Go to full page →

Idinga Lokubuya Kwakhona IL 217

Xa abafundi babondele kalusizi ezulwini ukuba bayibone okokugqibela iNkosi yabo enyukayo, izithunywa ezibini ezivethe iingubo ezimhlophe zema ngakubo, zathi, “Madoda, maGalili, nimele ni na nondele ezulwini? Kwa yena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngoluhlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.” Zenzo 1: 11. Abafundi kunye nonina kaYesu, owaye kubonile kunye nabo ukunyuswa kukaNyana kaThixo, babuchitha ubusuku obulandelayo ngokuthetha ngezenzo zakhe ezingummangaliso nangeziganeko ezingaqhelekanga nezizukileyo ezehla ngexeshana elifutshane. IL 217.2