalo enzulu amawaka eminyaka, iindawo ezihlaseleka lula esimilweni ngasinye; kwaye kwizizukulwana ngezizukulwana ukwazile ukoyisa awona madoda omelele kakhulu, izikhulu zakwaIsrayeli, kwangezo zilingo zinye zaseBhahali-pehore. Ecaleni kwayo yonke indlela yezizukulwana kuthe saa iingxwelerha zesimilo ezaya zalahleka emaweni okuziyekela embulweni. Xa sisondela ekupheleni kwexesha, njengokuba abantu bakaThixo bemi kwimida yeKanan yasezulwini, uSathana uza kuthi, njengakudala, aziphindaphinde iinzame zakhe zokubathintela ukuba bangangeni ezweni elihle.Ubekaimigibeendleleni yomphefumlo ngamnye. Asingabo bangazi nto nabangaqeqeshekanga ekufuneka balusiwe; uza kuzilungiselela izilingo nabo bakwezona zikhundla ziphezulu, kweyona misebenzi ingcwele, ukuba nje angabakhokelela ekubeni bayingcolise imiphefumlo yabo, angathi ngabo atshabalalise abaninzi. Usebenzisa ngoku izixhobo ezinye nezo wayezisebenzisa kumawaka amathathu eminyaka eyadlulayo. Ngobuhlobo nehlabathi, ngomtsalane wobuhle, ngokufunwa kweziyolo, ubumnandi, izidlo, okanye indebe yewayini, uzisa ukulinga ukuba kwaphulwe umthetho wesixhenxe.ANa 457.3

    USathana wamlukuhlela ekurheletyeni uIsrayeli phambi kokuba amkhokelele ekunquleni izithixo. Abo bangawuhloniphiyo umfanekiso kaThixo, abayingcolisayo itempile yaKhe eyimizimba yabo, abayi kuzihlupha ngobucukubhede, nokuba bunokuzisa ihlazo kuThixo, ukuba nje banganezisa iintliziyo zabo ezikhohlakeleyo. Ukuziyekela ekulawulweni yinyama kuyayidodobalisa ingqondo, kuwuthobe umphefumlo. Amandla okuziphatha kunye nawengqondo ayethiswa aqotywe kukwaneliswa kokuthambekela ebulwanyaneni; kube nzima kwikhoboka lemizwa ukufikelela kubungcwele obufunwa ngumthetho kaThixo, ukwamkela ucamagushelo, okanye ukubeka ixabiso elililo emphefumlweni. Ukulunga, ubunyulu, nenyaniso, konke oko kuthanda kungcwele nokunqwena okunesidima, okuhlanganisa abantu nelizwe lasezulwini, kudliwa yimililo yenkanuko. Uthi umphefumlo ube yinkangala emnyama nebharhileyo, indawo yokuhlala imimoya emibi, “nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo.” Ithi ngoku yenziwe ngokomfanekiso kaThixo, isuke irhuqelwe phantsi kumgangatho wezilwanyana.ANa 458.1

    Yayikukuhlangana nabakhonzi bezithixo nokuzimanya nabo kwiziyolo zabo okwenza ukuba amaHebhere akhokelelwe ekwaphuleni umthetho kaThixo nokuzisa izigwebo zakhe phezu kwesizwe. Nangoku, kungokukhokelela abalandeli bakaKristu ukuba bazayamanise nabangahloneli Thixo, bahlangane nabo kwiziyolo zabo, okwenza ukuba uSathana aphumelele kakhulu ukubalobela esonweni. “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi.” 2 Korinte 6:17. UThixo ufuna ukuba abantu baKhe, ngoku, babe nomahluko omkhulu kwihlabathi, ngamasiko, ngemikhwa, nangemithetho-siseko, njengoko wayefuna kuIsrayeli wakudala. Ukuba bathi ngokuthembeka bazilandele iimfundiso zelizwi laKhe, uya kubakho lo mahluko; akunakwenzeka ngakumbi. Izilumkiso ezanikwa amaHebhere zokuba angazimanyi nabahedeni zazingangqalanga okanye zicace kakhulu kunezo zalela amaKristu ukuba angavumelani nomoya namasiko abantu abangahloneli Thixo. UKristu uthetha nathi, “Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthandolukaYisealukhokuye.” 1 Yohane 2:15. “Ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo.” Yakobi 4:4. Abalandeli bakaKristu kufuneka bazahlule kuboni, bazikhethele abahlobo xa, kuphela, benethuba lokuba, bona balandeli, babenzele abahlobo abo, okulungileyo. Akunakuthiwa senze isigqibo eside sadlula emgceni xa sikuphepha ukuhlangana nabo banempembelelo yokusisusa kuThixo. Lo gama sithandaza sisithi, “Ungasingenisi ekulingweni,” kufuneka sisiphephe isilingo, kangangoko sinako.ANa 458.2

    Kwakungexesha amaIsrayeli ayekwimeko yokonwaba nokukhuseleka kwangaphandle apho aya akhokelelwa esonweni. Asilela ukuhlala emgcine ephambi kwabo uThixo, akutyeshela ukuthandaza, anomoya wokuzithemba. Ukonwaba nokuzithemba kwayishiya inqaba yomphefumlo ingaluswanga, zaza iingcinga ezihlazisayo zanethuba lokungena. Yayingabangcatshi ngaphakathi kweendonga abawisa iinqaba zomthetho-siseko, bamthengisa uIsrayeli kwigunya likaSathana. Kwangayo kanye loo ndlela, uSathana usazama ukufikelela ekutshabalaliseni umphefumlo. Ngumsebenzi omde wokulungiselela, ongaziwayo ngaphandle, oqhubeka entliziyweni, phambi kokuba umKristu enze isono esisekuhleni. Ingqondo ayisuki iwe bhaxa phantsi isuka kubunyulu nasebungcweleni iye ekonakaleni, enkohlakalweni, nasekwaphuleni umthetho. Kuthabatha ixesha ukuthoba abo benziwe ngokomfanekiso kaThixo ukuba baye ebulwanyaneni okanye enkohlakalweni. Ngokukhangela, siyaguquka. Ngokuziyekela kwiingcinga ezingekho nyulu, umntu unokuyifundisa kakhulu ingqondo yakhe side isono, awayesithiyile ngaphambili, sibe mnandi kuye.ANa 459.1

    USathana usebenzisa zonke iindlela ukwenza ukuba ukwaphulwa komthetho nobubi obuhlazisayo buthandwe. Asikwazi ukuhamba ezitratweni zezixeko zethu singahlangani nezaziso ezidanyazayo ngolwaphulo-mthetho oluyincwadana okanye oluza kuba ngumdlalo. Ingqondo iqeqeshwa ukuba iqhelane nesono. Ikhondo elilandelwa ngabaphantsi nabakhohlakeleyo lisoloko liphambi kwabantu ngamaphepha-ncwadi emihla ngemihla, nayo nayiphi into ekhuthaza imizwa ethi iziswe ngamabali athathekisayo. Abantu bayeva, bafunde ngezinto ezininzi zolwaphulo-mthetho, ekwakusithi kuqala, isazela esibuthakathaka sizibaleke ngoloyiko izinto ezinjalo, kodwa ngoku siqinile isazela eso, baze bazixoxe ezi zinto ngomdla ozibawelayo.ANa 459.2

    Iziyolo ezininzi ezithandwa kakhulu ehlabathini namhlanje, nakwabo bathi bangamaKristu, zikholisa ukuba nesiphelo esinye njengezo zabahedeni. Zimbalwa kuzo uSathana angazijikeli ekutshabalaliseni imiphefumlo. Ngemiboniso kuyiminyaka evusa iinkanuko ekwadumisa ububi.Kwiindawo ekwenziwa kuzo imidlalo yomculo,nemiboniso, ethimbayo nomculo ondlongondlongo imiboniso yezinxibo zeendidi ngeendidi, imidaniso, ukudlalwa kwamakhasi, ezo ndawo uSathana uzisebenzisa ekuwiseni imiqobo yomgangatho wokuziphatha, aze avule umnyango wokuziyekela kwimizwa yorheletyo. Kuyo yonke imihlangano yolonwabo, apho kwaneliswa khona ikratshi okanye kutyiwa khona kakhulu, apho umntu akhokelelwa ukuba alibale ngoThixo, alahlekwe ngumbono wezinto zomdla zikanaphakade, kulapho uSathana awuqamangela ngamatyathanga umphefumlo.ANa 460.1

    “Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho,” licebiso lendoda esisilumko elo; “kuba aphuma kuyo amathende obomi.” Mizekeliso 4:23. Umntu unjengoko intliziyo yakhe icinga. (Mizekeliso 23:7). Intliziyo kufuneka yenziwe yabantsha lubabalo lwezulu, okanye kuya kuba lilize ukuzama ubunyulu bobomi. Lowo uzama ukwakha isimilo esinesidima nesihle ngaphandle kobabalo lukaKristu, uyakha indlu yakhe entlabathini. Kwimimoya ebhudlayo yesilingo, iya kuwa, ngokuqinisekileyo. Umthandazo kaDavide kufuneka ube sisicelo somphefumlo: “Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.” Ndumiso 51:10. Siya kuthi sakuba sixhamla isipho sezulu, siye sikhula ukuya ekugqibeleleni, silondolozwe “ngamandla kaThixo ngokholo.” 1 Petros 1:5.ANa 460.2

    Kanti ke, sinomsebenzi ekufuneka siwenzile ukumelana nesilingo. Abo bangayi kuba ngamaxhoba amaqhinga kaSathana kufuneka bawagcine ngononophelo amajelo omphefumlo; kufuneka bakuphephe ukufunda, ukubona, okanye ukuva oko kuya kucebisa iingcinga ezingekho nyulu. Ingqondo akufuneki iyekwe ibhadule ngokuzithandela kwizinto athi umchasi wemiphefumlo azicebise. “Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo,” utsho umpostile uPetros, “Ziqheliseni ukululama, . . . ningaziphathi ngendlela ebeniziphethe ngayo ngokuya beningekazi nto ngokholo. Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.” 1 Petros 1:13-15, IBHAYIBHILE. Uthi uPawulos, “Iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilisekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.” Filipi 4:8. Oku kufuna ukuthandaza ngenzondelelo nokuba umntu ephaphamile ngalo lonke ixesha. Kufuneka sincedwe yimpembelelo ehleli ikho kaMoya Oyingcwele, eya kuyitsalela phezulu ingqondo, iyiqhelise ukuhlala kwizinto ezinyulu nezingcwele, kwaye kufuneka sikwenze kube ngumkhwa ukulifunda ilizwi likaThixo. “Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.” “Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam,” utsho umdumisi, “ukuze ndingoni kuwe.” Ndumiso 119:9, 11.ANa 461.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents