Go to full page →

Ingqumbho kaSatana IL 217

USatana kwakhona wacebisana nezithunywa zakhe, waza enentiyo enkulu ngakulaulo lukaThixo wa zixelela ukuba ngethuba asenawo amandla negunya lakhe phezu komhlaba, imizamo yazo ma iphindwe kalishumi ngamandla ekuchaseni abalandeli bakaYesu. Azizuzanga loyiso ekuchaseni uKristu, ngoko ke ma ziboyise abalandeli bakhe, ukuba kunokwenzeka. Kuso sonke isizukulwana ma zizamele ukubambhisa aabo bafuna ukukholwa kuYesu. Wazixelela izithunywa zakhe ukuba uYesu ubanike abafundi bakhe igunya lokuzikhupha, babaphilise aabo ziya kubathuthumbhisa. Zaphuma ke izithunywa zikaSatana zinjengeengonyama ezigqumayo, zifuna ukutshabalalisa abalandeli bakaYesu. IL 217.3