Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    73—Iminyaka Yokugqibela KaDavide

    [Esi sahluko sisekwe ku-2 Samuweli 24; 1 Kumkani 1; 1 Zikronike 21; 28; 29.]

    Ukubhukuqwa kuka-Abhisalom akuzange kuluzise kwangoko uxolo ebukumkanini. Yayiliqela elikhulu esizweni elangenela uvukelo, kangangokuba uDavide akazange akwazi ukubuyela kundlunkulu aqale ukusebenzisa amandla akhe ngaphandle kokuba acelwe zizizwe. Kwimbudembude eyalandela ukoyiswa kuka-Abhisalom akuzange kubekho ukumbiza kwangoko nangokucacileyo ukumkani, kwathi naxa ekugqibeleni uYuda egqibe ukuba ambuyise ukumkani uDavide, kwavuka umona kwezinye izizwe, kwaza kwalandela uvukelo lokuchasa eso sigqibo. Noko ke, olu vukelo lwapheliswa ngokukhawuleza, lwaza lwabuya lwakho uxolo kwaIsrayeli.ANa 746.1

    Imbali kaDavide ityhila ubungqina obunomdla kakhulu obuye bubekho beengozi othi umphefumlo ube kuzo ngenxa yegunya nobutyebi kunye nokuphakanyiswa lihlabathi — izinto ezilangazelelwa ngamandla ngabantu. Bambalwa abantu abadlula kumava aye abalungiselele kanye ukuba baluthwale uvavanyo olunjalo. Ubomi basebutsheni bukaDavide bokuba ngumalusi, nezifundo zabo zokuthobeka, bokusebenza nzima ngenyameko, nobothando ekwaluseni umhlambi wakhe; ukuncokola nendalo kubomi bokuba yedwa ezindulini ezindle, ukuphuhlisa ubuchule emculweni nasekubongeni, nokukhokelela iingcamango kuMdali; uqeqesho olude lobomi basentlango, olwenza ukuba abe nesibindi, ukuqina, umonde, nokukholwa kuThixo, ezo zinto zonke zanyulwa nguYehova ukulungiselela itrone yakwaIsrayeli. UDavide wawonwabela amava amnandi othando lukaThixo, kwaye wayezaliswe ngokukhulu nguMoya waKhe; kwimbali kaSawule wakubona ukungabinto kobulumko bomntu nje kuphela. Noko kunjalo, impumelelo nokuphakanyiswa kwasemhlabeni kwasenza buthakathaka isimilo sikaDavide kangangokuba wathi rhoqo esoyiswa ngumlingi.ANa 746.2

    Unxulumano nabahedeni kwamkhokelela ukuba alangazelele ukulandela izithethe zabo, kwamphembelela ukufuna ubukhulu behlabathi. Njengabantu bakaYehova, uIsrayeli wayemele ukuhlonitshwa;kodwa, ngenxayokukhula kokuzigwagwisa nokuzithemba, uIsrayeli akazange aneliswe koku kubaluleka. Bazihluphe ngendlela ababonwa ngayo zezinye iintlanga. Lo moya awuzange uwe phantsi ekumemeni ukuhendwa. Wathi enengqondo yokunabisela uloyiso lwakhe kwezinye izizwe, uDavide wazimisela ukwandisa umkhosi wakhe ngokubizela emkhosini bonke abafikelele kwiminyaka emiselweyo. Ukuze ibe nokwenzeka le nto, kwafuneka ukuba kubalwe abantu. Yayilikratshi nokuthand’ udumo okwavuselela esi senzo kukumkani. Ukubalwa kwabantu kwakuza kubonisa umahluko phakathi kobuthakathaka bobukumkani ngexesha lokungena kukaDavide etroneni nokomelela nempumelelo phantsi kolawulo lwakhe. Oku kwakuza kukhuthaza ngakumbi ukuzithemba okwakuse kukukhulu kakhulu ebantwini nakukumkani. Isibhalo sithi, “Ke kaloku uSathana wesukela phezulu kumaIsrayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaIsrayeli.” Impumelelo kaIsrayeli phantsi kukaDavide yabakho ngenxa yentsikelelo kaThixo kungengaso isakhono sokumkani wakhe (uIsrayeli) okanye amandla emikhosi yakhe. Ukwandisa izixhobo zomkhosi wobukumkani kwakuza kunika izizwe ezibajikelezileyo ingqondo ethi, uIsrayeli uthembele emikhosini yakhe, hayi kumandla kaYehova.ANa 747.1

    Nangona abantu bakwaIsrayeli babezigwagwisa ngokuqina kwamandla esizwe sabo, abazange balijonge balithande icebo likaDavide lokwandisa kakhulu kangako inkonzo yasebukhosini. Ukongezwa okucetywayo kwabangela ukunganeliseki okukhulu; yenza loo nto ukuba kusetyenziswe amagosa omkhosi endaweni yababingeleli nabathethi-matyala, ababebala ngokomthetho. Injongo yako konke oku yayichasene ngokupheleleyo nemithetho-siseko yokulawula ngqo kukaThixo. NoYowabhi ngokwakhe wakhalima, nangona wayengumntu obonakala engenasazela siphilayo ukuza kuthi ga kweli thuba. Wathi, “UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaIsrayeli? Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaIsrayeli onke, weza eYerusalem.” Kwakungagqitywanga ukubala xa uDavide wasibonayo isono sakhe. Wazohlwaya, “wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu.” Ngentsasa elandelayo safika isigidimi kuDavide ngomprofeti uGadi: “Utsho uYehova ukuthi, Zityumbele; nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokubaziinyangaezintathuugxothwaziintshabazakho, nekrele leentshaba likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaIsrayeli. Kaloku ke,” watsho umprofeti, “yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.”ANa 747.2

    Impendulo kakumkani yathi, “Ndididekile kunene, masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.”ANa 748.1

    Ilizwe labethwa yindyikitya yokufa, eyatshabalalisa amawaka angamashumi asixhenxe amaIsrayeli. Kwathi isibetho singekafiki kwikomkhulu, “uDavide waphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.” Ukumkani wambongoza uThixo ngenxa kaIsrayeli: “Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe.”ANa 748.2

    Ukubalwa kwabantu kwenza inkcaso phakathi kwabantu; ukanti nabo babenazo izono ezifanayo nezo zakhuthaza uDavide ukuba ayenze loo nto. Njengoko uYehova wawisa isigwebo kuDavide ngenxa yesono sika-Abhisalom, ngokunjalo, ngenxa yempazamo kaDavide, wazohlwaya izono zikaIsrayeli.ANa 748.3

    Ingelosi etshabalalisayo yathi nqumama kwindlela engaphandle kweYerusalem. Yema kwintaba yeMoriya, “esandeni sikaOrnan umYebhusi.” Wathi eyalelwe ngumprofeti, uDavide wenyuka waya entabeni, apho wakhe khona isibingelelo kuYehova “wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.” “Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaIsrayeli.”ANa 748.4

    Le ndawo kwakhiwa kuyo isibingelelo, ukususela ngoko yathatyathwa njengomhlaba ongcwele, sisipho esanikwa ukumkani nguOrnan. Ukumkani akazange wasamkela ngolo hlobo. “Ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo,” watsho, “ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova,ndinyuse amadini anyukayoendiwazuze ngelize. UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.” Le ndawo, ekhunjulwa njengendawo apho uAbraham wakha khona isibingelelo awayeza kunikela kuso unyana wakhe, engcwalisiweyo ngoku koku kuhlangulwa kukhulu, yaza emva koko yakhethwa njengesiza setempile kaSolomon.ANa 748.5

    Kwakusekho elinye ilifu elaliza kugubungela iminyaka yokugqibela kaDavide. Wayefike kubudala obungamashumi asixhenxe. Iinzima nokuba lixhoba ngokubhadula kwiminyaka yobutsha bakhe, kwawufunxa umthombo wobomi. Nangona ingqondo yayisakugcinile ukuphaphama kunye namandla, ubuthakathaka kunye neminyaka, nolangazelelo lokubekwa kwezo zinto bucala, kwakukuthintela ukuqonda ngokukhawuleza oko kwakusenzeka ebukumkanini, kwaza kwaphinda kwabakho uvukelo kanye esithunzini setrone. Kwaphinda kwavela isiqhamo sikaDavide sokuyekela komzali. Owayexhunele etroneni ngoku yayinguAdoniya, “[o]bengumfo osiqu sihle,” ngenkangeleko nokumila, kodwa engenamthetho, engakhathali. Ebutsheni bakhe waye yekelwe kwimeko yokunqandwa kancinane; kuba “uyise ubengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje?” Ngoku wavukela igunya likaThixo, owayenyulele uSolomon etroneni. Ngako kokubini, izakhono zemvelo nesimilo senkolo, uSolomon wayengcono ukufaneleka kunomkhuluwa wakhe, ukuba abe ngumlawuli kaIsrayeli; kanti ke, nangona ukhetho lukaThixo beluxelwe ngokucacileyo, uAdoniya akazange afumane bunzima ukuba abe nabamvelayo. UYowabhi, nangona wayenamatyala amaninzi okwaphula umthetho, ukuza kuthi ga ngoku, wayenyanisekile etroneni; kodwa ngoku wangenelela kwiyelenqe elichase uSolomon, njengoko wenzayo umbingeleli uAbhiyatare.ANa 749.1

    Uvukelo lwaluvuthiwe; abangcatshi babehlangene kwitheko elikhulu ngaphandle kwesixeko ukuza kumisela uAdoniya njengokumkani, xa amacebo abo aphazanyiswa sisenzo esikhawulezileyo seqaqobana labantu abathembekileyo, phambili kubo kukho umbingeleli uZadok, umprofeti uNatan, noBatshebha umama kaSolomon. Bayibeka imeko yomcimbi phambi kokumkani, bemkhumbuza ngomyalelo wezulu wokuba uSolomon umele ukumlandela etroneni. Wehla kwangoko uDavide etroneni evulela uSolomon ithuba, owaya wathanjiswa ngoko, kwathiwa ungukumkani. Basindiswa ubomi buka-Abhiyatare, ngenxa yokuhlonitshwa kwesikhundla sakhe; nangokuthembeka kwakhe kwangaphambili kuDavide; kodwa wathotywa esikhundleni sokuba ngumbingeleli omkhulu, esadlulela kumlibo kaZadok. UYowabhi noAdoniya basindiswa okwethutyana, kodwa emva kokufa kukaDavide basinikwa isohlwayo ngokwaphula kwabo umthetho. Ukwenziwa kwesigwebo kunyana kaDavide kwagqibezela isigwebo esasintlantlu-ne esaba bubungqina bokusithiya kukaThixo isono sikayise (uDavide).ANa 749.2

    Kususela kwasekuqalekeni nje kokulawula kwakhe uDavide, elinye lezona zicwangcwiso zakhe eziphambili, yayikukwakhela uYehova itempile. Nangona wayengavunyelwanga ukuba awenze lo mnqweno, akazange abonakalise ulangazelelo nokunyaniseka okutyhafileyo ngakuwo. Waqokelela into eninzi yezixhobo zexabiso — igolide, isilivere, amatye anqabileyo, amatye anemibala eyahlukeneyo, nemithi enexabiso elikhulu. Kwakufuneka ke ngoku ezi zixhobo aziqokeleleyo zinikelwe kwabanye; kuba izezinye izandla ekufuneka zakhe indluyetyeya, umfuziselo wobukho bukaThixo.ANa 750.1

    Wathi akubona ukuba isiphelo sobomi bakhe sisondele, ukumkani wabizela kuye iinkosana zakwaIsrayeli, nabameli abaphuma kuzo zonke iinkalo zobukumkani, ukuba anikezele kubo umsebenzi. Walangazelela ukubanika intetho yakhe yokugqibela aze aqiniseke ukuba uzuza kubo ukuvuma nokuwuxhasa umsebenzi omkhulu ekufuneka wenziwe. Ngenxa yobulwelwe bomzimba wakhe, kwakungalindelekanga ukuba angabakho yena ngokwakhe kolu nikezelo; kodwa umoya kaThixo wamfikela, wathi, nangaphezu kokufuna nje namandla, wakwazi nokuthetha nabantu okokugqibela. Wabaxelela ngomnqweno wakhe wokwakha itempile, nomyalelo kaYehova wokuba umsebenzi uya kunikelwa kuSolomon unyana wakhe. Ingqinisekiso yezulu yayisithi, “USolomon unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise. Ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba uthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.” “Ngoko ke,” watsho uDavide, “ndiyaniyala emehlweni nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni”ANa 750.2

    UDavide wayekufunde kumava wakhe ukuba nzima kwendlela yomntu otenxayo kuThixo. Wakuva ukugwetywa ngumthetho owaphulweyo, waza wavuna iziqhamo zokuwaphula; umphefumlo wakhe wachukumiseka kakhulu yinkathalo yokuba iinkokeli zikaIsrayeli zinganyaniseka kuThixo, nokuba uSolomon awuthobele umthetho kaThixo, azinxweme izono ezabangela ukuba lihle igunya likayise,zabenza krakra ubomi bakhe, akamzukisa uThixo. UDavide wazi ukuba kuya kufuna intliziyo ethobekileyo, ukuhlala kuthenjelwe kuThixo, nokuphapha ngamaxesha onke ukumelana nezihendo eziya kuthi ngokuqinisekileyo zimphazamise uSolomon kwindawo ephakamileyo akuyo; kuba abantu abakwezo ndawo bangamaxhoba awodwa eenkolo zikaSathana. Waguqukela kunyana wakhe, owayesele eqinisekisiwe ukuba uya kumlandela etroneni, wathi uDavide, “Wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kwengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela. Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.”ANa 750.3

    UDavide wamnika uSolomon zonke iinkcukacha zokwakhiwa kwetempile, zinemiboniso yazo zonke iindawo, nazo zonke izixhobo zokusebenza, njengoko zazityhiliwe kuye yimpefumlelo engcwele. USolomon wayeselula, woyika ukuba umthwalo omkhulu kangako ube phezu kwakhe, ekwakhiweni kwetempile nasekulawuleni abantu bakaThixo. Wathi uDavide kunyana wakhe, “Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.”ANa 751.1

    Waphinda uDavide wabhenela ebandleni: “USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.” Wathi, “Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungiselele.” Waqhubeka ezibala izixhobo aziqokeleleyo. Ukudlula apho, wathi, “Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinengqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele; amawaka amathathu eetalente zegolide yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu.” “Ngubani na ke,” wabuza isihlwele esasibuthene sizise izipho zaso zothando—“oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?”ANa 751.2

    Kwabakho impendulo ekhawulezileyo ephuma kwintlanganiso. “Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaIsrayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomsebenzi wokumkani. Banikela kwinkonzo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu. Abo ke, kwafumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova. . . . Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo okukhulu.ANa 751.3

    “UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaIsrayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke. Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto. Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo. Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho. Ngokuba singabaphambukeli phambi kwakho, silundwendwe njengoobawo bethu bonke; injengesithunzi imihla yethu ehlabathini apha, kungekho themba lakuhlala. Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, siyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke. Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye.ANa 752.1

    “Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo. Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noIsrayeli, oobawo bethu, kugcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo; uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo. Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova.”ANa 752.2

    Ngowona mdla mkhulu, ukumkani waqokelela iimpahla zexabiso ukuze kwakhiwe, kuhonjiswe itempile. Wayeqambe iingoma ezizukileyo ezathi zavakala emasangweni ayo sekuyiminyaka emva koko. Ngeli xesha intliziyo yakhe yaba novuyo kuThixo, xa abazali abaziintloko neenkosana zakwaIsrayeli bonke besabela ngesihomo kwisibheno sakhe, bezinikela emsebenzini obalulekileyo owawuphambi kwabo. Bathi ekunikeleni inkonzo yabo, kwaba kukona bezinikela ukwenza ngakumbi. Bayinyusa iminikelo, bethabatha kwezabo iimpahla ukufaka kuvimba. UDavide wakuva kakhulu ukungafaneleki kwakhe ukuqokelela iimpahla zendlu kaThixo, nokubabaza ukunyaniseka ekusabeleni okukhawulezileyo okwenziwa ngamadoda azizihandiba obukumkani bakhe, xa babenikela ngeentliziyo ezikhululekileyo indyebo yabo kuYehova, nabo bezinikela emsebenzini waKhe, kwaza konke oko kwamzalisa ngovuyo. NguThixo kuphela owazisa le meko kubantu baKhe. NguYe, hayi umntu, omakadunyiswe. YayinguYe owayenike abantu ubutyebi bomhlaba, waza uMoya waKhe wabenza ukuba bakhululeke ukunikela ngezinto zabo ezinexabiso etempileni. Konke kwakukokukaYehova; ukuba uthando lwaKhe lwalungasebenzanga ezintliziyweni zabantu, imizamo kakumkani ngeyaba lilize, netempile ingazange yakhiwe.ANa 753.1

    Konke oko akufumanayo umntu kubuncwane bukaThixo, kuse kokukaThixo. Nayiphina into anikele ngayo uThixo kwizinto ezinexabiso nezintle zomhlaba, uzibeka ezandleni zabantu ukuze abavavanye—ukuhlola ubunzulu bothando lwabo ngakuYe nokuxabisa izibele zaKhe. Nokuba ngamagugu obutyebi okanye obuchopho, konke kufuneka kubekwe ezinyaweni zikaYesu, zingumnikelo wokuzithandela; ngelo xesha, onikelayo esithi, kunye noDavide, “Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.”ANa 753.2

    Ngexesha esiva ukuba ukufa kuyasondela, umthwalo wentliziyo kaDavide wawuthe tyu kuSolomon nasebukumkanini bakwaIsrayeli, obumpumelelo yabo yayixhomekeke kakhulu ekunyanisekeni kokumkani wabo (ubukumkani). “Wamwisela umthetho uSolomon unyana wakhe, wathi, Ndihamba indlela yehlabathi lonke; yomelela ke ube yindoda, ugcine isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, . . . ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo; ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngendlela yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaIsrayeli.” 1 Kumkani 2:1-4.ANa 753.3

    “Amazwi okugqibela” kaDavide, njengoko ebhaliwe, ayingoma—ingoma yokuthemba, owona mthetho-siseko uphakamileyo, nokholo olungafiyo:ANa 754.1

    “Utsho uDavide unyana kaYese,
    Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,
    Umthanjiswa woThixo kaYakobi,
    Omihobe imnandi kwaIsrayeli,
    Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam,
    Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
    Uthi uThixo kaIsrayeli,
    ULiwa lakwaIsrayeli uthetha kum, uthi,
    Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,
    Elawula ngokoyika uThixo.
    Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,
    Njengentsasa engenamafu,
    Lakusa ibisina,
    Lwakuphuma uhlaza endle.
    Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo?
    Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade,
    Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;
    Kuba ukusindiswa kwam konke,
    nokunqwena kwam konke,
    Akayi kukuhlumisa yini na?
    ANa 754.2

    2 Samuweli 23:1-5.

    Saba sikhulu isiwo sikaDavide, kodwa yayinzulu inguquko yakhe, lunzulu uthando lwakhe, luqinile ukholo lwakhe. Waxolelwa kakhulu, ngenxa yoko wathanda kakhulu. Luka 7:48.ANa 754.3

    Iindumiso zikaDavide zithubeleza kuluhlu lwamava, ukusuka kwiinzulu zobutyala besazela nokuzigweba kuse kolona luphezulu ukholo nokona kuphezulu ukuxhumana noThixo. Ingxelo yobomi bakhe ixela ukuba isono sizisa kuphela ihlazo nentlungu, kodwa uthando nenceba kaThixo, zifikelela kwezona nzulu, nokuba ukholo luyawuphakamisa umphefumlo oguqukayo ukuba uxhamle ukwamkelwa njengomnye woonyana bakaThixo. Kuko konke ukuqinisekisa okuselizwini laKhe, obu bobunye bobungqina bokunyaniseka, kobulungisa, kunye nomnqophiso wenceba kaThixo.ANa 754.4

    Umntu “ubaleka njengethunzi, angemi,” “ke lona ilizwi likaThixo liya kuma ngonaphakade.” “Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana; kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe, kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.” Yobhi 14:2; Isaya 40:8; Ndumiso 103:17, 18.ANa 754.5

    “Into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade.” Intshumayeli 3:14.ANa 754.6

    Zingummangaliso izithembiso uThixo azenze kuDavide nendlu yakhe, ezijonge phambili kunaphakade, nezizaliseke ngokupheleleyo kuKristu. UYehova wathi:ANa 754.7

    “Ndenze umnqophiso nomnyulwa wam . . . esiya kuqinisela kuye isandla sam, nengalo yam imkhaliphise. . . . Inyaniso yam nenceba yam inaye; luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe, eMilanjeni esokunene sakhe. Yena ukundibiza wothi, UnguBawo, unguThixo wam, neliwa lokusindisa. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo, osenyangweni kookumkani behlabathi. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade, umnqophiso wam unyanise kuye.” Ndumiso 89:3-28.ANa 755.1

    “Ndiyimise ngonaphakade imbewu yakhe,
    netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.”
    ANa 755.2

    Ndumiso 89:29.

    “Makagwebe ityala labazintsizana ebantwini,
    Asindise oonyana bamahlwempu,
    Abatyumze abacudisi.
    Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilanga
    Kwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana. . . .
    Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo,
    Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni.
    Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa,
    Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga.
    Makaphathe ubukhosi ethabathela
    elwandle ase elwandle,
    Ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni
    zehlabathi.”
    “Malibe ngunaphakade igama lakhe;
    Malivelise amagatya igama lakhe
    phambi kwelanga,
    Bazisikelele ngaye;
    Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo.”
    ANa 755.3

    Ndumiso 72:4-8, 17.

    “Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo.” “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.” Isaya 9:6; Luka 1:32, 33.ANa 755.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents