Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    67—Ubugqwirha Bakudala Nobeli Xesha

    Ingxelo yesiBhalo ngotyelelo lukaSawule kumfazi wase-Endore iyintsusa lengxaki kubafundi abaninzi beBhayibhile. Bakho abo bathi uSamuweli wayekho ngokwenene kudliwano-ndlebe noSawule, kodwa iBhayibhile yona inika umhlaba owaneleyo wesigqibo esahlukileyo. Ukuba, ngokutsho kwabanye, uSamuweli wayesezulwini, unokuba wabizwa ukuba abuye apho, mhlawumbi ngamandla kaThixo okanye ngakaSathana. Akakho onokukholwa, nokuba ngumzuzwana, ukuba uSathana wayenawo amandla okubiza umprofeti ongcwele kaThixo ukuba ahloniphe iintshwabulo zomfazi olahliweyo. Asikwazi nokugqiba ukuba uThixo wambizela emqolombeni wegqwirhakazi; kuba uYehova wayesele alile ukuthetha noSawule, ngamaphupha, ngeUrim, okanye ngabaprofeti. 1 Samuweli 28:6. Ezi yayizizixhobo zoqhagamshelano ezinyulwe nguThixo, kwaye akazange azidlule zikho ukuze ahambise isigidimi ngomthunywa kaSathana.ANa 683.1

    Isigidimi sona sibubungqina obaneleyo ngendawo esiphuma kuyo. Injongo yaso yayingekuko ukukhokela uSawule ukuba aguquke, kodwa ukumkhuthaza ukuba aye entshabalalweni; kwaye lo asinguwo umsebenzi kaThixo, kodwa ngokaSathana. Ukudlula apho, isenzo sikaSawule sokubonana noneshologu, sicatshulwa esiBhalweni njengesinye isizathu sokuba aliwe nguThixo ayekelwe entshabalalweni: “Wala uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye, akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.’ 1 IziKronike 10:13, 14. Apha kubekwe ngokucacileyo ukuba uSawule wabuza kumoya weshologu, kungenguwo okaYehova. Akazange athethe noSamuweli, umprofeti kaThixo; kodwa, ngomntu oneshologu, waba nencoko noSathana. USathana wayengenako ukuveza uSamuweli uqobo,kodwa waveza unomgogwana,owayifezayoinjongoyakhe yenkohliso.ANa 683.2

    Phantse zonke iintlobo zobugqwirha nokuthakatha kwakudala zazisekwe phezu kwenkolo yokuthetha nabafileyo. Abo babesenza ubuchule bokuthetha nabafileyo babebanga ukuncokola nemimoya emkileyo, nokuzuza ngayo ulwazi lweziganeko ezizayo. Eli siko lokubuza kwabafileyo, kuthethwe ngalo esiprofetweni sikaIsaya: “Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?” Isaya 8:19.ANa 684.1

    Le nkolo inye yokuthetha nabafileyo yaba lilitye lembombo yonqulo lwezithixo lwabahedeni. Oothixo babahedeni kwakukholelwa ukuba yimimoya yamagorha awafayo eyenziwe oothixo. Ngaloo ndlela inkolo yabahedeni yayikukunqula abafileyo. Le nto iyabonakala eziBhalweni. Kwingxelo yesono sikaIsrayeli eBhete-pehore, kuthiwa: “AmaIsrayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi. Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo. AmaIsrayeli azibandakanya ke noBhahali-pehore.” Numeri 25:1-3. Umdumisi uyasixelela ukuba babenjani aba thixo kwakunikelwa kubo le mibingelelo. Ethetha ngolu kreqo lunye lwamaIsrayeli, uthi, “Bazibandakanya noBhahali-pehore, badla imibingelelo yabafileyo” (Ndumiso 106:28); oko kukuthi, imibingelelo eyayinikelwa kwabafileyo.ANa 684.2

    Ukwenziwa abafileyo oothixo, kwakunendawo ephezulu phantse kwiintlobo zonke zonqulo lobuhedeni, njengoko kunjalo nokucingwa ukuba kukuthetha nabafileyo. Oothixo kwakukholelwa ukuba bayayixela intando yabo ebantwini, naxa bebuziwe, babanike iingcebiso. Zazilolu hlobo iimpendulo zoosiyazi ezidumileyo zeGrike neRoma.ANa 684.3

    Inkolo yokuthetha nabafileyo isekho nangoku, nakumazwe abo bazibiza ngobuKristu. Phantsi kwegama lonqulo lukamoya, isenzo sokuqhagamshelana nabo kuthiwa bangoomoya babo babandulelayo sisasazeka kulo lonke. Kuthiwa ihlangana novelwano lwabo babeke ababathandayo babo engcwabeni. Abantu abangumoya ngamanye amaxesha bayabonakala bekwimo yabahlobo babo abafayo, bachaze iziganeko ezihlangene nobomi babo, benze izenzo ababefudula bezenza besaphila. Ngale ndlela bakhokelela abantu ukuba bakholwe ukuba abahlobobaboabafileyo bazingelosi, eziphaphazela phezukwabo ziqhagamshelana nabo. Abo bathi babe yimimoya yabandulukileyo bahlonitshwa njengohlobo oluthile lonqulo lwezithixo, kuthi kwabaninzi, ilizwi labo libe nokuvakala kakhulu kunelizwi likaThixo.ANa 684.4

    Baninzi, phofu, abaluthabatha unqulo lwemimoya njengonkwalambiso. Izinto ezibonakalayo ekuthi ngazo kuxhaswe amabango alo njengophawu lwezulu, kuye kuthiwe ngamaqhinga kulowo uzenzayo. Nangona phofu kuyinyaniso ukubaiziphumo zobugqi ziye zenziwe zifihlakale zezamkeleke njengezibubo ubungqina bezinto ezibonakala ziyinene, zikho zona ezibonakalayo ezinobungqina bamandla ezulu. Abaninzi abalwalayo unqulo lwemimoya ngelithi sisiphumo sobuchule bomntu okanye ubuqhophololo bengqondo, xa bequbisene nezinto ezibonakalayo abangakwaziyo ukuzichaza ngale ndlela baye bathethe ngayo, banyanzeleka ukuba bawavume amabango alo.ANa 685.1

    Unqulo lwemimoya lwale mihla kunye neentlobo zokuthakatha kwakudala, kwanonqulo lwezithixo, konke okunento yokwenza nokuthetha nabafileyo njengomthetho-siseko obalulekileyo, kusekwe phezu kobuxoki bokuqala bukaSathana awakhohlisa ngabo uEva e-Eden. “Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, . . . nibe njengoThixo.” Genesis 3:4, 5. Okufanayo okusekwe phezu kobuxoki nobuqhubela phambili ubuxoki obufanayo, konke ngokufanayo kuphuma kuyise wobuxoki.ANa 685.2

    AmaHebhere ayalelwe ngokuphandle ukuba angazibandakanyi nangaluphi uhlobo kwinto engathi kukuthetha nabafileyo. UThixo waluvala olu cango ngokusebenzayo xa wayesithi: “Abafileyo abazi lutho. . . . abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.” Intshumayeli 9:5, 6. “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” Ndumiso 146:4. UYehova wathi kuIsrayeli: “Loo mphefumlo uthe wabheka kwabaneshologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamle ungabikho phakathi kwabantu bakowabo.” Levitikus 20:6.ANa 685.3

    “Imimoya yeshologu” yayingeyiyo imimoya yabantu abafileyo, kodwa yayiyeyeengelosi ezikhohlakeleyo, izithunywa zikaSathana. Unqulo lwezithixo lwakudala, njengoko sibonileyo, lwaluquke unqulo lwabafileyo, lusenza ngathi luthetha nabo, luthatyathwa yiBhayibhile ngokuba yayilunqulo lweedemon. Umpostile uPawulos, eyala abazalwana bakhe ekubeni nenxaxheba, nangaluphi uhlobo, ekunquleni kwabamelwane babo abangabahedeni, uthi, “Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needomon nina.” 1 Korinte 10:20. Umdumisi, ethetha ngoIsrayeli, uthi “Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon,” aze kwindima elandelayo achaze ukuba babebabingelela “kwizithixo zakwaKanan.” Ndumiso 106:37, 38. Ekucingeni kwabo ukuba banqula abantu abafileyo, ngokwenene babenqula iidemon.ANa 685.4

    Unqulo lwemimoya, lumi kanye kwisiseko esinye, alunto yimbi ngaphandle kokuba luhlobo olutsha lobugqwirha nonqulo lweedemon uThixo awalusingela phantsi walwalela kwakudala. Kwatshiwo kwangaphambili eziBhalweni ukuthi, “Inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.” 1 Timoti 4:1. UPawulos, kwincwadi yakhe yesibini eya kwabaseTesalonika, walatha ekusebenzeni okukodwa kukaSathana ngenkonzo yemimoya njengesiganeko esiya kwenzeka kanye phambi kokubuya kwesibini kukaKristu. “Ethetha ngokubuya kwesibini kukaKristu, waxela ukuba kuya kuba “kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki.” 2 Tesalonika 2:9, 10. UPetros yena, echaza ingozi eliza kuba kuyo ibandla ngemihla yokugqibela, uthi njengoko babekho abaprofeti bobuxoki abakhokelela uIsrayeli esonweni, kuya kubakho abafundisi ababuxoki, “[a]baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo. . . . Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo.” 2 Petros 2:1, 2. Apha umpostile walatha olunye lweempawu ezibonakalayo zabafundisi bonqulo lomoya. Bayala ukumvuma uKristu njengoNyana kaThixo. Ngokubhekisele kubafundisi abanjalo, uYohane othandiweyo, uthi: “Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uNyana, abanaye noYise.” 1 Yohane 2:22, 23. Unqulo lwemimoya, ngokukhanyela uKristu, lukhanyela uYise noNyana, kwaye iBhayibhile ikubiza oko njengokubonakala komchasi-Kristu.ANa 686.1

    Ngokuxela kwangaphambili kwesiphelo sikaSawule ngomfazi wase-Endore, uSathana wayeceba ukubabambisa abantu bakwaIsrayeli. Wayethembe ukuba babeza kukhuthazeka ukuba balithembe igqwirhakazi, baze bakhokelelwe ekubuzeni kulo. Ngaloo ndlela babeya kusuka kuThixo njengomcebisi wabo baze bazibeke phantsi kolawulo lukaSathana. Umtsalane kunqulo lwemimoya otsala ngalo izihlwele, ngamandlaokwenzangathi akho okususaisigqubuthelo kwikusasa nokutyhilwa ebantwini kokouThixoakufihlileyo. UThixoelizwini laKhe uvule phambi kwethu iziganeko ezikhulu zexesha elizayo — konke ekufunekayo ukuba sikwazi — wasinika inkokelo ekhuselekileyo ezinyaweni zethu phakathi kwazo zonke iintlekele zalo [ixesha elizayo]; kodwa yinjongo kaSathana ukuchitha ukuba umntu amthembe uThixo, ukubenza banganeliseki yimeko yobomi babo, abakhokele ukuba bafune ulwazi athe uThixo ngobulumko baKhe wabugquma kubo, kwanokudelela oko akutyhilileyo eLizwini laKhe eliNgcwele.ANa 686.2

    Baninzi abangonwabiyo kukungazi isiphumo esiqinisekileyo somcimbi. Abakwazi ukunyamezela ukungaqiniseki, baze bathi ekusweleni kwabo umonde, bale ukulinda bade babone usindiso lukaThixo. Ububi ababufumanayo bubaqhubela ekubeni baphantse ukuphazamiseka. Banika ithuba imvakalelo yabo enovukelo, bahle benyuka benentlungu ezingileyo, befuna ulwazi ngento engatyhilwanga. Ukuba bebenokuthemba uThixo, bahlale bethandaza, bebeya kuyifumana intuthuzelo yezulu. Umoya wabo ubuya kuzola ngokuthetha noThixo. Abadiniweyo nabasindwa ngumthwalo bebeya kuyifumanela ukuphumla imiphefumlo yabo ukuba bebenokuya nje kuYesu; kodwa xa bezityeshela iindlela uThixo azimisileyo zentuthuzelo yabo, baze babhenele kwamanye amajelo, bethembe ukufunda oko uThixo akubambileyo, benza impazamo kaSawule, baze ngayo bazuze kuphela ulwazi lwenkohlakalo.ANa 687.1

    UThixo akaneliswa yile ndlela, kwaye ukuthethe oko ngawona mazwi acacileyo. Oku kungxama ngaphandle komonde ukususa isigqubuthelo kwingomso kutyhila ukusweleka kokukholelwa kuThixo kuwushiye umphefumlo uvulekele iingcebiso zomkhohlisi oyintloko. USathana ukhokelela amadoda ukuba abuze kwabo baneshologu; athi ngokutyhila izinto ezifihliweyo ezadlulayo, akhuthaze ukuthenjwa kwamandla akhe okuxela izinto ezizayo. Ngamava awazuzwa kwiinkulungwane ezininzi, uyakwazi ukusibona isiphumo ngokubona isizathu aze akwazi ukuqikelela okuzayo, kwezinye zeziganeko zobomi bomntu, engekho kude kakhulu enyanisweni. Ngaloo ndlela uthi akwazi ukukhohlisa usizi lwemiphefumlo elahlekileyo aze ayizise phantsi kwamandla ache, ayikhokelele ekuthinjweni ngokuthanda kwakhe.ANa 687.2

    UThixo wayenike isilumkiso ngomprofeti waKhe: “Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.” Isaya 8:19, 20.ANa 687.3

    Ingabaabo banoThixoongcwele, ongenasiphelo ebulumkweni nasemandleni, bangaya kwabanobugqi, abalwazi lwabo luvelaekwayamaneni notshaba lukaYehova?UThixongokwaKhe ukukukhanya kwabantu baKhe; ubabiza ukuba bamilisele amehlo abo ngokholo kubuqaqawuli obufihliweyo ukuba bungabonwa ngumntu. ILanga loBulungisa lithumela imitha yalo ezintliziyweni zabo; banokukhanya okuphuma kwitrone yezulu, baye abanalo ulangazelelo lokubuya umva kwithende lokukhanya baye kubathunywa bakaSathana.ANa 688.1

    Isigidimi sedemon kuSawule, naxa sasichasa isono, siprofeta ngembuyekezo, sasingaqonde ukumhlaziya, kodwa ukumtyhuda ukuba aphelelwe lithemba atshabalale. Kuyakholisa, ngamanye amaxesha, ukuyifeza kakhulu injongo yomlingi ukubalobela abantu entshabalalweni ngokukhohlisa kakhulu. Imfundiso yoothixo bedemon ngamaxesha akudala, yayikhuthaza ezona mvume zikhohlakeleyo. Imithetho engcwele egweba isono nenyanzelisa ubulungisa, yayibekwa bucala; inyaniso yayithatyathwa lula, ubunyhukunyhuku bunganeli nje ukuvunyelwa, kodwa buyalelwe [njengomthetho]. “Unqulo lwemimoya luthi akukho kufa, akukho sono, akukho mgwebo, akukho mbuyekezo; nokuba “abantu bangoothixo-mntu abangawanga;” nokuba umnqweno ungowona mthetho omkhulu; nokuba umntu uyinika kwayena ingxelo ngobomi bakhe. Imiqobo awayimisayo uThixo ukuba yaluse inyaniso, ubunyulu, nokuhlonipha iwiswe phantsi, ngenxa yoko abaninzi bamiliselwe esonweni. Ingaba imfundiso enjalo ayithethi into efanayo naleyo yonqulo lweedemon?ANa 688.2

    UYehova wabeka phambi kukaIsrayeli iziphumo zokuthetha nemimoya ekhohlakeleyo, kumasikizi amaKanan: babengenalo uthando lwemveli, abanquli bezithixo, abakrexezi, ababulali, nabathiyekileyo ngayo yonke ingcinga ekhohlakeleyo nokwenza okunezothe. Abantu abazazi kwaiintliziyo ezi zabo; kuba “intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi.” Yeremiya 17:9. Noko ke, uThixo uyaziqonda izinto ekekelele kuzo indalo embi yomntu. Ngelo xesha, njengangoku, uSathana wayelindele ukuzisa iimeko ezilungele uvukelo, ukuze abantu bakaIsrayeli bazenze bacekiseke kuThixo njengoko ayenjalo amaKanan. Umchazi wemiphefumlo uhleli lonke ixesha elungele ukuvula imisele yokubaleka ngaphandle kwesithintelo kobubi ngaphakathi kwethu; kuba ulangazelela ukuba sitshabalale, sigwetywe ngokuba sinetyala phambi kukaThixo.ANa 688.3

    USathana wayezimisele ukuhlala elibambile ilizwe laseKanan, lathi lakwenziwa indawo yokuhlala kwabantwana bakwaIsrayeli, waza umthetho kaThixo wenziwa ukuba ube ngumthetho welizwe, wamthiya uIsrayeli ngentiyo ekhohlakaleyo nenobubi, waceba intshabalalo yabo.ANa 688.4

    Ngoncedo lwemimoya ekhohlakeleyo, oothixo basemzini bangeniswa; kwathi ngenxa yokreqo, abantu abanyuliweyo, ekugqibeleni, basasazwa kulo lonke iLizwe leDinga. Le mbali uSathana uzama ukuyiphinda kule mihla yethu. UThixo ukhokela abantu baKhe ukuba baphume kumanyumnyezi ehlabathi, ukuba bagcine umthetho wakhe; kuthi ngenxa yoku, ingqumbo “[yo]mmangaleli wabazalwana bethu” ingabi namida. “Uhlileweza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” IsiTyhilelo 12:10, 12. Ilizwe elililo, elimelwe yimibingelelo, selikufuphi phambi kwethu, kwaye uSathana uzimisele ukubatshabalalisa abantu bakaThixo nokubanqamla kwilifa labo. Isiyalo esithi, “Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni” (marko 14:38), asizange sadingeka kakhulu kunangoku. Ilizwi likaYehova kuIsrayeli wakudala likwabhekiswa nakubantu baKhe beli xesha; “Musani ukubheka kwabaneshologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo;”“kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.” Levetikus 19:31; Duteronomi 18;12.ANa 689.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents