Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    6—USete NoEnoki

    [Esi sahluko sisekwe kwiGenesis 4:25 ukuya kwisi-6:2.]

    UAdam wanikwa omnye unyana, ukuba abeyindlalifa yedinga lezulu, indlalifa yokuzalwa kwasemoyeni. Igama uSete, elanikwa lo nyana, lalibonisa “ukunyulwa” okanye “imbuyekezo,” “kuba,” watsho unina, “uThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.” USete wayenesithomo esihle kunoKayin noAbheli, efana kakhulu noAdam kunabanye oonyana bakhe. Wayengumntu ofanelekileyo, elandela emanyathelweni ka-Abheli. Noko kunjalo, akazange afuze ukulunga kwemveli okudlula kuKayin. Ngokubhekise ekudalweni kuka-Adam kuthiwa, “ngokomfanekiselo kaThixo, wamdala;” kodwa umntu, emva kokuWa, “wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe.” Nangona uAdam wadalwa ngaphandle kwesono, ngokomfanekiselo kaThixo, uSete, njengoKayin, wabanelifa lemvelo ewileyo yabazali bakhe. Naye walufumana ulwazi ngoMhlanguli nemfundiso ngobulungisa. Ngobabalo lwezulu wamkhonza wamzukisa uThixo; wasebenza, njengoko ngewayenzile uAbheli, ukuba wayephilile, ukubuyisela iingqondo zabantu abangaboni ukuba bahloniphe bathobele uMdali wabo.ANa 80.1

    USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.” Abanyanisekileyo babemkhonza uThixo ngaphambili; kodwa ngokwanda kwabantu, wabonakala umahluko phakathi kwamaqela amabini. Kwakukho ukuvuma ukunyaniseka kuThixo okusekuhleni ngabanye, njengoko kwakukho ukudelela nokungathobeli kwabanye.ANa 80.2

    Phambi kokuWa, abazali bethu bokuqala babeyigcina iSabatha, eyamiselwa e-Eden; nasemva kokuba begxothiwe eParadesi baqhubeka nokuyigcina. Babezingcamle iziqhamo ezikrakra zokungathobeli, befundile nokuba wonke onyathelela phantsi imithetho kaThixo uya kuthi, kungekudala afunde ukuba imiyalelo yezuluingcwele kwaye ayiguquki,nokuba isohlwayosokuyaphulasiqinisekile. ISabatha yahlonitshwa ngabo bonke abantwana baka-Adam ababehlala benyanisekile kuThixo. UKayin yena, nenzala yakhe abazange bayihloniphe imini uThixo awaphumla ngayo. Bakhetha elabo ixesha lokusebenza nokuphumla, bengenanto yakwenza nomyalelo ongqalileyo kaYehova.ANa 80.3

    Wathi akufumana isiqalekiso sikaThixo, uKayin warhoxa kwindlu kayise. Wayeqale ngokukhetha umsebenzi njengomlimi womhlaba, waza ngoku wakha isixeko, awasibiza ngegama lonyana wakhe omkhulu. Wayemkile phambi kobuso bukaYehova, walilahla idinga le-Eden ebuyiselweyo, wafuna ezakhe izinto nolonwabo emhlabeni phantsi kwesiqalekiso sesono, esima njengentloko yodidi olukhulu lwabantu abanqula uthixo weli hlabathi. Koko okwakubhekise kwimpumelelo yelizwe nobutyebi balo, inzala yakhe yazuza ukubaluleka. Babengamnanzanga uThixo, baye bechasene neenjongo zaKhe ngomntu. Kulwaphulo-mthetho lokubulala, awakhokela kulo uKayin, uLameki, isizukulwana sesihlanu, wongeza ukuba nabafazi abaninzi, waza, eqhayisa ngokudelela, wamvuma uThixo, esenzela nje ukuba angafumani kubetho lukaKayin koko eqinisekisa eyakhe inkuseleko. UAbheli wayekhokele kubomi bokufuya, ehlala ezintenteni nasemaphempeni, nenzala kaSete yalandela elo khondo, bezibalela ukuthi “bangabasemzini, balundwendwe emhlabeni,” bekhangela “elona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini.” Hebhere 11:13, 16.ANa 81.1

    Yaba lixesha elide iindidi ezimbini zihleli zahlukene. Uhlanga lukaKayin, lwathi saa lusuka kwindawo olwaluhleli kuyo kuqala lwasasazeka kumathafa neentili apho abantwana bakaSete babehlala khona; baza bona [abantwana bakaSete], ngokubaleka impembelelo engcolileyo, besuka baya ezintabeni, bazakhela ikhaya khona. Ngalo lonke ixesha oku kwahlukana kusekho, balugcina unqulo lunyulu lukaThixo. Ngokuhamba kwexesha, kancinance, kancinane, baya bexubana nabemi beentili. Ukuhlangana kwazala ezona zibi iziphumo. “Bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle.” Abantwana bakaSete, ngokutsalwa bubuhle beentombi zenzala kaKayin, abazange bamkholisa uYehova ngokutshata nazo. Abaninzi kubanquli bakaThixo bawexulelwa esonweni ngumtsalane owawusoloko uphambi kwabo, baza balahlekwa sisimilo esiyinqobo nesingcwele. Bathi ngokuzixuba nabakhohlakeleyo, basuka bafana nabo ngomoya nangezenzo; izithintelo zomthetho wesixhenxe zatyeshelwa, “bazekaabafazikuzo zonkeabazinyulayo.” Oonyana bakaSetebahamba “ngendlela kaKayin” (Juda 11); ingqondo yabo bayimilisela kwimpumelelo nakulonwabo lwehlabathi bayityeshela imithetho kaYehova. Abantu [baye] “bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo,” “basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa mnyama.” Roma 1:21. Ngenxa yoko, “uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo,” indima 28. Isono sawutyhutyha wonke umhlaba ngeqhenqa elibulalayo.ANa 81.2

    Phantse yaliwaka leminyaka uAdam ephila phakathi kwabantu, ebona iziphumo zesono. Wazama ngokunyanisekileyo ukuwunqanda umsinga wobubi. Wayeyalelwe ukuba ayifundise inzala yakhe iindlela zikaYehova; ngocoselelo, wakugcina njengento exabisekileyo oko uThixo wakutyhilayo kuye, wasoloko ekuphinda kwizizukulwana ezilandelayo. Kubantwana bakhe nakubantwana babantwana bakhe, kuse kwisizukulwana sethoba, wachaza ngemeko yomntu engcwele nenolonwabo eParadesi, wayiphinda imbali yokuwa kwakhe, ebaxelela ngokubulaleka uThixo awamfundisa ngako indlela ekufuneka ukuba uthotyelwe ngqongqo ngayo umthetho waKhe, ekwabachazela umsindleko wenceba yokusindiswa kwabo. Wayekholisa ukugculelwa kakhulu ngenxa yesono esazisa intlekele kwisizukulwana sakhe.ANa 82.1

    Ubomi buka-Adam babubobentlungu, ukuthobeka, nosizi. Ukuyishiya kwakhe iEden, ingcinga yokuba kuza kufuneka efile, yamzalisa ngoloyiko. Wenziwa ukuba aqhelane kuqala nokuqiniseka kokufa kusapho loluntu xa uKayin, izibulo lakhe, ebulala umntakwabo. Ezaliswe kukuzisola ngokwenene ngenxa yesono sakhe, wagqejwa kabini kukufa kuka-Abheli nakukulahlwa nguKayin, uAdam wagoba yintlungu. Wakubona ukwanda kwenkohlakalo eyayiza kuthi ekugqibeleni ikhokelele ekutshatyalalisweni kwehlabathi ngamanzi; kwaza kwathi, nangona isigwebo awayesinikiwe nguMenzi wakhe kuqala sasikhangeleka sisibi, akuba ebone iziphumo zesono kwiminyaka eliwaka, waqonda ukuba, yinceba ukuba uThixo azise isiphelo kubomi bokubulaleka nosizi.ANa 82.2

    Nangona kwakukho inkohlakalo ngexesha laphambi kukaNogumbe, ixesha elo, lalingelilo ixesha lokungazi nobukrwada. Abantu babenikwe ithuba kumgangatho ophezulu wokuziphatha nokufikelela kwengqondo. Babe namandla amakhulu omzimba nengqondo, benawo namathubaangenakulinganiswaenkolonobunzulu-lwazi.Yimpazamoukucinga ukuba, kuba babephila babebadala kakhulu, ingqondo inokuba yayithabatha ithuba ukukhula; amandla abo engqondo ayekhula beselula, baye nabo babemoyika uThixo, bephila ngokwentando yaKhe, babeqhubeka bekhula elwazini nasebulumkweni kubo bonke ubomi babo. Ukuba izifundiswa ezaziwayo zeli lethu ixesha bezingathelekiswa nabantu baphambi kukaNogumbe beminyaka elingana neyazo, beziya kufumaneka ziphantsi kakhulu ngengqondo nangamandla omzimba. Njengoko iminyaka yomntu yehlayo, namandla omzimba ehla, nesakhono sengqondo sacutheka. Kukho ngoku abantu abazinikela ekufundeni kwisithuba sokusuka kumashumi amabini ukuya kwamahlanu eminyaka, lize ihlabathi lizaliswe kukubahlonipha ngoko bakuzuzileyo. Athi ukuba kuncinane kwako oko bakuzuzileyo xa kuthelekiswa nokwabantu abamandla abo omzimba nengqondo awayethabatha iinkulungwane okoko ekhula!ANa 82.3

    Yinyaniso yona into yokuba abantu beli xesha banethamsanqa ngoko kwenziwa ngabangaphambi kwabo. Abantu ababeneengqondo ezazilawuleka, ababeceba, befunda, bebhala, bawushiyela abo babeza kulandela umsebenzi wabo. Noko kunjalo, nakulo umba, ngokubhekiselele kulwazi lomntu, kuhle kakhulu ukudlulisa oko kwamadoda akudala! Phakathi kwawo, amakhulu eminyaka, aye nalowo wayenziwe ngokomfanekiselo kaThixo, awathi uMdali ngokwaKhe, “ulungile”—indoda uThixo awayifundisa ngabo bonke ubulumko beli hlabathi. UAdam wayefunde kuMdali imbali yendalo; waza yena ngokwakhe wazibona iziganeko zeenkulungwane ezilithoba; waza waludlulisela kwizizukulwana zakhe ulwazi lwakhe. Abantu ababephila phambi kukaNogumbe babengenazo iincwadi; bengenazo iingxelo ezibhaliweyo; kodwa ngamandla amakhulu omzimba nengqondo, babe nenkumbulo enkulu, bekwazi ukuzibamba bazigcine izinto abazixelelweyo, baze nabo bazigqithisele kwabalandelayo zingaphazanyiswanga. Kwathi kumakhulu eminyaka, kwaphila emhlabeni izizukulwana ezisixhenxe ngaxesha-nye, zinethuba lokuthetha-thethana kunye zinikana ulwazi namava azo zonke.ANa 83.1

    Ubuhle ababuxhamlayo abantu belo xesha, ukuzuza ulwazi ngoThixo ngemisebenzi yaKhe, abuzange balingana nabo nabuphi. Ngoko ke, endaweni yokuba libe lalililixa lobumnyama ngokwenkolo, laye lililixa lokukhanya okukhulu. Lonke ihlabathi lalinethuba lokuyifumana imfundiso ephuma kuAdam, baza abo bamoyikayo uYehova, banoKristu kunye neengelosi njengabafundisi babo. Babenalo nengqina elizolileyo lenyaniso phakathi kwabo, isitiya sikaThixo, esahlalasikhophakathi kwabantu. Kwisango laseParadesi elalaluswe yikerubhi, kwatyhilwa ubuqaqawuli bukaThixo, apho kwaphuma khona abanquli bokuqala. Apha, kwamiswa khona izibingelelo zabo, kwanikelwa khona iminikelo yabo. Kulapha apho uKayin noAbheli bazisa khona imibingelelo yabo, aze ahle uThixo ukuba athethe nabo.ANa 83.2

    Ukuthandabuza kwakungakwazi ukubukhanyela ubukho be-Eden ngexesha yayimi phambi kwabo, isango lingangeneki kuba lijongwe ziingelosi. Ucwangco lwezulu, injongo yesitiya, imbali yemithi yaso emibini ehlangene kakhulu nesiphelo somntu, zizinto ezazingenako ukuphikwa. Ubukho kunye negunya eliphezulu likaThixo, ukunyanzeleka kokuthotyelwa komthetho waKhe, yayiziinyaniso ekwabanzima ebantwini ukukhawuleza ukuziphika esephakathi kwabo uAdam.ANa 84.1

    Nangona babukho ubugwenxa obukhoyo, wawukho umqokozo wabantu abangcwele, abaphakanyiswa banikwa imbeko kukudlelana noThixo, baphila benobudlelane nezulu. Babe ngabantu abanobuchopho obunzulu, abenza izinto ezinkulu. Babenomsebenzi omkhulu nongcwele, ukukhulisa isimilo sobulungisa, ukufundisa isifundo sokuhlonela uThixo, kungekuphela kubantu bexesha labo, kodwa nakwizizukulwana zexesha elizayo. Liqaqobana labona bantu ababalulekileyo, elikhankanyiweyo eziBhalweni; kodwa, kuzo zonke izizukulwana, uThixo waye nawo amangqina anyanisekileyo, abakhonzi abantliziyo zinyanisekileyo.ANa 84.2

    NgoEnoki, kubhalwe ukuba waphila iminyaka emashumi mathandathu anesihlanu, wafumana unyana. Emva koko wahamba noThixo iminyaka engamakhulu amathathu. Ngeminyaka yakhe yobutsha, uEnoki wayemthanda emoyika uThixo wayigcina imithetho yaKhe. Wayengomnye womqokozo ongcwele, abagcini bokholo lwenene, okhokho bembewu ekuthenjiswe ngayo. Wafunda emlonyeni ka-Adam ibali elilusizi lokuWa, nobabalo oluvuyisayo lukaThixo njengoko lubonakala kwisithembiso; waza waxhomekeka kuMhlanguli owayeza kufika. Kwathi ke emva kokuzalwa kwezibulo lakhe, uEnoki wafikelela kumava aphakamileyo, watsalelwa kubudlelane obusondeleyo kuThixo. Wakuqonda ngokupheleleyo okufunekayo nokungumthwalo njengonyana kaThixo. Wathi xa elubona uthando lomntwana kuyise, ukuthembela kwakhe okulula kukhuselo lwakhe; naxa esiva uthando lwentliziyo olunolangazelelo lolwakhe izibulo, wafuna isifundo esixabisekileyo sothando olumangalisayo lukaThixo kubantu kwisipho soNyana waKhe, nokuthembela abamele ukuba nako abantwana bakaThixo kuYise osemazulwini. Uthando olungenamda, olungenakulinganiswa ubunzulu, ngoKristu, lwaba sisifundo sokucamngca kwakhe imini nobusuku; waza wathi ngawo wonke umdla womphefumlo wakhe, wafuna ukulutyhila olo thando kubantu awayehlala phakathi kwabo.ANa 84.3

    Ukuhamba kukaEnoki noThixo kwakungekuko ukuxwilwa nje kwengqondo okanye umbono, kodwa kwakukuyo yonke into ayenzayo ebomini bakhe bemihla ngemihla. Akazange akhethe ubomi bokuhlala elilolo, azivalele kude ngokupheleleyo ehlabathini; kuba wayenomsebenzi ekufuneka ewenzele uThixo ehlabathini. Kusapho nasekuhlanganeni nabantu, njengomyeni notata, umhlobo, nommi, wayengumkhonzi ozinzileyo, ongagungqiyo kaYehova.ANa 85.1

    Intliziyo yakhe yayihambelana nentando kaThixo; kuba “bakha bahambe ndawonye na ababini bengavani?” Amos 3:3. Olu hambo lungcwele lwaqhubeka amakhulu amathathu eminyaka. Ambalwa amaKristu abe nokunganyaniseki kakhulu ekuzinikeleni xa esazi ukuba anexesha elifutshane lokuphila, okanye ukubuya kukaKristu sele kuza kwenzeka. Ukholo lukaEnoki lona lwaya lusomelela ngakumbi, uthando lwakhe lwaya luvutha, ngokuhamba kweenkulungwane.ANa 85.2

    UEnoki wayengumntu onengqondo eyomeleleyo neyakheke kakhulu nolwazi olubanzi; Wahlonitshwa ngentyilelo eyodwa evela kuThixo; kanti ke wayenokuxhumana okuthe rhoqo nezulu, enayo ingqondo yobukhulu bobungcwele nengqibelelo ezihleli ziphambi kwakhe, wayengomnye wabona bantu bathobekileyo. Okona kwakusondele ukuqhagamshelana noThixo, okona yabanzulu ingqondo yokubona obakhe ubuthakathaka nokungafezeki.ANa 85.3

    Wayehlutshwa kukwanda kwenkohlakalo yabangahloneli Thixo, woyika ukuba ukungakholwa kwabo kunganciphisa ukuhlonipha kwakhe uThixo, uEnoki wakunxwema ukuthi rhoqo ezimanya nabo, waza wachitha ixesha elininzi eyedwa, ezinikela ekucamngceni nasekuthandazeni. Ngaloo ndlela wayesoloko ehleli phambi kukaYehova, efuna ulwazi olucacileyo lwentando yaKhe, ukuze akwazi ukuyenza. Kuye, umthandazo wawuyimpefumlo yomphefumlo; wayephila kanye kwimpepho yasezulwini.ANa 85.4

    Ngezithunywa ezingcwele, uThixo wayityhila kuEnoki injongo yaKhe yokutshabalalisa ihlabathi ngamanzi; walandlala ngokupheleleyo kuye icebo lokuhlangula. Ngomoya wokuprofeta, wamkhokelela kwizizukulwana ezaziza kuphila emva kukaNogumbe, wambonisa iziganeko ezikhulu ezihlangene nokubuya kwesibini kukaKristu kunye nokuphela kwehlabathi.ANa 85.5

    UEnoki wayekhathazeka ngenxa yabafileyo. Kwakhangeleka kuye ngokungathi amalungisa nabakhohlakeleyo, bebonke babuyela eluthulini, ukuze oku kube sisiphelo sabo. Wayengabuboni ubomi ngaphaya kwengcwaba. Ngombono wobuprofeti, wafundiswa ngabafele kuKristu, waboniswa ukuza kwaKhe esebuqaqawulini, ephahlwe zizithunywaezingcwele, ukuba abakhuphe abantu baKhe engcwabeni. Wayibona nemeko eyonakeleyo yomhlaba ngexesha uKristu ebonakala okwesibini-kuba kuya kubakho isizukulwana esizigwagwisayo, esidelelayo, esenza intando yaso, sikhanyela uThixo ekuphela kwaKhe neNkosi uYesu Kristu, sinyathelela phantsi umthetho, sicekisa ucamagushelo. Wawabona amalungisa ethweswa ubuqaqawuli nembeko, abakhohlakeleyo begxothwa phambi kukaYehova, betshatyalaliswa ngomlilo.ANa 85.6

    UEnoki waba ngumshumayeli wobulungisa, esazisa abantu oko uThixo akutyhilileyo kuye. Abo bamoyikayo uThixo bayifuna le ndoda ingcwele, ukuze babelane ngemfundiso nemithandazo yayo. Wasebenza nzima esidlangalaleni ekwathwele izigidimi zikaThixo eziya kubo bonke ababeya kuwaphulaphula amazwi okunika isiyalo. Ukusebenza kwakhe kwakungaphelelanga kumaSete. Elizweni apho uKayin wafuna ukubalekela kulo ukwenzela ukuba angabi phambi koBukho Obungcwele, umprofeti kaThixo wazisa ngemibono emangalisayo eyadlula phambi kwakhe esembonweni. “Yabonani,” watsho, “yeza iNkosi inamawakawaka abangcwele bayo, ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo.” Juda 14, 15.ANa 86.1

    Wayengumkhalimeli wesono ongenaluvalo. Njengokuba wayeshumayela uthando lukaThixo ngoKristu kubantu bexesha lakhe, ebacenga ukuba bashiye iindlela zabo zobubi, wayebukhalimela ubugwenxa obabugquba ebalumkisa abantu besizukulwana sakhe ngogwebo olwaluqinisekile ukuba luya kubafikela abophula umthetho. YayinguMoya kaKristu owawuthetha ngoEnoki; loo Moya uyabonakaliswa, hayi ngokuthetha okubonakalisa ukuba nothando, imfesane, nokucenga; kuba asikuphela kwezinto ezimyoli ezithethwa ngabantu abangcwele. UThixo ubeka entliziyweni nasemilebeni yabathunywa baKhe iinyaniso amabazithethe eziqinisekileyo nezihlabaniselayo njengekrele elintlangothi mbini.ANa 86.2

    Amandla kaThixo awabonakaliswa ngumkhonzi waKhe, aviwa ngabo babemphulaphule. Abanye basithobela isilumkiso, bazishiya izono zabo; kodwa intlaninge yasigculela isigidimi esindilisekileyo, baqhubeka ngesibindi ngakumbi kwiindlela zabo ezikhohlakeleyo. Abakhonzi bakaThixo kufuneka basithwale basise ehlabathini isigidimi esikwanjalo kwimihla yokugqibela, kanti naso siya kwamkelwa ngokungakholelwa nangokusigculela. Abantu bexesha laphambi kukaNogumbe bawala amazwi okulumkisa alowo wayehamba noThixo. Kuya kuba njalo nakwisizukulwana sokugqibela ukungaziboneli ntweni izilumkiso zabathunywa bakaYehova.ANa 86.3

    Wathi ephakathi kubomi bokusebenza nzima, uEnoki waqhubeka nokulugcina unxibelelwano noThixo. Okona kwaba kukhulu ukusebenza nzima kwakhe, kwaba kokukhona azingisa ngakumbinokunyaniseka kwimithandazo yakhe. Waqhubeka nokuzikhwebula, ngamaxesha athile, kubo bonke abantu basekuhlaleni. Emva kokuba echithe ixesha elithile phakathi kwabantu, esebenzela ukuba abazuzise okulungileyo ngokubafundisa nangomzekelo, wayezikhwebula, ukuze achithe ixesha eyedwa, elambela ekwanxanelwa ulwazi lwezulu, olwalunokunikwa nguThixo kuphela. Ngokuqhagamshelana ngolo hlobo noThixo, uEnoki wafikelela ngakumbi nangakumbi ekubonakalaliseni umfanekiselo kaThixo. Ubuso bakhe babengezela kukukhanya okungcwele, ukukhanya obakhanya ebusweni bukaYesu. Wayesithi xa ephuma ekuthetheni nezulu, nabantu abangamhloneliyo uThixo bawubone boyike umzobo wezulu kwimbonakalo yakhe.ANa 87.1

    Inkohlakalo yabantu yayifike kwizinga eliphezulu kangangokuba kwawiswa (isigwebo) sentshabalalo phezu kwabo. Ngokudlula kweminyaka, omnye emva komnye, umsinga wobubi babantu waya usiba nzulu ngokuba nzulu, amafu omgwebo wezulu aya esiba mnyama ngokuba mnyama. Yena uEnoki ingqina lokholo, wabambelela endleleni yakhe, elumkisa, ecenga, ekhuthaza, ezama ukubuyisela umva umsinga wobubi nokuthintela amagalelo engqumbo. Nangona abantu abangaboni, nabathanda iziyolo, bengazange bazikhathalele izilumkiso zakhe, waba nabo ubungqina bokwamkelwa nguThixo, waza waqhubeka ngokunyaniseka ukulwa idabi nobubi obuqhubekayo, wada uThixo wamsusa ehlabathini lesono wamsa kuvuyo olunyulu lwezulu.ANa 87.2

    Abantu bahlekisa ngobudenge balowo wayengafuni kuqokelela igolide nesilivere okanye akhe izindlu apha. Yona intliziyo kaEnoki yayiphezu kobutyebi baphakade. Wayekhangele kumzi wasemazulwini. Wayembonile uKumkani esebuqaqawulini baKhe esazulwini seZiyon. Ingqondo yakhe, intliziyo yakhe, ikhaya lakhe, zazisezulwini. Okona bubukhulu ubugwenxa obukhoyo, kokona wayelangazelela ikhaya likaThixo. Esesemhlabeni, wahlala, ngokholo, kwimimandla yokukhanya.ANa 87.3

    “Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.” Mateyu 5:8. Iminyaka engamakhulu amathathu, uEnoki wayefuna ukuba nyulu emphefumlweni, ukuze ahambelane neZulu. Iminyaka engamakhulu amathathu, wayehamba noThixo. Imihla ngemihla wayezondelele umanyano olusondeleyo; unxulumano lwakhula ngakumbi nangakumbi, wada uThixo wamthabathela kuYe. Wema emasangweni elizwe elingunaphakade, lilinye kuphela inyathelo phakathi kwakhe nelizwe labasikelelweyo; athi akuvulwa amasango, uhambo noThixo, ebekukade lusenzeka emhlabeni, lwaqhubeka, wangena kumasango oMzi oNgcwele—owokuqala kubantu ukungena apho.ANa 87.4

    Ukulahleka kwakhe kwavakala emhlabeni. Ilizwi, elaliviwa imihla ngemihla lilumkisa lifundisa, lalahleka. Bakho abanye, kwabalungileyo nabakhohlakeleyo, abakubonayo ukuhamba kwakhe; bathi bethemba ukuba unokuba usiwe kwenye yeendawo zakhe zokuphumla, abo babemthanda bamzingela, njengoko benza njalo, kamva, oonyana babaprofeti ukufuna uEliya; kodwa babuya ze. Banika ingxelo yokuba akakho, kuba uThixo wayemthabathile.ANa 88.1

    Ngokuguqulwa kukaEnoki, uYehova waceba ukufundisa isifundo esibalulekileyo. Yayikho ingozi yokuba abantu bangoyiswa zizityhafiso, ngenxa yeziphumo ezoyikekayo zesono sika-Adam. Abanye babesele belungele ukuba bakhale bathi, “Kunceda ntoni ukuba simoyike uYehova sigcine nezimiso zaKhe, sesimi kuhlanga lonke nje isiqalekiso esinzima, nokufa sele kusisabelo sabo bonke?” Imiyalelo uThixo awayinika uAdam, yaphindwa nguSete, yabonakala kuEnoki, yalugxotha usizi nobumnyama, yabanika ithemba abantu, lokuba, nangona kweza ukufa ngoAdam, ngokukwanjalo, ngoMhlanguli othenjisiweyo, kuya kuza ubomi nokungafi. USathana wayefaka ebantwini inkolo yokuba awukho umvuzo wamalungisa okanye ukohlwaywa kwabakhohlakeleyo, nokuba, abanakho abantu ukuyithobela imimiselo yezulu. Kwimeko kaEnoki, uThixo uthi, “ukho [Yena Thixo], nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.” Hebhere 11:6. Ubonisa loo nto aya kuyenzela abo bayigcinayo imithetho yaKhe. Abantu bafundiswa ukuba, banakho ukuwuthobela umthetho kaThixo; nokuba, nangona bephila phakathi kwaboni nabantu abakhohlakeleyo, banakho, ngobabalo lukaThixo, ukumelana nesilingo, babe nyulu, babe ngcwele. Babona kumzekelo wakhe [uEnoki] ukusikeleleka kobomi obunjalo; nokuguqulwa kwakhe kwaba bubungqina bokunyanisa kwesiprofeto sakhe ngekamva, nomvuzo walo oluvuyo nozuko nobomi bokuthobela obunokungafi, kwelinye icala, ukugwetywa, nenkxwaleko, nokufa komoni.ANa 88.2

    Ngokholo uEnoki waguqulwa “ukuba angaboni kufa; . . . kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholisile kakuhle uThixo.” Hebhere 11:5. Phakathi kwilizwe elibekelwe intshabalalo ngenxa yobugwenxa balo, uEnoki akazange avunyelwe ukuba awe phantsi kwegunya lokufa. Isimilo salo mprofeti sokuhlonelauThixo, simeleumgangathowobungcwele ekufuneka kufikelelwe kuso ngabo baya kuba “bethengiwe emhlabeni” (IsiTyhilelo 14:3) ngexesha lokufika kukaKristu kwesibini. Ngelo xesha, njengoko kwakunjalo phambi kukaNogumbe, ubugwenxa buya kulawula. Ngokulandela ukukhuthaza kweentliziyo zabo ezikhohlakeleyo neemfundiso zolwazi olulahlekisayo, abantu baya kulivukela igunya leZulu. Sekunjalo, njengo-Enoki, abantu bakaThixo baya kufuna ukuhlambuluka kwentliziyo kunye nokuhambelana nentando yaKhe, bade babonakalalise intsobi kaKristu. NjengoEnoki, baya kulilumkisa ihlabathi ngokubuya kukaYehova kwesibini nangemigwebo eya kubakho ngenxa yokreqo, baze bathi ngentetho yabo nomzekelo wabo bazigwebe izono zokungamhloneli uThixo. Njengokuba uEnoki waguqulwa wasiwa ezulwini phambi kokuba kutshatyalaliswe umhlaba ngamanzi, kuya kuba njalo kumalungisa ukuguqulwa asuke emhlabeni phambi kokuba utshatyalaliswe ngomlilo. Uthi umpostile: “Okunene, asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke, ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela.” “Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo,” “liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina.” “Abafele kuKristu bavuke kuqala; sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi. Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi.” 1 Korinte 15:51, 52; 1 Tesalonika 4:16-18.ANa 88.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents