Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    70—Ulawulo LukaDavide

    [Esi sahluko sisekwe ku-2 Samuweli 5:6-25; 6; 7; 9; 10.]

    Ngako nje ukuba uDavide amiselwe etroneni kaIsrayeli, waqala ukufuna indawo efanelekileyo yokumisa ikomkhulu lobukumkani bakhe. Kumashumi amabini eemayile ukusuka eHebron, yakhethwa indawo eyayiza kuba likomkhulu kwixesha elizayo. Phambi kokuba uYoshuwa akhokelele imikhosi kaIsrayeli ngaphesheya kweYordan, [le ndawo] yayibizwa ngokuthi yiSalem. Kukufuphi kule ndawo apho uAbraham wabonakalisa ukunyaniseka kwakhe kuThixo. Iminyaka engamakhulu asibhozo ngaphambili kokuthweswa kukaDavide yaye ilikhaya likaMelkitsedeki, umbingeleli woThixo Osenyangweni. Yayisembindini, ikwindawo ephakamileyo, elizweni, ikwakhuselwe ziintaba. Njengoko yayisemdeni ophakathi kwakwaBhenjamin noYuda, yayikufuphi kwaEfrayim, kulula ukufikelelwa zezinye izizwe.ANa 703.1

    Ukuze ibe nokufunyanwa le ndawo, kwakufuneka ukuba amaHebhere ahluthe intsalela yamaKanan, awaye kwindawo enqatyisiweyo kwintaba zeZiyon neMoriya. Lo mzi unqabileyo wawubizwa ngokuthi yiYebhusi, abemi bayo besaziwa ngokuba ngamaYebhus. Kwakuziinkulungwane iYebhusi ibonwa njengendawo engenakungenwa; kodwa yangqingwa yathatyathwa ngamaHebhere phantsi komphathi uYowabhi, owathi, njengomvuzo wobugorha bakhe, wenziwa umphathi oyintloko wemikhosi kaIsrayeli. IYebhusi yaba likomkhulu lesizwe, laza igama layo lobuhedeni laguqulwa layiYerusalem.ANa 703.2

    UHiram, isityebi sokumkani waseTire, kulwandle iMeditera wafuna ukwenza ubuhlobo nokumkani kaIsrayeli, wamnika uncedo kumsebenzi wokwakha ibhotwe eYerusalem. Oonozakuzaku bathunyelwa bevela eTire, bekhatshwa ngabantu abazobayo nabasebenzi kunye nodederhu olwaluthwele imithi yexabiso, imisedare, nezinye iimpahla zexabiso.ANa 704.1

    Amandla kaIsrayeli awayekhula ngokumanyana kwawo [amaIsrayeli] phantsi kukaDavide, ukufunyanwa komzi onqabileyo iYebhusi, nokusebenza kunye noHiram, ukumkani waseTire, konke kwavuselela inkohlakalo yamaFilisti, azaaphindaalingenelailizwengomkhosiANa 704.2

    onamandla, aza ema kwintlambo iRefayim, kufutshane neYerusalem. UDavide namadoda akhe okulwa wabuyela enqabeni eZiyon, ukuba alindele khona inkokelo yezulu. “Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyuke na, ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.”ANa 704.3

    UDavide waluhlasela kwangoko utshaba, waloyisa walutshabalalisa, wabathabatha kubo oothixo ababeze nabo ukuze baqinisekise luloyiso lwabo. Athi ngokucatshukiswa kukuthotywa kukoyiswa kwawo, amaFilisti aqokelela umkhosi ongaphezulu, abuyela emfazweni. Aphinda “athi dwe entilini yamaRafa.” Waphinda uDavide wabuza kuYehova waza uNdinguYe omkhulu wanika inkokelo kwimikhosi kaIsrayeli.ANa 704.4

    UThixo wamyalela uDavide, wathi, “Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka. Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba woba uphumile phambi kwakho uYehova ngela xesha ukuba ayixabele impi yamaFilisti.” Ukuba uDavide, njengoSawule, wayezinyulele eyakhe indlela, impumelelo ngewayengazange wanayo. Wasuka yena wenza njengoko uYehova wayemyalele, “bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere. Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.” 1 IziKronike 14:16, 17.ANa 704.5

    Ngoku, njengoko uDavide wayemiselwe ngokuqinileyo etroneni, ekhululekile kuhlaselo lweentshaba zasemzini, wakhangela ekuphumeleliseni injongo awayekade enayo, ukubuyisela ityeya kaThixo eYerusalem. Kwakuyiminyaka emininzi ityeya ihleli eKiriyati-yeharim, ekwiimayile ezisithoba ukuba kude; kwaye kwakukuhle ukuba isixeko esiyintloko sesizwe sinikwe imbeko yomqondiso woBukho bezulu.ANa 704.6

    UDavide wabiza amawaka angamashumi amathathu amadoda azinkokeli kwaIsrayeli, kuba yayiyinjongo yakhe ukuba asenze esi siganeko sibe ngumbono wovuyo nembonakalo ephongomeleyo. Abantu basabela ngovuyo bakubizwa. Umbingeleli omkhulu, nabazalwana bakhe kwisikhundla esingcwele namadoda amakhulu kunye naziinkokeli kwizizwe, ahlangana eKiriyati-yeharim. UDavide wayezaliswe luvuyo lwenzondelelo engcwele. Ityeya yakhutshwa endlwini ka-Abhinadabi yabekwa enqweleni entsha eyayitsalwa ziinkabi, ngeli xesha oonyana ababini baka-Abhinadabi beyijongile. Abantu bakwaIsrayeli balandela benemikhwazo yolonwabo neengoma zovuyo, isihlwele samazwi sihlangene kuncuthu lomculo wesandi sezixhobo zomculo; uDavide nendlu yonke kaIsrayeli baqamba phambi koYehova . . . neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.” Kwakuse kulithuba elide uIsrayeli wagqibela ukubona umbono onjalo woloyiso. Ngovuyo olunendili, umqokozo omkhulu wabantu wayijikelisa indlela yawo ngasezindulini nasezintilini ukusinga kuMzi oNgcwele.ANa 704.7

    Kunjalo, “bafika esandeni sikaNakon; wesa isandla sakhe u-Uza etyeyeni kaThixo, wayibamba; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa. Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.” Kwabakho ngokukhawuleza unkwantyo olukhulu kwisihlwele esivuyayo. UDavide wakhwankqiswa wazaliswa lixhala kakhulu, kwathi, entliziyweni yakhe wabuthandabuza ubulungisa bukaThixo. Wayesoloko ezama ukuyihlonipha ityeya njengomfuziselo wobukho obungcwele. Kungani, ke ngoko, ukuba kuthunyelwe isibetho esoyikeka kangako eside sijike ithuba lovuyo libe lithuba lentlungu nokukhala? Ebona ngathi akuyi kukhuseleka ukuba abe nayo kufuphi kuye, UDavide wazimisela ukuyiyeka ibe lapho yayikho kakade. Yafunyanelwa indawo kufuphi, endlwini kaObhedi-edom umGiti.ANa 705.1

    Isiphelo sikaUza yayisisigwebo sezulu ngokwaphulwa komyalelo owawucace gca. NgoMoses, uYehova wayenike umyalelo ngendlela yokuthwalwa kwetyeya. Kwakungekho wumbi, ngaphandle kwababingeleli, inzala ka-Aron, ekwakufuneka iyichukumise, okanye ayijonge xa ingagqunywanga. Umyalelo ongcwele wawusithi, “Boza kuthwala oonyana bakaKehati; bangayichukumisi ingcwele, hleze bafe.” Numeri 4:15. Ababingeleli kwakufuneka bayigqume ityeya, aze amaKehati ayifunqule ngemivalo, eyayifakwe emakhonkcweni awayekwicala ngalinye letyeya nezazingamelwe ukuze zisuswe. KumaGeshon namaMerari, ababejongene nemidiyadiya kunye namaplanga, neentsika zomnquba, uMoses wanikezela ngeenqwelwana kunye neenkabi zokuthwala kuhanjiswe konke okwakunikelwe kubo. Ke oonyana bakaKehati akabanikanga nto, ngokuba umsebenzi wengcwele obuphezu kwabo bebewuthwala ngegxalaba bona.” Numeri 7:9. Ngoko ke, ekubuyisweni kwetyeya eKiriyati-yeharim kwabakho ukutyeshelwa okuphandle nokungenako ukuxoleleka kwemiyalelo kaYehova.ANa 705.2

    UDavide nabantu bakhe babehlangene ukuba benze umsebenzi ongcwele, baza bawenzangovuyonangeentliziyoezinentumekelelo; kodwa uYehova akazange awamkele loo msebenzi, kuba awuzange wenziwe ngokwemiyalelo yaKhe. AmaFilisti awayengazaniANa 706.1

    nomthetho kaThixo, ayeyibeke ityeya kwinqwelo encinane ukuyibuyisela kwawo kuIsrayeli, waza uYehova wawamkela umzamo awawenzayo. UIsrayeli yena ezandleni zakhe wayenomyalelo ocacileyo wentando kaThixo kuyo yonke le micimbi, kwaza ukutyeshela kwabo le miyalelo kwaba kukungamzukisi uThixo. Phezu kukaUza kwabakho ityala elikhulu lobuganga. Ukugqitha umthetho kaThixo kwayicutha ingqondo yobungcwele bawo, waza wathi enezono ezingazange zivunywe phezu kwakhe, ngokuchasene nokukhalima kwezulu, wanobuganga bokuchumisa umqondiso wobukho bukaThixo. UThixo akakwamkeli ukuthotyelwa nganxanye, nokuphathwa kwemithetho yaKhe ngokungakhathali. Ngokohlwaya u-Uza, wayesenzela ukubonisa wonke uIsrayeli ukubaluleka kokunika ingqwalasela eqinileyo koko akufunayo [uThixo]. Ngoko ke, ukufa kwaloo mntu mnye, ngokukhokelela abantu enguqukweni, kwaba nako ukuthintela ukuthululwa okwakufuneka kwezibetho phezu kwamawaka [abantu].ANa 706.2

    Eziva intliziyo yakhe ingemanga kakuhle ngokupheleleyo noThixo, uDavide, ebona ukubethwa kukaUza, wayoyika ityeya, hleze isono esithile ngakwicala lakhe singazisa izigwebo kuye. Noko kunjalo, uObhedi-edom, nangona wayevuya engcangcazela, wawamkela umfuziselo wesibhambathiso sothando lukaThixo kwabathobelayo. Ingqondo kaIsrayeli yonke ngoku yakhangeliswa kumGati nendlu yakhe; bonke balindela ukubona ukuba kuya kuba njani kubo. “UYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.”ANa 706.3

    KuDavide, ukuthethisa kwezulu kwakuwugqibile umsebenzi wako. Wakhokelelwa ukuba abuqonde ngaphezu kokuba wakha wabuqonda ngaphambili ubungcwele bomthetho kaThixo nokunyanzeleka kokuba uthotyelwe ngqongqo. Uthando awalubonisa indlu kaObhedi-edom lwamkhokelela uDavide ekubeni athembe ukuba ityeta iya kuzisa intsikelelo kuye nakubantu bakhe.ANa 706.4

    Ekupheleni kweenyanga ezintathu, wagqiba ukuba enze omnye umzamo wokuyisusa ityeya, waza ngoku wakugqala ukuthobela bonke ubuceducedu bemiyalelo kaYehova. Aphinda abizwa amadoda amakhulu esizwe, kwabizwa kwakhona intlanganiso enkulu kakhulu kwikhaya lomGati. Ngononophelo olunentlonipho, ityeya ngoku yabekwa phezu kwamagxa amadoda awayenyulwe lizulu, isihlwele sema ngendlela, kwathi, ngeentliziyo ezingcangcazelayo loo mngcelele mkhulu wahamba kwakhona. Emva kokuhamba amanyathelo amathandathu, ixilongo lathi makumiwe. Ngomyalelo kaDavide, kwanikelwa imibingelelo “[yee]nkomo namathole atyetyisiweyo” [KJV]. Uvuyo ngoku lwathabatha indawo yokungcangcazelanokoyika. Ukumkaniwayeyibeke bucala ingubo yakhe yobukhosi, wanxiba iefodi empuluswa yelinen, efana naleyo yayinxitywa ngababingeleli. Wayengabonisi ngesi senzo ukuba wayeqala umsebenzi wobubingeleli, kuba iefodi yayinxitywa nangabanye abangengabo ababingeleli. Kule nkonzo ingcwele, wayeza kuthabatha indawo yakhe, phambi kukaThixo, ngokulinganayo nabantu abalawulayo. Ngaloo mini, uYehova wayeza kudunyiswa. Wayeza kuba kuphela kwaKhe oza kunikwa imbeko.ANa 706.5

    Kwakhona, umngcelele omde wathi chu, waye umculo wohadi nesigodlo, nexilongo, necangci, untinga ukusinga ezulwini, uhlangene noncuthu lwamazwi amaninzi. “Waye uDavide esina ngamandla onke phambi koYehova,” ekuvuyeni kwakhe, ehamba ngexesha ngokwesingqi somculo.ANa 707.1

    Ukungqungqa kukaDavide ngovuyo olunentlonipho phambi kukaThixo kusetyenziswa ngabathandi beziyolo xa bezithethelela ngomngqungqo okhoyo wale mihla, kodwa akukho ndawo yengxoxo enjalo. Kule mihla yethu, ukudanisa kuhlangana nolonwabo lwasezinzulwini zobusuku. Impilo nokuziphatha zibingelelwa eziyolweni. Kubahambi bemidaniso, uThixo akangowokucingwa nokuhlonitshwa; umthandazo okanye ingoma yokudumisa azingeni ndawo kwimihlangano yabo. Olu vavanyo luyahlula. Iziyolo ezikholisa ukukutheza amandla ukuthanda izinto ezingcwele kulunciphise uvuyo lwethu xa sisenkonzweni kaThixo, zizinto ezingamelwe kukufunwa ngamaKristu. Umculo nokudanisa kudunyiswa uThixo ngovuyo xa kwakususwa ityeya kwakungafani nakancinane nenkcitho yomdaniso wale mihla. Omnye wawukhokelela ekukhumbuleni uThixo nokuliphakamisa igama laKhe elingcwele. Omnye licebo likaSathana lokubenza abantu bamlibale uThixo bangamzukisi.ANa 707.2

    Umngcelele woloyiso wafika kwikomkhulu, ulandela umfuziselo woKumkani wabo ongabonwayo. Emva koko kwabakho ingoma enkulu eyayiyalela abalindi phezu kweendonga ukuba amasango oMzi oNgcwele avulwe:ANa 707.3

    “Phakamisani iintloko zenu, masango;
    Niziphakamise, minyango yaphakade,
    Angene uKumkani wozuko.”

    ANa 707.4

    Iqela leemvumi nabadlali laphendula:ANa 707.5

    “Ngubani na ke yena uKumkani wozuko?”

    Kwelinye iqela kwaphuma impendulo:ANa 707.6

    “NguYehova onamandla, oligorha;
    “NguYehova, igorha emfazweni.”
    ANa 707.7

    Aza amakhulu amazwi, ehlangene, anyusa ingoma yoloyiso:ANa 708.1

    “Phakamisani iintloko zenu, masango,
    Niziphakamise, minyango yaphakade,
    Angene lo Kumkani wozuko.

    Kwakhona umbuzo ozele luvuyo wavakala,
    “Ngubani lo kumkani wozuko?”
    ANa 708.2

    Ilizwi lesihlwele esikhulu, lifana “nesandi samanzi amaninzi,” lavakala kwimpendulo edandulukayo:ANa 708.3

    “NguYehova wemikhosi.”
    Nguye lo Kumkani wozuko.”
    ANa 708.4

    Ndumiso 24:7-10.

    Aya avulwa genge amasango, umngcelele wangena, yaza, ngesidima esinentlonipho, ityeya yabekwa kwintente eyayilungiselwe ukwamkelwa kwayo. Phambi kwale ndawo ingcwele, kwakumiswe izibingelelo zeminikelo; umsi wombingelelo woxolo namadini anyukayo, nemisi yesiqhumiso, kunye neendumiso nezicengo zikaIsrayeli, zanyuka ukuya ezulwini. Yakuphela inkonzo, ukumkani ngokwakhe wabasikelela abantu bakhe. Emva koko, kwintabalala yasebukhosini, wenza izipho zokutya newayini ukuba kunikwe abantu ukuba batye.ANa 708.5

    Zonke iintlanga zazimelwe kule nkonzo, ukuvuyisana nesona siganeko singcwele esiye saphawula ukulawula kukaDavide. UMoya wempefumlelo engcwele, wahlala phezu kukakumkani, kwathi ngoku, xa imitha yokugqibela yokutshona kwelanga igubungele umnquba ngokukhanya okungcwalisiweyo, intliziyo yakhe yaphakanyiswa ngombulelo kuThixo kuba umfuziselo osikelelekileyo wobukho baKhe ngoku wawukufuphi kwitrone kaIsrayeli.ANa 708.6

    Esacamngca ngolo hlobo, uDavide wabuyela kwibhotwe lakhe, “eza kusikelela indlu yakhe.” Wayekho owawubukelayo umbono wovuyo, kodwa ngomoya owahluke kakhulu kulowo wawuqhuba intliziyo kaDavide. “Kwathi, yakufika ityeya kaYehova emzini kaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wavela ngefestile, wambona ukumkani uDavide exhuma esina phambi koYehova, wamcekisa entliziyweni yakhe.” Kwathi, ngenxa yobukrakra bobushushu [bomsindo] wakhe akakwazi nokumlinda uDavide ukuba abuyele ebhotwe, kodwa waphuma ukuba amhlangabeze, wathi, kumbuliso wakhe ngobubele, kwaphokoka imvula yamazwi arhabaxa. Yaba bukhali, ixabela impoxo yentetho yakhe: “Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaIsrayeli namhla, ozihlubileyo namhla phambi kwabakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko azihlubayo umntu ongenabuntu!”ANa 708.7

    UDavide waba nemvakalelo yokuba ngumsebenzi kaThixo lo uMikali awucekisayo nangawuzukisiyo, waza wamphendula kalukhuni: “Kube kusebusweni bukaYehova, owandinyulayo phambi koyihlo, naphambi kwendlu yakhe yonke, ukuba andimise ndibe yinganga yabantu bakaYehova, amaIsrayeli; bekusebusweni bukaYehova ukuqamba kwam; ndisaya kudeleka kunoko, ndithobeke emehlweni am; ke abakhonzazana othethe ngabo, ndisaya kuzukiswa ngabo.” Ekukhalimeni kukaDavide, kongezwa nokukaYehova: kuba ngenxa yekratshi lakhe nokuziphakamisa kwakhe, uMikali “akabanga namntwana kwada kwangumhla wokufa kwakhe.”ANa 711.1

    Iinkonzo ezizukileyo ezazihamba nokususwa kwetyeya zazenze umbono ongacimiyo kubantu bakwaIsrayeli, zivusa umdla omkhulu kwinkonzo yasengcweleni, ziphembe ukutshiseka kwabo ngoYehova. UDavide wabanako, ngazo zonke iindlela emandleni akhe, ukuyizinzisa le mibono. Inkonzo yomculo yenziwa ukuba ibe yinxalenye ethe rhoqo kunqulo lwenkolo, waye uDavide eziqamba iindumiso, kungekuphela ezokusetyenziswa ngababingeleli kumsebenzi wasengcweleni, kodwa nasekuvunyweni ngabantu kwiihambo zabo eziya kwisibingelelo sesizwe ngezidlo zomnyaka. Impembelelo ethe yabakho ngolo hlobo, yayihamba indawo ende, ibe nesiphumo sokukhululeka kwesizwe kunqulo lwezithixo. Abaninzi kubantu abangqongileyo, ngokubona impumelelo kaIsrayeli, bakwazi ukucinga kakuhle ngoThixo kaIsrayeli, owabenzela izinto ezinkulu kangako abantu baKhe.ANa 711.2

    Umnquba owawakhiwe nguMoses, nako konke okwakusetyenziswa engcweleni, ngaphandle kwetyeya, kwakusekho eGibheha. Yayiyinjongo kaDavide ukuyenza iYerusalem ukuba ibe liziko lenkolo yesizwe. Wayezakhele ibhotwe waza wabona ngathi kwakungafanelekanga ukuba ityeya kaThixo ihlale ententeni. Wazimisela ukuyakhela itempile entle kakhulu ngendlela eya kubonisa umbulelo kaIsrayeli ngembeko ayinike isizwe ngobukho obuhleliyo bukaYehova ukumkani wabo. Wathi akuyixela injongo yakhe kumprofeti uNathan, wafumana impendulo eyinkuthazo, “Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe.”ANa 711.3

    Kwathi kanye ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, limnika isigidimi esiya kukumkani. Kwafuneka uDavide ehluthwe ilungelo lokwakhela uThixo indlu, kodwa wanikwa ingqiniseko yothando lwezulu, inzalayakhe, nobukumkani bukaIsrayeli: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndakuthabatha mna edlelweni, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaIsrayeli; ndaba nawe kuko konke owahamba kuko, ndazinqumla zonke iintshaba zakho phambi kwakho, ndakwenzela igama elikhulu, njengegama labakhulu abasehlabathini; ndabamisela indawo abantu bam amaIsrayeli, ndabatyala ukuba bahlale esikhundleni sabo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babacinezele njengasekuqaleni.”ANa 712.1

    Njengoko uDavide wayelangazelela ukwakhela uThixo indlu, kwanikwa isithembiso. “UYehova uyakuxelela ukuba uYehova uya kwenzelwa indlu. . . . Ndoyiphakamisa emva kwakho imbewu yakho. . . . Nguye oya kulakhela igama lam indlu, ndiyiqinise itrone yobukumkani bakhe, kude kuse ephakadeni.”ANa 712.2

    Isizathu sokuba uDavide angabi nakuyakha itempile saxelwa: “Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kuyakhela ndlu igama lam. . . . Yabona, uya kuzalelwa unyana; yena uya kuba yindoda yoxolo; ndiya kumphumza ezintshabeni zakhe zonke ngeenxa zonke. Ngokuba liya kuba nguSolomon igama lakhe, ndiwanike uxolo nokuzola amaIsrayeli ngeemini zakhe. Nguye oya kulakhela igama lam indlu.” 1 IziKronike 22:8-10.ANa 712.3

    Nangona injongo awayenayo entliziyweni yaliwayo, uDavide wasamkela isigidimi ngombulelo. “Ndingubani na, Nkosi yam Yehova?” wadanduluka, “Iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha? Kusekuncinane oko ke emehlweni akho, Nkosi yam Yehova; uthetha ngoku nangendlu yomkhonzi wakho, usingise mgama;” waza emva koko wawuhlaziya umnqophiso noThixo.ANa 712.4

    UDavide wayesazi ukuba kuya kuliphakamisa igama lakhe kuzise nodumo kulawulo lwakhe ukuwenza umsebenzi abe esoloko ewulangazelela entliziyweni yakhe, kodwa wayekulungele ukuyekela intando yakhe kwintando kaThixo. Ukuziyekela ngombulelo awakubonakalalisayo kunqabile, naphakathi kwamaKristu. Kukangaphi abo badlulileyo kumandla obudoda abaye babambelele kwithemba lokuba bangaze benze umsebenzi omkhulu othe tyaba ezintliziyweni zabo; kodwa abangafanelekanga ukuba bawenze! Ukubonelela kukaThixo kungathetha nabo, njengoko umprofeti waKhe wenza kuDavide, emxelela ukuba umsebenzi alangazelela kakhulu ukuwenza awunikelwanga kuye. Okwabo kukulungiselela ukuba abanye bakwazi ukuwufeza. Endaweni yokuzinikelakwinkokeloengcwele, abaninzi bahlehla besithi baphoxiwe kwaye baliwe, beziva ngokungathi ukuba abenzanga into abafuna ukuyenza, abasayi kwenza nto. Abaninzi babambelela ngamandla angafuni kuncama kwimisebenzi abangakwaziyo ukuyithwala, baze bathi ngelize bazame ukuyifeza imisebenzi abangenaso isakhono sayo, lo gama oko banakho ukukwenza kuhleli kungakhathalelwanga. Kuthi ngenxa yale ntswelo yokusebenzisana kwabo, umsebenzi omkhulu uphazamiseke okanye ungenziwa.ANa 712.5

    UDavide, kumnqophiso wakhe noYonatan, wathembisa ukuba xa athe wafumana ukuphumla kwiintshaba zakhe, uya kubonisa inceba indlu kaSawule. Kwimpumelelo yakhe, esawukhumbula lo mnqophiso, ukumkani wabuza, “Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?” Waxelelwa ngonyana kaYonatan, uMefibhoshethe, owalimala kwasebuntwaneni. Ngexesha lokoyiswa kukaSawule ngamaFilisti eYizereli, umgcini walo mntwana, ezama ukubaleka naye, wamwisa, nto leyo eyamlimaza ubomi bakhe bonke. UDavide wambiza umfana ukuba aze kwibhotwe lakhe wamamkela ngobubele obukhulu. Iimpahla zabucala zikaSawule zabuyiselwa kuye ukuba zixhase indlu yakhe; kodwa unyana kaYonatan yena wayeza kuhlala elundwendwe lukakumkani njalo, ahlale yonke imihla etafileni kakumkani. Ngenxa yeengxelo ezaziphuma kwiintshaba zikaDavide, uMefibhoshete wenziwa ukuba angamginyi kakuhle njengomntu ohluthe igunya [lokulawula]; kodwa ukwamkelwa kwakhe ngobubele nembeko ngukumkani nokuqhubeka kobubele bukakumkani kwayizuza intliziyo yomfana; waza wamthanda kakhulu uDavide, wathi, njengoyise uYonatan, waziva ukuba, unenjongo enye nekakumkani onyulwe nguThixo.ANa 713.1

    Emva kokumiselwa kukaDavide etroneni yakwaIsrayeli, isizwe sonwabela ixesha elide loxolo. Izizwe ezibangqongileyo, ngokubona amandla nobunye bobukumkani, zacinga ngokukhawuleza ukuba bubulumko ukuyeka ubutshaba obusekuhleni; waza wathi uDavide, exakeke luqulunqo nokwakha ubukumkani bakhe, wayiyeka imfazwe ehlaselayo. Ekugqibeleni, kodwa, walwa neentshaba zikaIsrayeli ezindala, amaFilisti, namaMowabhi, waphumelela ukuzoyisa zombini nokuzenza ukuba zibe ngabarhafi [kuIsrayeli].ANa 713.2

    Emva koko, kwabakho umanyano olukhulu, lokuchasa ubukumkani bukaDavide, lwezizwe ezingqonge uIsrayeli, olwaba nomphumela wokubakho kwezona mfazwe zinkuku noloyiso olukhulu lolawulo lwakhe, nokona kongezeka kukhulu kwamandla akhe. Olu manyano lukhohlakeleyo,olwabakhongenxayomona ngenxa yokukhula kwamandla kaDavide, ngokupheleleyo, lwalungaphenjelelwanga nguye. Iimeko ezakhokelela ekunyukeni kwakhe yayizezi:ANa 713.3

    Iindaba zazifikele eYerusalem zivakalisa ngokufa kukaNahashe, ukumkani wama-Amon, ukumkani owabonisa ububele kuDavide ngexesha wayeyimbacu ebaleka ingqumbo kaSawule. Ngoku, ngokulangazelela ukubonisa umbulelo wothando olwabonakaliswa kuye ngexesha loxinzelelo, uDavide wathumela oonozakuzaku nesigidimi sovelwano kuHanun, unyana nomlandeli kakumkani wama-Amon. “Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun, unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzelayo inceba.”ANa 714.1

    Eyona nto esi senzo sembeko sabonwa ngenye indlela. Ama-Amoni ayemthiyile uThixo oyinyaniso aza azintshaba ezinkulu zikaIsrayeli. Ububele obabubonakala ngathi bubobukaNahashe kuDavide, babuphenjelelwa ngokupheleleyo bubutshaba ngakuSawule njengokumkani kaIsrayeli. Isigidimi sikaDavide sabekwa gwenxa ngamaphakathi kaHanun. “Bathi . . . kuHanun inkosi yabo, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? UDavide akabathumele na abakhonzi bakhe kuwe ukuze awugocagoce umzi, awuhlole, awubhukuqe?” Kwakungecebiso lamaphakathi akhe ukuze uNahashe, kwisiqingatha senkulungwane ngaphambili, anyanzeleke ukuba abekele abantu baseYabheshe-giliyadi umqathango okhohlakeleyo, bakuba, bethe, ekungqingweni kwabo, bacela umnqophiso woxolo. UNahashe wayefune ilungelo lokunyothula kubo bonke amehlo angasekunene. Ama-Amon ayesayikhumbula kakuhle indlela ukumkani kaIsrayeli awaliphanzisa ngayo iqhinga labo elikhohlakeleyo, wabahlangula abantu ababeza kubahlazisa babalimaze. Kwaloo ntiyo ngakuIsrayeli, yabakhuthaza. Babengakwazi ukuwuqonda umoya wobubele owaphembelela isigidimi sikaDavide. Xa uSathana elawula iingqondo zabantu, uvusa umona norhano oluye lujike nezona njongo zilunge kakhulu. Ngokuphulaphula kumaphakathi akhe, uHanun wabathabatha abathunywa bakaDavide njengeentlola, wabafumba ngokubagxeka nokubathuka.ANa 714.2

    Ama-Amon avunyelwa ukuba azenze iinjongo ezikhohlakeleyo zeentliziyo zawo ngaphandle kwesithintelo, ukuze esona similo sawo sityhileke kuDavide. Yayingeyiyo intando kaThixo ukuba uIsrayeli angene kwisivumelwano nabantu abangabahedeni abanenkohliso.ANa 714.3

    Ngamaxesha akudala, njengangoku, isikhundla somthunywa sasithatyathwa ngcwele. Umthetho wezizwe zehlabathi jikelele wawuqinisekisa inkuseleko kubundlobongela okanye kugculelo oluza kuye. Umthunywa omi njengommeli wobukhosi bakhe, konkeukungabi nantlonipho okubhekiswa kuye, kwakukhweba impindezelo ekhawulezileyo. Ama-Amon, ngokwazi ukuba isigculelo esenziwe kuIsrayeli, ngokuqinisekileyo siya kuphindezelwa, alungiselela imfazwe. “Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram ephakathi kweMilambo, nakwa-Aram-hahaka, naseTsobha, iwaka leetalente zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahashe. Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, . . . Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.” 1 IziKronike 19:6, 7.ANa 714.4

    Ngokwenene yayilumanyano oluliqilima. Abemi besithili esiphakathi komlambo umEfrata nolwandle iMeditera benza isivumelwano nama-Amon. Umntla nempuma yeKanan, wangqingwa yimikhosi exhobileyo, ihlangene kunye ukuba itshabalalise ubukumkani bakwaIsrayeli.ANa 715.1

    AmaHebhere awazange akulindele ukuhlaselwa kwelizwe lawo. Imikhosi yawo, phantsi kukaYowabhi, yawela iYordan yahamba yasinga kwikomkhulu lama-Amon. Njengokuba umphathi wamaHebhere wayekhokela umkhosi ukuya edabini, wazama ukuwakhuthazela idabi, esithi, “Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowenu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova uya kwenza oko kulungileyo emehlweni akhe.” 1 IziKronike 19:13. Imikhosi emanyeneyo yayingekakulungeli ukuliyeka idabi, yaza yaphinda yayihlaziya imfazwe kumnyaka olandelayo. Ukumkani waseSiriya waqokelela imikhosi yakhe, emoyikisa uIsrayeli ngomkhosi omkhulu. UDavide, ngokuqonda ukuba kungakanani okuxhomekeke kolu ngquzulwano, waya ngokwakhe edabini, wathi, ngentsikelelo kaThixo, wayibetha imikhosi ehlangeneyo watsho ngoloyiso olwalulubi kangangokuba amaSiriya, ukusuka eLebhanon kuse e-Efrata, awanela kuphela ukuyiyeka imfazwe, kodwa babangabarhafi kuIsrayeli. Ngakuma-Amon, uDavide wayityhala imfazwe ngamandla, zada zawa iinqaba zawo saza sonke isithili saphantsi kolawulo lukaIsrayeli.ANa 715.2

    Iingozi ezazithembisa isizwe ngentshabalalo epheleleyo, ngenxa kaThixo, zabonakala zizizixhobo kanye esathi ngazo isizwe sanyukela kubukhulu obungenakufaniswa nobakha bakho. Ekukhumbuleni ukuhlangulwa kwakhe okumangalisayo, uDavide uyavuma:ANa 715.3

    “UYehova uhleli; lelokubongwa iliwa lam,
    Aphakanyiswe uThixo ondisindisayo.
    UloThixo wandinika impindezelo.
    Uzikhandaniselayo izizwe phantsi kwam;

    Undisiza ezintshabeni zam;
    Ewe, wena undiphakamisayo kwabasukela
    phezulu kum,
    Undihlangule kumfo ogonyamelayo.
    Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe,
    Yehova phakathi kweentlanga,
    Ndivume kwigama lakho.
    Ulokhulisa iintsindiso zokumkani wakhe;
    Wenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,
    KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.”
    ANa 716.1

    Ndumiso 18:46-50.

    Kuzo zonke iingoma zikaDavide yayibethelelwa ezingqondweni zabantu into yokuba uYehova wayengamandla abo nomhlanguli wabo:ANa 716.2

    “Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;
    Igorha alihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
    Liyaxoka ihashe ukuba lingasindisa.
    Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.”
    ANa 716.3

    Ndumiso 33:16, 17.

    “Wena unguKumkani wam, Thixo;
    Yitsho lubekho usindiso kuYakobi.
    Ngawe sobangqula abasibandezelayo;
    Egameni lakho sobagqusha abasukela
    phezulu kuthi.
    Ngokuba andikholose ngasaphetha sam;
    Andisindiswa ngakrele lam.
    Hayi! Nguwe osisindisayo
    kwabasibandezelayo.
    Ubadanise abasithiyileyo.”
    ANa 716.4

    Ndumiso 44:4-7.

    “Abanye bakhankanya iinqwelo zokulwa,
    Abanye bakhankanye amahashe,
    Ke thina sikhankanya igama likaYehova
    uThixo wethu.”
    ANa 716.5

    Ndumiso 20:7.

    Ubukumkani bukaIsrayeli ngoku babufikelele ngobubanzi ekuzalisekeni kwesithembiso esasenziwe kuAbraham, saza emva koko saphindwa kuMoses: Imbewu yakho ndiyinike eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni ongumEfrata.” Genesis 15:18. UIsrayeli waba sisizwe esinamandla, esihlonitshwayo nesoyikwayo ngabantu abamgqongileyo. Kummandla awulawulayo uDavide, amandla akhe aba makhulu kakhulu. Watsalela kuye, ngendlela ambalwa kakhulu amagunya akha atsala ngayo nakwesiphi isizukulwana, ukuthanda nokuthotyelwa ngabantu bakhe. Wamzukisa uThixo, kwaye ngoku uThixo wayezukisa yena.ANa 716.6

    Sekunjalo, phakathi kwimpumelelo kwakubuthume ingozi. Ngexesha lolona loyiso lwangaphandle lukhulu, uDavide wayekweyona ngozi inkulu, waza waqubisana nokona koyiswa kwamhlazisayo.ANa 716.7

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents